IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Genesis 41:8
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 8 Kwathi kusasa, waphazamiseka emoyeni.+ Ngoko wathumela ukuba kubizwe bonke ababingeleli abaqhelisela umlingo baseYiputa+ nazo zonke izilumko zakhona,+ waza uFaro wababalisela amaphupha akhe.+ Kodwa akubangakho namnye uwatolikileyo kuFaro.

  • Isaya 19:11
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 11 Iinkosana zaseTsowan+ eneneni zizizidenge. Ngokubhekisele kwizilumko ezikubacebisi bakaFaro ke, icebo lazo liyinto engekho ngqiqweni.+ Niya kutsho njani na kuFaro ukuthi: “Ndingunyana wezilumko, unyana wookumkani bamaxesha amandulo”?

  • Yeremiya 27:9
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 9 “‘“‘Nina ke, musani ukubaphulaphula abaprofeti benu+ nabo benu bavumisayo nabaphuphi benu+ nabo benu abaqhelisela umlingo nabakhafuli benu,+ abathi kuni: “Nina aniyi kumkhonza ukumkani waseBhabhiloni.”+

  • Daniyeli 2:2
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 2 Ngoko ukumkani wathi makubizwe ababingeleli abaqhelisela imilingo+ nabanobugqi nabakhafuli namaKhaledi ukuze bamxelele amaphupha akhe.+ Bangena ke bema phambi kokumkani.

  • 2 Timoti 3:8
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 8 Kanye njengokuba uYanes noYambresi+ bamchasayo uMoses, nabo aba bayaqhubeka beyichasa inyaniso,+ kuba bonakele ngokupheleleyo engqondweni,+ nokholo lwabo luphuthile.+

  • ISityhilelo 21:8
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 8 Kodwa ke wona amagwala nabangenalo ukholo+ nabalizothe ngenxa yobunyhukunyhuku+ babo nababulali+ nabahenyuzi+ nabasebenzelana nemimoya nabanquli-zithixo+ nawo onke amaxoki,+ isahlulo sabo siya kuba sedikeni elivutha umlilo+ nesalfure.+ Oku kuthetha ukufa kwesibini.”+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share