IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Rute 1:17
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 17 Apho ufela khona ndiya kufela khona,+ ndingcwatyelwe khona. Wanga uYehova angenjenjalo kum aze ongeze+ kuko ukuba kungabikho nantoni na enokusahlula ngaphandle kokufa.”

  • 1 Samuweli 18:3
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 3 Waza uYonatan noDavide benza umnqophiso,+ ngenxa yokumthanda kwakhe njengomphefumlo wakhe.+

  • 1 Samuweli 19:2
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 2 Ke yena uYonatan, unyana kaSawule, wayeyoliswa kakhulu nguDavide.+ Ngoko uYonatan wamxelela uDavide, esithi: “USawule ubawo ufuna ukukubulalisa. Uze ke ukhe uzilinde, nceda, kusasa, yaye umele uhlale emfihlekweni uze uzifihle.+

  • 1 Samuweli 20:17
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 17 Ngoko uYonatan wafunga kwakhona kuDavide ngenxa yothando lwakhe ngaye; kuba wamthanda njengokuthanda kwakhe umphefumlo wakhe.+

  • 1 Samuweli 20:41
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 41 Wahamba umlindi. Ke yena uDavide, wesuka kufuphi apho waya ngasemzantsi. Wandula ke wawa ngobuso emhlabeni+ waza waqubuda izihlandlo ezithathu; baqala ukwangana+ nokulilelana, wada uDavide waba utsho kakhulu.+

  • 1 Samuweli 23:16
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 16 Ke kaloku wesuka uYonatan unyana kaSawule waza waya kuDavide eHoreshi, ukuze asomeleze+ isandla sakhe ngokubhekisele kuThixo.+

  • IMizekeliso 17:17
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 17 Iqabane lokwenyaniso lithanda ngamaxesha onke,+ yaye lingumzalwana ozalelwe ixesha lokubandezeleka.+

  • IMizekeliso 18:24
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 24 Wambi amaqabane ayonakalisana,+ kodwa kukho umhlobo onamathela ngokusondele ngakumbi kunomntakwenu.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share