18 Waza uAsa wathabatha yonke isilivere negolide eyayisele kubuncwane bendlu kaYehova nobuncwane bendlu kakumkani, wayinikela ezandleni zabakhonzi bakhe; yaye uKumkani uAsa wabathumela kuBhen-hadadi+ unyana kaTabhrimon unyana kaHeziyon, ukumkani waseSiriya,+ owayehlala eDamasko,+ esithi: