1 Samuweli 3:13 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 13 Uze umxelele ke ukuba ndiyayigweba indlu yakhe+ ukusa kwixesha elingenammiselo ngenxa yesiphoso asaziyo,+ ngenxa yokuba oonyana bakhe baqalekisa uThixo,+ yena akabakhalimela.+ IMizekeliso 13:24 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 24 Oyiyekileyo intonga yakhe umthiyile unyana wakhe,+ kodwa omthandayo umfunela ingqeqesho.+ IMizekeliso 22:6 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 6 Yiqeqeshe inkwenkwe ngokwendlela yayo;+ naxa indala ayisayi kuphambuka kuyo.+ IMizekeliso 22:15 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 15 Ubudenge bubotshiwe entliziyweni yenkwenkwe;+ intonga yengqeqesho iya kubushenxisela kude kuyo.+ IMizekeliso 23:13 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 13 Musa ukuluyeka uqeqesho enkwenkweni.+ Ukuba uthe wayibetha ngentonga, ayisayi kufa. IMizekeliso 29:15 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 15 Intonga nesohlwayo zinika ubulumko;+ kodwa inkwenkwe eyekelelwayo iya kumhlazisa unina.+ Hebhere 12:7 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 7 Bunyamezeleni ubunzima, kuba yingqeqesho.+ UThixo uniphethe njengoonyana bakhe.+ Kuba nguwuphi na unyana ongaqeqeshwayo nguyise?+
13 Uze umxelele ke ukuba ndiyayigweba indlu yakhe+ ukusa kwixesha elingenammiselo ngenxa yesiphoso asaziyo,+ ngenxa yokuba oonyana bakhe baqalekisa uThixo,+ yena akabakhalimela.+
7 Bunyamezeleni ubunzima, kuba yingqeqesho.+ UThixo uniphethe njengoonyana bakhe.+ Kuba nguwuphi na unyana ongaqeqeshwayo nguyise?+