IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Yeremiya 23:20
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 20 Umsindo kaYehova awuyi kubuya ade awuphumeze,+ ade azenze zibe yinyaniso iingcinga zentliziyo yakhe.+ Ekupheleni kwemihla niya kukunikela ingqalelo yenu oko ngokuqonda.+

  • Yeremiya 30:24
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 24 Umsindo kaYehova ovuthayo awuyi kubuya de abe uziphumezile, de abe uzifezile iingcinga zentliziyo yakhe.+ Ekupheleni kwemihla niya kukunikela ingqalelo yenu oku.+

  • Hezekile 38:16
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 16 Uya kubopheleleka ukuba ubafikele abantu bam amaSirayeli, njengamafu agubungele ilizwe.+ Ekupheleni kwemihla oku kuya kwenzeka, yaye ngokuqinisekileyo ndiya kukuzisa elizweni lam,+ ngenjongo yokuba iintlanga zindazi xa ndizingcwalisa kuwe phambi kwamehlo azo, Gogi.”’+

  • Daniyeli 12:9
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 9 Yona yahlabela mgama yathi: “Hamba, Daniyeli, kuba la mazwi aya kugcinwa eyimfihlelo, atywinwe kude kube lixesha lesiphelo.+

  • IZenzo 2:17
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 17 ‘“Yaye ngemihla yokugqibela,” utsho uThixo, “ndiya kuthululela inxalenye yomoya wam+ phezu kwalo lonke uhlobo lwenyama, ibe baya kuprofeta oonyana benu neentombi zenu kwaye abafana benu baya kubona imibono namadoda enu amadala aya kuphupha amaphupha;+

  • 2 Timoti 3:1
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 3 Ke, kwazi oku, ukuba ngemihla yokugqibela+ kuya kufika amaxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo.+

  • ISityhilelo 12:12
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 12 Ngoko chulumancani, nina mazulu nani nihlala kuwo!+ Yeha+ kuwo umhlaba nakulo ulwandle,+ ngenxa yokuba uhlile weza kuni uMtyholi, enomsindo omkhulu, esazi ukuba ixesha analo lifutshane.”+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share