IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Ezra 3:12
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 12 Ababingeleli abaninzi+ nabaLevi neentloko zezindlu zooyise,+ amadoda amadala awayeyibonile indlu yangaphambili,+ babelila+ ngelizwi elikhulu ekubekweni kwesiseko+ sale ndlu phambi kwamehlo abo, ngoxa abanye abaninzi babephakamisa ilizwi bekhwaza ngovuyo.+

  • Nehemiya 8:17
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 17 Ngaloo ndlela lonke ibandla labo babebuye ekuthinjweni lenza iminquba laza lahlala eminqubeni; kuba oonyana bakaSirayeli babengenzi ngaloo ndlela ukususela kwimihla kaYoshuwa unyana kaNun+ de kube ngaloo mini, kangangokuba baba nemihlali kakhulu.+

  • Isaya 35:10
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 10 Kwaye bona kanye abo bakhululweyo nguYehova baya kubuya baze+ ngokuqinisekileyo beze eZiyon ngentswahla yovuyo;+ nemihlali iya kuba phezu kwentloko yabo ukusa kwixesha elingenammiselo.+ Baya kugcoba babe nemihlali, intlungu nokuncwina kusabe kubo.+

  • Isaya 51:11
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 11 Ngoko abo bahlawulelweyo bakaYehova baya kubuya beze eZiyon bememelela ngovuyo,+ babe nemihlali ukusa kwixesha elingenammiselo.+ Baya kufumana imigcobo nemihlali.+ Ngokuqinisekileyo iya kusaba intlungu nokuncwina.+

  • Yeremiya 31:4
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 4 Kanti ndiya kubuya ndikwakhe yaye okunene uya kubuya wakheke,+ ntombi inyulu kaSirayeli. Usaya kuzivathisa ngeentambula uze okunene uphumele kumngqungqo wabo bahlekayo.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share