Isaya 30:2 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 2 abo banduluka behle baye eYiputa+ nabo bangabuzanga emlonyeni wam,+ ukuze baye kungena ekhusini legwiba likaFaro nokuze basabele emthunzini waseYiputa!+ Isaya 31:1 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 31 Yeha ke abo baya eYiputa ukuba bancedwe,+ abo bathembela ngamahashe,+ nabo bakholosa ngeenqwelo zokulwa ezininzi, nangamahashe emfazwe,+ ngenxa yokuba enamandla kakhulu, kodwa abangakhangelanga kuLowo Ungcwele kaSirayeli nabangamfunanga uYehova.+ IZililo 5:6 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 6 Isandla sisinika+ iYiputa;+ iAsiriya,+ ukuze sifumane ulwaneliseko ngesonka. Hezekile 16:26 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 26 Uzenze unongogo woonyana baseYiputa,+ abamelwane bakho abakhulu ngenyama,+ wabenza baphuphuma ubunongogo bakho ukuze undicaphukise. Hezekile 17:15 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 15 Kodwa ekugqibeleni wamvukela+ ngokuthumela abathunywa bakhe eYiputa, ukuze yona imnike amahashe+ nenkitha yesizwana. Uya kuphumelela na? Uya kusinda na, lo wenza ezi zinto, nowaphule umnqophiso? Ngaba okunene uya kusinda na?’+ Hezekile 23:3 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 3 Baqala bazenza oonongogo eYiputa.+ Ebutsheni babo baba ngoonongogo.+ Amabele abo acofwa apho,+ zacinezelwa izifuba zobunyulu babo. 2 Korinte 6:14 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 14 Musani ukubotshwa edyokhweni kunye nabangakholwayo.+ Kuba bunabubudlelane buni na ubulungisa nokuchas’ umthetho?+ Okanye kunakwabelana kuni na ukukhanya nobumnyama?+
2 abo banduluka behle baye eYiputa+ nabo bangabuzanga emlonyeni wam,+ ukuze baye kungena ekhusini legwiba likaFaro nokuze basabele emthunzini waseYiputa!+
31 Yeha ke abo baya eYiputa ukuba bancedwe,+ abo bathembela ngamahashe,+ nabo bakholosa ngeenqwelo zokulwa ezininzi, nangamahashe emfazwe,+ ngenxa yokuba enamandla kakhulu, kodwa abangakhangelanga kuLowo Ungcwele kaSirayeli nabangamfunanga uYehova.+
26 Uzenze unongogo woonyana baseYiputa,+ abamelwane bakho abakhulu ngenyama,+ wabenza baphuphuma ubunongogo bakho ukuze undicaphukise.
15 Kodwa ekugqibeleni wamvukela+ ngokuthumela abathunywa bakhe eYiputa, ukuze yona imnike amahashe+ nenkitha yesizwana. Uya kuphumelela na? Uya kusinda na, lo wenza ezi zinto, nowaphule umnqophiso? Ngaba okunene uya kusinda na?’+
3 Baqala bazenza oonongogo eYiputa.+ Ebutsheni babo baba ngoonongogo.+ Amabele abo acofwa apho,+ zacinezelwa izifuba zobunyulu babo.
14 Musani ukubotshwa edyokhweni kunye nabangakholwayo.+ Kuba bunabubudlelane buni na ubulungisa nokuchas’ umthetho?+ Okanye kunakwabelana kuni na ukukhanya nobumnyama?+