IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Yeremiya 49:8
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 8 Sabani!+ Rhoxani! Yehlelani enzulwini ukuze nihlale,+ bemi bakwaDedan!+ Ngokuba lifikile ixesha lokuba ndimzisele intlekele ka-Esawu, ndiphethulele ingqalelo yam kuye.+

  • IZililo 4:22
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 22 Isiphoso sakho, ntombi yaseZiyon, sifikelele esiphelweni saso.+ Akayi kukuthabathela ekuthinjweni kwakhona.+

      Uphethulele ingqalelo yakhe kwisiphoso sakho, ntombi yakwaEdom. Uzityhilile izono zakho.+

  • Hezekile 36:5
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 5 ngoko ke itsho iNkosi enguMongami uYehova ukuthi, ‘Ngokuqinisekileyo ngomlilo wenzondelelo yam ndiza kuthetha+ nxamnye nabaseleyo beentlanga ne-Edom, iyonke,+ abo bazinike ilizwe lam njengelifa benemihlali yentliziyo yonke,+ nokugculela emphefumlweni,+ ngenxa yedlelo lalo nokuphanga.’”’+

  • Amosi 1:11
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 11 “Utsho uYehova ukuthi, ‘Ngenxa yokuvukela kathathu kukaEdom,+ nangenxa yokuba kukane, andiyi kukubuyisa oku, ngenxa yokusukela kwakhe umntakwabo ngekrele,+ nangenxa yokuba wonakalisa iimpawu zakhe zenceba,+ nomsindo wakhe uqwenga ngonaphakade; nokuvutha komsindo wakhe—wakugcina ngokungapheliyo.+

  • Obhadiya 1
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 1 Umbono kaObhadiya:

      Itshilo iNkosi enguMongami uYehova ngoEdom ukuthi:+ “Sive ingxelo evela kuYehova, yaye kuthunyelwe umthunywa ezintlangeni esithi, ‘Masisuke, siye edabini silwe naye.’”+

  • Obhadiya 10
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 10 Ngenxa yokugonyamela umntakwenu uYakobi,+ uya kugutyungelwa lihlazo,+ yaye kuya kufuneka unqunyulwe ukusa kwixesha elingenammiselo.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share