IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Daniyeli 7:14
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 14 Wanikwa ulawulo+ nesidima+ nobukumkani,+ ukuze zonke izizwana neentlanga neelwimi zimkhonze.+ Ulawulo lwakhe lulawulo oluhlala ngokungenammiselo olungayi kudlula, nobukumkani bakhe bobungayi konakaliswa.+

  • Mateyu 20:21
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 21 Wathi kuye: “Ufuna ntoni na?” Wathi yena: “Khupha ilizwi lokuba aba nyana bam babini bahlale, omnye ngasekunene kwakho nomnye ngasekhohlo kwakho, ebukumkanini bakho.”+

  • Mateyu 25:31
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 31 “Xa uNyana womntu+ efika esebuqaqawulini bakhe, nazo zonke iingelosi zikunye naye,+ uya kwandula ke ahlale phantsi kwitrone yakhe yobuqaqawuli.+

  • Luka 18:29
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 29 Wathi kubo: “Inene ndithi kuni, Akukho bani ushiye indlu okanye umfazi okanye abantakwabo okanye abazali okanye abantwana ngenxa yobukumkani bukaThixo+

  • Luka 22:30
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 30 ukuze nidle,+ nisele etafileni yam ebukumkanini bam,+ nize nihlale ezitroneni+ ukuze nigwebe izizwe ezilishumi elinesibini zakwaSirayeli.

  • 1 Korinte 6:2
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 2 Okanye anazi na ukuba abo bangcwele baya kugweba+ ihlabathi?+ Yaye ukuba ihlabathi liza kugwetywa nini, anifaneleki na ukugweba izinto ezingenamsebenzi kakhulu?+

  • ISityhilelo 20:4
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 4 Ndabona iitrone,+ yaye abo babehleli kuzo banikwa igunya lokugweba.+ Ewe, ndabona imiphefumlo yabo babebulewe ngezembe ngenxa yobungqina ababunikelayo ngoYesu nangenxa yokuthetha ngoThixo, nabo babengalinqulanga irhamncwa+ nomfanekiso walo+ nababengalwamkelanga uphawu ebunzini labo okanye esandleni sabo.+ Babuyela ebomini baza balawula njengookumkani+ kunye noKRISTU iminyaka eliwaka.

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share