INtshumayeli
8 Ngubani na onjengesilumko?+ Ngubani na okwaziyo ukutolikwa kwento?+ Ubulumko bomntu buyabukhanyisa ubuso bakhe, kwanobulukhuni bobuso bakhe buyatshintshwa bube buhle.+
2 Ndithi: “Gcina umyalelo wokumkani,+ ngenxa yesifungo sikaThixo.+ 3 Musa ukukhawuleza, ukusuka ebusweni bakhe.+ Musa ukuma entweni embi.+ Kuba konke ayoliswa kukukwenza uya kukwenza,+ 4 ngenxa yokuba ilizwi lokumkani liligunya lokulawula;+ yaye ngubani onokuthi kuye: ‘Wenza ntoni na?’”
5 Ogcina umyalelo akayi kuyazi into eyintlekele,+ yaye intliziyo yesilumko iya kulazi ixesha nesigwebo.+ 6 Kuba kukho ixesha nesigwebo kuwo wonke umcimbi,+ ngenxa yokuba intlekele yoluntu ininzi phezu kwalo.+ 7 Akukho bani ukwaziyo oko kuya kubakho,+ ngenxa yokuba ngubani na onokuyixela indlela okuya kubakho ngayo?
8 Akukho mntu unegunya phezu komoya ukuba awuthintele umoya;+ akakho nonegunya lokuwulawula umhla wokufa;+ kungekho nokukhululeka emfazweni.+ Yaye ubungendawo abuyi kubasindisa abo bazifica ngabo.+
9 Le nto yonke ndiyibonile, ndaza ndayinikela intliziyo yam kwizenzo zonke ezenziwayo phantsi kwelanga, ngexesha athi umntu alawule umntu iba kukwenzakala kwakhe.+ 10 Kodwa, nangona oko kunjalo, ndibabonile abangendawo bengcwatywa,+ indlela abafika ngayo nendlela abemka ngayo endaweni engcwele+ baze balityalwe kweso sixeko abenze ngaloo ndlela kuso.+ Kwanako oku kungamampunge.
11 Ngenxa yokuba isigwebo nxamnye nomsebenzi ombi singaphunyezwa ngokukhawuleza,+ ngoko intliziyo yoonyana babantu izele ngaphakathi kwabo kukwenza okubi.+ 12 Nangona umoni esenza okubi+ izihlandlo ezilikhulu aze aqhubeke ixesha elide kangangoko ethanda, ndiyaqonda ukuba kuya kulunga kwabamoyikayo uTHIXO oyinyaniso,+ ngenxa yokuba babesoyika yena.+ 13 Kodwa akuyi kuba kuhle konke konke kongendawo,+ yaye akayi kuyolula imihla yakhe enjengethunzi,+ ngenxa yokuba akamoyiki uThixo.+
14 Kukho amampunge enzekayo emhlabeni, kuba kukho amalungisa ahlelwa ngokokwenza kwabangendawo,+ yaye kukho abangendawo abahlelwa ngokokwenza kwamalungisa.+ Ndathi kwanaloo nto ingamampunge.
15 Ndaza ndayincoma imihlali,+ kuba kungekho nto ilulungele ngakumbi uluntu phantsi kwelanga kunokuba ludle, lusele, lube nemihlali, yaye oko kufanele kulupheleke ekusebenzeni kwalo nzima ngemihla yobomi balo,+ athe uTHIXO oyinyaniso walunika yona phantsi kwelanga.+ 16 Ngokuvumelana noku ndayinikela intliziyo yam+ ukuba ndibazi ubulumko nokuba ndiwubone umsebenzi owenziwayo emhlabeni,+ ngenxa yokuba kukho ongabuboniyo ubuthongo ngamehlo akhe, enoba kusemini okanye ebusuku.+
17 Ndaza ndakubona konke ukusebenza koTHIXO oyinyaniso,+ indlela uluntu olungakwazanga ngayo ukukuqonda okwenziweyo phantsi kwelanga;+ noko ke, kungakhathaliseki ukuba uluntu lusebenza nzima kangakanani na lufuna ukukuqonda, kodwa aluze lukuqonde.+ Kwanokuba lungathi luzizilumko ngokwaneleyo ukuba lukuqonde,+ alunakukuqonda.+