Isaya
8 Waza uYehova wathi kum: “Thabatha icwecwe elikhulu,+ ubhale kulo ngosiba lomntu ofayo, uthi, ‘Mahere-shalali-hashe-bhazi.’ 2 Yaye mandingqinelwe+ ngamangqina athembekileyo,+ u-Uriya umbingeleli+ noZekariya unyana kaYerebhekiya.”
3 Ndandula ke ndasondela kumprofetikazi, wamitha, wazala unyana.+ Ke kaloku wathi uYehova kum: “Mbize ngokuba nguMahere-shalali-hashe-bhazi igama lakhe, 4 kuba phambi kokuba inkwenkwe leyo ikwazi ukumemeza ithi,+ ‘Tata!’ nokuthi ‘Mama!’ ubuncwane baseDamasko namaxhoba aseSamariya aya kuthwalelwa phambi kokumkani waseAsiriya.”+
5 Waza uYehova wathetha kum ngokubhekele phaya, esithi: 6 “Ngenxa yokuba esi sizwana siwagatyile+ amanzi aseShilowa+ ahamba kuhle, yaye kukho ukugcoba+ ngenxa kaRetsin unyana kaRemaliya;+ 7 ngoko ke, khangela! uYehova unyusa nxamnye nabo+ amanzi anamandla namaninzi oMlambo,+ ukumkani waseAsiriya+ nozuko lwakhe lonke.+ Kwaye ngokuqinisekileyo uya kunyuka abe ngaphezu kwayo yonke imisinga yakhe aye naphezu kwalo lonke udonga lwakhe 8 aze adlulele kwaYuda. Okunene uya kukhukula adlule.+ Uya kufikelela phezulu entanyeni.+ Nokunaba kwamaphiko akhe+ kumele kuzalise ububanzi belizwe lakho, Imanuweli!”+
9 Hlaban’ umkhosi, nina zizwana, niqotywe; bekani indlebe, nonke nina nikwiinxalenye ezikude zomhlaba!+ Bhinqani,+ niqotywe!+ Bhinqani, niqotywe! 10 Cebani icebo, lotshitsha!+ Thethani naliphi na ilizwi, aliyi kuma, ngokuba uThixo unathi!+ 11 Kuba utshilo kum uYehova ngesandla esomeleleyo, ukuze andisuse ekuhambeni ngendlela yesi sizwana, esithi: 12 “Nize ningathi, ‘Liyelenqe!’+ ngokuphathelele konke oko esi sizwana sithi ngako, ‘Liyelenqe!’ nento eyoyikwa siso ningayoyiki, ningangcangcazeliswa yiyo.+ 13 UYehova wemikhosi—Nguye enifanele nimngcwalise,+ nimoyike,+ yaye Nguye enifanele nimngcangcazelele.”+
14 Umele abe njengendawo engcwele;+ kodwa njengelitye lokubetheka nanjengeliwa lokukhubeka+ kuzo zombini izindlu zakwaSirayeli, njengesibatha nomgibe kubemi baseYerusalem.+ 15 Kwaye ngokuqinisekileyo abaninzi phakathi kwabo baya kukhubeka bawe baze baphuke, barhintyelwe babanjwe.+
16 Busonge ubungqina,+ uwutywine umthetho phakathi kwabafundi bam!+ 17 Yaye ndiza kuhlala ndilindele kuYehova,+ obufihlayo ubuso bakhe endlwini kaYakobi,+ ndithembele kuye.+
18 Khangela! Mna nabantwana andinikileyo uYehova+ sinjengemiqondiso+ nemimangaliso kwaSirayeli evela kuYehova wemikhosi, ohlala eNtabeni yeZiyon.+
19 Ukuba ke kunokwenzeka bathi kuni: “Celani kwabaneshologu+ okanye kwabo banomoya wokuxela kwangaphambili abatswitswizayo+ nabathetha amazwi ngesandi esiphantsi,” abafanelanga na abantu bacele kuThixo wabo?+ [Kufanele kucelwe] kubantu abafileyo na ngenxa yabantu abaphilayo?+ 20 Kuwo umthetho nakubo ubungqina!+
Ngokuqinisekileyo baya kuthetha ngokwale ngxelo+ ekuya kuthi ke kungabikho kukhanya kwesifingo.+ 21 Ngamnye uya kudlula elizweni ebandezelekile, elambile;+ athi ngenxa yokuba elambile, acaphuke aze akhangele esibhakabhakeni, aqalekise ukumkani wakhe noThixo wakhe.+ 22 Uya kukhangela nasemhlabeni, abone ukubandezeleka nobumnyama,+ ukusithakala, amaxesha obunzima nesithokothoko kungekho kuqaqamba.+