Yobhi
1 Kwaye kukho indoda kwilizwe laseUtse+ egama linguYobhi;+ yaye loo ndoda yangqineka ingenakusoleka,+ ithe tye,+ imoyika uThixo+ kwaye iphambuka ebubini.+ 2 Yazalelwa oonyana abasixhenxe neentombi ezintathu.+ 3 Imfuyo yayo+ yaba zizimvu ezingamawaka asixhenxe neenkamela ezingamawaka amathathu nezipani zeenkomo ezingamakhulu amahlanu neemazi zamaesile ezingamakhulu amahlanu, kunye nabakhonzi abaninzi kakhulu; yaye loo ndoda yaba yeyona inkulu kubo bonke abaseMpumalanga.+
4 Oonyana bayo babesiya kwenza isidlo+ endlwini yakhe ngamnye ngeyakhe imini; kwaye babethumela bameme oodade wabo abathathu ukuza kudla basele nabo. 5 Yaye kwakusithi xa imihla yezidlo iwenzile umjikelo wayo, uYobhi athumele abangcwalise;+ yaye wayevuka ekuseni aze anikele imibingelelo etshiswayo+ ngokwenani labo bonke; kuba, wayesithi uYobhi, “mhlawumbi oonyana bam bonile baza bamqalekisa+ uThixo entliziyweni yabo.”+ Leyo yindlela awayesoloko esenza ngayo uYobhi.+
6 Ngoku kwaba yimini oonyana boTHIXO oyinyaniso+ abangena ngayo ukuze beme ezindaweni zabo phambi koYehova,+ kwanoSathana+ wangena phakathi kwabo.+
7 Wathi uYehova kuSathana: “Uvela phi na?” USathana wamphendula uYehova wathi: “Ekubhaduleni emhlabeni+ nasekuhambahambeni kuwo.”+ 8 UYehova wahlabela mgama wathi kuSathana: “Uyibhekisile na intliziyo yakho kumkhonzi wam uYobhi, ukuba akukho bani unjengaye emhlabeni,+ indoda engenakusoleka+ nethe tye,+ eyoyika uThixo+ nephambukayo ebubini?”+ 9 USathana wamphendula uYehova wathi: “UYobhi umoyikela ilize na uThixo?+ 10 Ngaba wena akumbiyelanga yena+ nendlu yakhe nayo yonke into anayo macala onke? Umsebenzi wezandla zakhe uwusikelele,+ nemfuyo yakhe isasazeke ngokubanzi emhlabeni. 11 Kodwa, ngokwahlukileyo koko, khawuncede wolule isandla sakho, uchukumise yonke into anayo uze ubone enoba akayi kukuqalekisa ebusweni bakho na.”+ 12 Ngako oko uYehova wathi kuSathana: “Khangela! Yonke into anayo isesandleni sakho. Kuphela nje uze ungasoluleli kuye isandla sakho!” Ngoko uSathana waphuma wemka phambi kukaYehova.+
13 Ke kaloku kwaba yimini apho oonyana bakhe neentombi zakhe babesidla yaye besela iwayini endlwini yomntakwabo olizibulo.+ 14 Kwafika umthunywa+ kuYobhi, waza wathi: “Iinkomo bezilima+ yaye iimazi zamaesile zisidla ecaleni kwazo 15 kwaza kwafika amaShebha+ ehlasela azithabatha, abaxabela abalindi ngohlangothi lwekrele; kwasinda mna, mna ndedwa, ukuza kukuxelela.”+
16 Esathetha lo kwafika omnye waza wathi: “Kuhle umlilo kaThixo emazulwini+ watshisa phakathi kwezimvu nabalindi wabadla wabagqiba; kwasinda mna, mna ndedwa, ukuza kukuxelela.”
17 Esathetha lowo kwafika omnye waza wathi: “AmaKhaledi+ enze amabutho amathathu aza onda ngeenkamela azithabatha, aza abalindi abaxabela ngohlangothi lwekrele; kwasinda mna, mna ndedwa, ukuza kukuxelela.”
18 Esathetha nalo, kwafika omnye waza wathi: “Oonyana bakho neentombi zakho bebesidla yaye besela iwayini+ endlwini yomntakwabo olizibulo. 19 Yaye, khangela! kwafika umoya omkhulu+ uvela kummandla wasentlango, wabetha iimbombo zone zendlu, yawa phezu kwabantu abaselula bafa. Kwasinda mna, mna ndedwa, ukuza kukuxelela.”
20 Wasukuma uYobhi wasikrazula+ isambatho sakhe esingenamikhono wazicheba zonke iinwele+ zentloko yakhe wawa emhlabeni+ waqubuda+ 21 wathi:
“Ndaphuma ndize esiswini sikama,+
Yaye ndiya kubuyela khona ndize.+
NguYehova onikileyo,+ yaye nguYehova othabathileyo.+
Maliqhubeke libongwa igama likaYehova.”+
22 Kuko konke oku uYobhi akonanga okanye abalele nantoni na engafanelekanga kuThixo.+