Luka
18 Wandula ke wabenzela umzekeliso ngokubhekisele kwimfuneko yokuba basoloko bethandaza bangayeki,+ 2 esithi: “Kwisixeko esithile kwakukho umgwebi owayengamoyiki uThixo, engahloneli mntu. 3 Kodwa kwakukho umhlolokazi kweso sixeko owayehlala esiya+ kuye, esithi, ‘Qinisekisa ukuba umthetho uphumeza okusesikweni nxamnye notshaba lwam.’ 4 Kwaba mzuzu engavumi, kodwa kamva waqiqa ngelithi, ‘Nangona ndingamoyiki uThixo, ndingahloneli namntu, 5 noko ke, ngenxa yokuba lo mhlolokazi eqhubeka endikhathaza,+ ndiza kuqinisekisa ukuba okusesikweni kuyaphunyezwa khon’ ukuze angahlali esiza aze andiqobe+ andigqibe.’” 6 Yandula ke iNkosi yathi: “Khanive okwathethwa ngumgwebi, engenabulungisa enjalo! 7 Ngokuqinisekileyo, ngoko, akayi kuthi na uThixo abangele ukuba okusesikweni+ kwenziwe kwabo banyuliweyo bakhe abadanduluka kuye imini nobusuku, kwanakuba enokuzeka kade umsindo+ ngabo? 8 Ndithi kuni, Uya kubangela ukuba okusesikweni kwenziwe kubo ngokukhawuleza.+ Noko ke, xa uNyana womntu efika, uya kulufumana ngokwenene na ukholo emhlabeni?”
9 Ke kaloku wathetha lo mzekeliso kwanakwabathile ababezithemba ukuba bangamalungisa+ nababebagqala abanye njengabangento:+ 10 “Abantu ababini benyuka baya etempileni ukuya kuthandaza, omnye ingumFarisi, omnye ingumqokeleli werhafu. 11 UmFarisi wema+ waza waqalisa ukuthandaza+ ezi zinto kuye ngokwakhe esithi, ‘Owu Thixo, ndiyabulela kuwe kuba ndingekho njengabanye abantu, abaphangi, abangemalungisa, abakrexezi, okanye kwanalo mqokeleli werhafu.+ 12 Ndizila ukutya kabini ngeveki, ndinikela isishumi kuzo zonke izinto endizizuzayo.’+ 13 Ke yena umqokeleli werhafu wayemi mgama engathandi kwanokuphakamisela amehlo akhe ngasezulwini, ezibetha isifuba,+ esithi, ‘Owu Thixo, yiba nobabalo kum mna moni.’+ 14 Ndithi kuni, Lo mntu wehla ukuya ekhayeni lakhe engqineke elilungisa ngakumbi+ kunalowa umntu; kuba wonk’ ubani oziphakamisayo uya kuthotywa, kodwa lowo uzithobayo uya kuphakanyiswa.”+
15 Ke kaloku abantu bamzisela kwaneentsana zabo ukuze azichukumise; kodwa bebona oku abafundi babakhalimela.+ 16 Noko ke, uYesu wazibizela kuye ezo ntsana, esithi: “Bayekeni abantwana abaselula beze kum, ningabaleli. Kuba ubukumkani bukaThixo bobabo banjalo.+ 17 Inene ndithi kuni, Nabani na ongabamkeliyo ubukumkani bukaThixo njengomntwana oselula akasayi kuze angene kubo.”+
18 Waza umlawuli othile wambuza, esithi: “Mfundisi Olungileyo, ndenze ntoni na ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade?”+ 19 UYesu wathi kuye: “Kutheni undibiza ngokuthi olungileyo? Akukho bani ulungileyo, ngaphandle komnye, uThixo.+ 20 Uyayazi imiyalelo,+ ‘Uze ungakrexezi,+ Uze ungabulali,+ Uze ungebi,+ Uze unganikeli bungqina bobuxoki,+ Beka uyihlo nonyoko.’”+ 21 Ngoko wathi: “Zonke ezi zinto ndiye ndazigcina ukususela ebutsheni bam.”+ 22 Ekuvile oko, uYesu wathi kuye: “Kusekho into enye oyisweleyo: Thengisa zonke izinto onazo, wabele amahlwempu, yaye uya kuba nobuncwane emazulwini; uze ube ngumlandeli wam.”+ 23 Akuva oku, waba buhlungu ngokunzulu, kuba wayesisityebi kakhulu.+
24 UYesu wakhangela kuye waza wathi: “Hayi indlela ekuya kuba nzima ngayo ngabo banemali ukungena ebukumkanini bukaThixo!+ 25 Enyanisweni, kulula ngakumbi ngenkamela ukuphumela entunjeni yenaliti yokuthunga kunokuba isityebi singene ebukumkanini bukaThixo.”+ 26 Abo bakuvayo oku bathi: “Ngubani na ke onako ukusindiswa?” 27 Wathi: “Izinto ezingenakwenzeka kubantu zinokwenzeka kuThixo.”+ 28 Kodwa uPetros wathi: “Khangela! Sishiye izinto zethu saza sakulandela.”+ 29 Wathi kubo: “Inene ndithi kuni, Akukho bani ushiye indlu okanye umfazi okanye abantakwabo okanye abazali okanye abantwana ngenxa yobukumkani bukaThixo+ 30 ongayi kufumana okungakumbi izihlandlo ezininzi kwesi sihlandlo sexesha, nakwinkqubo yezinto ezayo ubomi obungunaphakade.”+
31 Wandula ke wathabathela bucala abalishumi elinesibini waza wathi kubo: “Khangelani! Siyenyuka siya eYerusalem, yaye zonke izinto ezibhalwe ngabo abaprofeti+ mayela noNyana womntu ziya kuzaliseka.+ 32 Ngokomzekelo, uya kunikelwa kubantu beentlanga yaye kuya kuhlekiswa+ ngaye aze aphathwe ngokusa+ kwaye atshicelwe;+ 33 yaye emva kokumtyakatya+ baya kumbulala,+ kodwa ngomhla wesithathu uya kuvuka.”+ 34 Noko ke, abayifumananga intsingiselo yayo nayiphi na yezi zinto; kodwa eli lizwi lalifihlakele kubo, yaye babengazazi izinto azitshoyo.+
35 Ke kaloku njengoko wayesondela eYeriko umntu othile oyimfama wayehleli ecaleni kwendlela engqiba.+ 36 Ngenxa yokuba weva isihlwele sidlula wabuza oko kusenokuba kuthetha kona oku. 37 Bamxelela bathi: “Kudlula uYesu umNazarete!”+ 38 Ngako oko wadanduluka, esithi: “Yesu, Nyana kaDavide, yiba nenceba kum!”+ 39 Baza abo babehamba ngaphambili bamxelela kabukhali ukuba athi cwaka, kodwa waqhubeka ekhwaza kakhulu ngakumbi esithi: “Nyana kaDavide, yiba nenceba kum.”+ 40 Wandula ke uYesu wema ngxi waza wayalela ukuba loo mntu aziswe kuye.+ Emva kokuba esondele, uYesu wambuza wathi: 41 “Ufuna ukuba ndikwenzele ntoni na?”+ Wathi: “Nkosi, ndenze ndiphinde ndibone.”+ 42 Ngoko uYesu wathi kuye: “Buya ubone; ukholo lwakho lukuphilisile.”+ 43 Yaye ngephanyazo wabuya wabona,+ waza wamlandela, ezukisa uThixo.+ Bonke abantu, bakukubona oku, bamdumisa uThixo.