Roma
1 UPawulos, ikhoboka+ likaYesu Kristu nowabizwa+ ukuba abe ngumpostile,+ owahlulelwa iindaba ezilungileyo zikaThixo,+ 2 awayethembise ngazo kwixesha langaphambili ngabaprofeti+ bakhe kwiZibhalo ezingcwele, 3 ngokuphathelele uNyana wakhe, owaphuma kwimbewu kaDavide+ ngokwasenyameni,+ 4 kodwa owathi ngamandla+ wavakaliswa njengoNyana kaThixo+ ngomoya+ wobungcwele ngokuvuka kwabafileyo+—ewe, uYesu Kristu iNkosi yethu, 5 ekuthe ngaye safumana ububele obungasifanelanga+ nobupostile+ ukuze zonke iintlanga+ zikholwe kulo igama lakhe, 6 ntlanga ezo ekuthe phakathi kwazo nani nabizelwa ukuba ngabakaYesu Kristu— 7 ubhalela bonke abo baseRoma, abaziintanda kuThixo, nababizelwe+ ukuba ngabo bangcwele:+
Ngamana ningaba nobubele obungasifanelanga noxolo+ oluvela kuThixo uBawo wethu neNkosi uYesu Kristu.+
8 Okokuqala nje, ndiyambulela+ uThixo wam ngoYesu Kristu ngokuphathelele nina nonke, ngenxa yokuba ukholo lwenu kuthethwa ngalo+ kwihlabathi liphela. 9 Kuba uThixo, endinikela kuye inkonzo engcwele ngomoya wam ngokunxibelelene neendaba ezilungileyo ezingoNyana wakhe, ulingqina+ lokuba andiyeki ukunikhankanya kwimithandazo yam,+ 10 ndimbongoza ngelokuba ukuba kunokwenzeka ekugqibeleni ndiphumelele kuko ukuthanda+ kukaThixo khon’ ukuze ndize kuni. 11 Kuba ndilangazelela ukunibona,+ ndize ndininike isiphiwo esithile sokomoya+ ukuze niqiniswe; 12 okanye, ukuze sikhuthazane+ elukholweni,+ olwenu kunye nolwam.
13 Kodwa andifuni ningazi, bazalwana,+ ukuba izihlandlo ezininzi bendinenjongo yokuza kuni,+ kodwa bendithintelekile de kwangoku, ukuze ndizuze isiqhamo+ esithile phakathi kwenu njengaphakathi kwezinye iintlanga. 14 Ndinetyala kumaGrike nakumaBharbhari, kwizilumko+ nakwabangenangqiqo: 15 ngoko ndinentumekelelo yokuzivakalisa iindaba ezilungileyo+ nakuni apho eRoma.+ 16 Kuba andinazintloni+ ngazo iindaba ezilungileyo; zona, enyanisweni, zingamandla kaThixo+ osindiso kuye wonk’ ubani onokholo,+ kumYuda kuqala+ kwanakumGrike;+ 17 kuba kuzo kutyhilwa ubulungisa bukaThixo+ ngenxa yokholo+ kuse elukholweni, kanye njengoko kubhaliwe kwathiwa: “Kodwa lowo ulilungisa—uya kuphila ngokholo.”+
18 Kuba ingqumbo kaThixo+ iyatyhilwa ivela ezulwini nxamnye nako konke ukungabi nabuthixo nentswela-bulungisa+ yabantu abathintela inyaniso+ ngokuswela ubulungisa,+ 19 ngenxa yokuba oko kunokwaziwa ngoThixo kuyabonakala phakathi kwabo,+ kuba uThixo ukubonakalisile kubo.+ 20 Kuba iimpawu zakhe ezingabonakaliyo+ zibonwa ngokucacileyo ukususela ekudalweni kwehlabathi kuse phambili,+ ngenxa yokuba ziqondeka ngezinto ezenziweyo,+ kwanamandla angunaphakade+ nobuThixo bakhe,+ khon’ ukuze bangabi nakungxengxezeleka;+ 21 ngenxa yokuba, nangona babemazi uThixo, abakhange bamzukise njengoThixo bengakhange futhi bambulele,+ kodwa basuka baba ziziphukuphuku+ kwiingcinga zabo, neentliziyo zabo ezingenakuqiqa zenziwa mnyama.+ 22 Nangona babemi ngelithi bazizilumko, baba zizidenge+ 23 baza baluphethulela uzuko+ loThixo ongenakonakala kokuthile okunjengomfanekiso+ womntu onokonakala noweentaka nezidalwa ezizitho zine nezinto ezirhubuluzayo.+
24 Ngoko ke uThixo, ngokuvumelana neminqweno yeentliziyo zabo, wabanikela ekungahlambulukini,+ ukuba bahlazisane+ ngemizimba+ yabo, 25 bona bananisa inyaniso+ kaThixo ngobuxoki,+ behlonela yaye benikela inkonzo engcwele kwindalo kunakuLowo wadalayo, obongwa ngonaphakade. Amen. 26 Kungenxa yoko le nto uThixo wabanikela kwinkanuko yesini elihlazo,+ kuba amabhinqa abo akutshintsha ukusebenza kwawo kwemvelo kwaba kokwahlukileyo kwimvelo;+ 27 namadoda akushiya ukusebenza kwemvelo kwamabhinqa+ aza atshisekelana ngamandla, amadoda ekhanuka amadoda,+ esebenza oko kungamanyala,+ ezamkelela imbuyekezo ezeleyo,+ eyayiwafanele ngenxa yesiphoso sawo.+
28 Yaye kanye njengoko babengakholiswa kukumgqala uThixo ngolwazi oluchanileyo,+ uThixo wabanikela kwimo yengqondo engakholekileyo,+ ukuze benze izinto ezingafanelekanga,+ 29 bezele yiyo yonke intswela-bulungisa,+ ubungendawo,+ inkanuko,+ ububi,+ ukuzala ngumona,+ ukubulala,+ imbambano,+ inkohliso,+ utyekelo lokuba nolunya,+ bengabasebezi,+ 30 abadli-zithende,+ bemthiyile uThixo, bengabasileyo,+ abanekratshi,+ abazidlayo,+ abayili bezinto ezimbi,+ bengabathobeli abazali,+ 31 bengenakuqonda,+ besaphula izivumelwano,+ bengenawo umsa wemvelo,+ bengenanceba.+ 32 Nangona bona bewazi ngokuzele kakuhle ummiselo wobulungisa kaThixo,+ wokuba abo baqhelisela izinto ezinjalo bafanelwe kukufa,+ abapheleli nje ekuzenzeni kodwa bakwavumelana+ nabo baziqheliselayo.