Roma
15 Ngoko, thina bomeleleyo sifanele sithwale ubuthathaka babo bangomelelanga,+ singazikholisi thina ngokwethu.+ 2 Ngamnye wethu makakholise ummelwane wakhe koko kulungileyo ukuze akheke.+ 3 Kuba kwanoKRISTU akazange azikholise yena ngokwakhe;+ kodwa kunjengokuba kanye kubhaliwe kwathiwa: “Ungcikivo lwabo babekungcikiva luphezu kwam.”+ 4 Kuba zonke izinto ezabhalwa kwixesha langaphambili zabhalelwa+ ukuyalela+ thina, ukuze ngonyamezelo lwethu+ nangentuthuzelo+ yeZibhalo sibe nethemba.+ 5 Ngamana ke uThixo onika unyamezelo nentuthuzelo anganenza nibe nesimo sengqondo+ esifanayo neso wayenaso uKristu Yesu, 6 ukuze ngamxhelo mnye+ nimzukise ngamlomo mnye uThixo noYise weNkosi yethu uYesu Kristu.
7 Ngoko ke yamkelanani,+ kanye njengokuba noKRISTU wasamkelayo nathi,+ ngokubhekisele kuzuko lukaThixo. 8 Kuba ndithi uKristu okunene waba ngumlungiseleli+ wabo balukileyo+ ngenxa yokuba nenyaniso kukaThixo,+ khon’ ukuze aqinisekise izithembiso+ awazenza kookhokho babo, 9 nokuze iintlanga+ zimzukise uThixo ngenxa yenceba yakhe.+ Kunjengokuba kanye kubhaliwe kwathiwa: “Ngenxa yoko ndiya kukuvuma ekuhleni phakathi kweentlanga negama lakho ndiliculele uncuthu lwengoma.”+ 10 Kwakhona uthi: “Chulumancani, zintlanga, kunye nabantu bakhe.”+ 11 Abuye athi: “Dumisani uYehova, nonke nina zintlanga, yaye zonke izizwana mazimdumise.”+ 12 Aze uIsaya athi: “Kuya kubakho ingcambu kaYese,+ yaye kuya kuvela lowo uya kulawula iintlanga;+ iintlanga ziya kubeka ithemba lazo kuye.”+ 13 Ngamana uThixo onika ithemba anganizalisa ngalo lonke uvuyo noxolo ngokukholwa kwenu, ukuze niphuphume ethembeni ninamandla omoya oyingcwele.+
14 Ke kaloku nam ndeyisekile ngani, bazalwana bam, ukuba nani nizele kukulunga, njengoko niye nazaliswa lulo lonke ulwazi,+ nokuze nibe nokululekana.+ 15 Noko ke, ndinibhalela ndithetha ngokuphandle ngakumbi ngeengongoma ezithile, ndinikhumbuza+ kwakhona, ngenxa yobubele obungasifanelanga endabunikwa nguThixo+ 16 bokuba ndibe sisicaka sikawonke-wonke sikaKristu Yesu kwiintlanga,+ ndibandakanyeke kumsebenzi ongcwele weendaba ezilungileyo+ zikaThixo, ukuze umnikelo,+ oko kukuthi, ezi ntlanga, ungqineke wamkelekile,+ njengoko ungcwaliswe ngomoya oyingcwele.+
17 Ngoko ke ndinesizathu sokugcoba kuKristu Yesu+ xa kusiziwa kwizinto eziphathelele uThixo.+ 18 Kuba andiyi kuthetha nanye into ngaphandle kwezo zinto uKristu wazisebenzayo ngam+ ukuze iintlanga zithobele,+ ngelizwi+ nangesenzo sam, 19 ngamandla emiqondiso nemihlola,+ ngamandla omoya oyingcwele; ndaza ndasusela eYerusalem ndajikeleza+ ndaya kufikelela eIliriko ndizishumayela ngokucokisekileyo iindaba ezilungileyo ezingoKristu.+ 20 Eneneni, ndakwenza usukelo lwam ukuba ndingazivakalisi iindaba ezilungileyo apho uKristu wayesele ekhankanyiwe, ukuze ndingakhi kwisiseko somnye umntu;+ 21 kodwa, kanye njengoko kubhaliwe: “Abo kungenziwanga saziso kubo ngaye baya kubona, nabo bangevanga baya kuqonda.”+
22 Ngoko ke ndathintelwa izihlandlo ezininzi ukuba ndingafiki kuni.+ 23 Kodwa ngoku ekubeni ndingasenamhlaba ungekasetyenzwa kule mimandla, yaye ndineminyaka emininzi ndilangazelela ukuza kuni+ 24 ndithemba ukuba xa ndisiya eSpeyin,+ ndiya kuza kunikhangela nokuze nindikhaphe+ umganyana emva kokuba kunye nani okwethutyana. 25 Kodwa ngoku sele ndiza kuhamba ndiye eYerusalem ukuya kulungiselela kwabo bangcwele.+ 26 Kuba abo baseMakedoni naseAkhaya+ baye bakholiswa kukwaba izinto zabo njengomnikelo+ kwabo bangcwele bangamahlwempu eYerusalem. 27 Enyanisweni, baye bakholiswa kukwenjenjalo, ukanti bebenetyala kubo; kuba ukuba iintlanga ziye zabelana ngezinto zazo zokomoya,+ zikwabatyala ukubalungiselela esidlangalaleni aba ngezinto ezizezomzimba wenyama.+ 28 Ngoko ke emva kokuba ndigqibile ngako oku ndaza ndasisa esi siqhamo+ ngokunqabisekileyo kubo, ndiya kudlula kuni xa ndisiya eSpeyin.+ 29 Ngaphezu koko, ndiyazi ukuba xa ndisiza kuni ndiya kuza nomlinganiselo opheleleyo wentsikelelo evela kuKristu.+
30 Ke kaloku ndiyanibongoza, bazalwana, ngeNkosi yethu uYesu Kristu nangothando lomoya,+ ukuba nizibhokoxe kunye nam ekundithandazeleni kuThixo,+ 31 ukuze ndihlangulwe+ kwabangakholwayo kwelakwaYuda nokuze ubulungiseleli bam baseYerusalem+ bungqineke bamkelekile kwabo bangcwele,+ 32 khon’ ukuze xa ndifika kuni ngovuyo ngokuthanda kukaThixo ndibe nokuhlaziyeka+ kunye nani. 33 Ngamana uThixo onika uxolo angaba nani nonke.+ Amen.