1 Kumkani 3:12 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 12 khangela! ngokuqinisekileyo ndiya kwenza ngokuvumelana namazwi akho.+ Khangela! ngokuqinisekileyo ndiya kukunika intliziyo elumkileyo nenokuqonda,+ ukuze kungabikho onjengawe phambi kwakho, nasemva kwakho kungaveli onjengawe.+ 1 Kumkani 4:29 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 29 UThixo waqhubeka emnika uSolomon ubulumko+ nokuqonda+ ngomlinganiselo omkhulu kakhulu nobubanzi bentliziyo,+ njengentlabathi eselunxwemeni lolwandle.+ Yobhi 35:11 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 11 NguLowo usifundisa+ ngaphezu kwezilo zomhlaba,+Usenza silumke nangaphezu kwezidalwa eziphaphazelayo zamazulu. IMizekeliso 2:6 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 6 Kuba uYehova unika ubulumko;+ emlonyeni wakhe kuphuma ukwazi nokuqonda.+ INtshumayeli 2:26 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 26 Kuba umntu olungileyo phambi kwakhe+ umnike ubulumko, ukwazi nemihlali,+ kodwa umoni umnike umsebenzi wokuhlanganisa nokubuthela ndawonye ukuze nje kuphela anike lowo ulungileyo phambi koTHIXO oyinyaniso.+ Kwanako oku kungamampunge nokusukelana nomoya.+ Daniyeli 1:17 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 17 Aba bantwana bane ke, uTHIXO oyinyaniso wabanika ulwazi, nokuziqonda zonke iincwadi, nobulumko;+ yaye uDaniyeli yena wayeyiqonda yonke imibono namaphupha.+ Mateyu 11:25 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 25 Ngelo xesha uYesu wathi: “Ndiyakudumisa esidlangalaleni, Bawo, Nkosi yezulu nomhlaba, ngenxa yokuba uzifihlile ezi zinto kwizilumko nakwiingqondi, wazityhilela iintsana.+ Yakobi 1:5 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 5 Ngoko, ukuba kukho nabani na kuni oswele ubulumko,+ makaqhubeke ebucele kuThixo,+ kuba unika bonke ngesisa, engangcikivi;+ yaye uya kubunikwa.+
12 khangela! ngokuqinisekileyo ndiya kwenza ngokuvumelana namazwi akho.+ Khangela! ngokuqinisekileyo ndiya kukunika intliziyo elumkileyo nenokuqonda,+ ukuze kungabikho onjengawe phambi kwakho, nasemva kwakho kungaveli onjengawe.+
29 UThixo waqhubeka emnika uSolomon ubulumko+ nokuqonda+ ngomlinganiselo omkhulu kakhulu nobubanzi bentliziyo,+ njengentlabathi eselunxwemeni lolwandle.+
11 NguLowo usifundisa+ ngaphezu kwezilo zomhlaba,+Usenza silumke nangaphezu kwezidalwa eziphaphazelayo zamazulu.
26 Kuba umntu olungileyo phambi kwakhe+ umnike ubulumko, ukwazi nemihlali,+ kodwa umoni umnike umsebenzi wokuhlanganisa nokubuthela ndawonye ukuze nje kuphela anike lowo ulungileyo phambi koTHIXO oyinyaniso.+ Kwanako oku kungamampunge nokusukelana nomoya.+
17 Aba bantwana bane ke, uTHIXO oyinyaniso wabanika ulwazi, nokuziqonda zonke iincwadi, nobulumko;+ yaye uDaniyeli yena wayeyiqonda yonke imibono namaphupha.+
25 Ngelo xesha uYesu wathi: “Ndiyakudumisa esidlangalaleni, Bawo, Nkosi yezulu nomhlaba, ngenxa yokuba uzifihlile ezi zinto kwizilumko nakwiingqondi, wazityhilela iintsana.+
5 Ngoko, ukuba kukho nabani na kuni oswele ubulumko,+ makaqhubeke ebucele kuThixo,+ kuba unika bonke ngesisa, engangcikivi;+ yaye uya kubunikwa.+