IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Eksodus 23:22
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 22 Noko ke, ukuba uthe walithobela ilizwi layo, wakwenza konke endikuthethayo,+ ngokuqinisekileyo ndoba nobutshaba kwiintshaba zakho ndibabandezele abakubandezelayo.+

  • Isaya 33:1
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 33 Yeha ke wena uphangayo, ube wena ngokwakho ungaphangwa, nawe wenza ngobuqhophololo, babe abanye bengenzi ngobuqhophololo kuwe!+ Wakugqiba ukuphanga, uya kuphangwa.+ Wakugqiba ukwenza ngobuqhophololo, baya kwenza ngobuqhophololo nakuwe.+

  • Isaya 41:11
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 11 “Khangela! Bonke abo bavuthayo ngumsindo nxamnye nawe baya kuba neentloni baze bathotywe.+ Amadoda axabene nawe aya kuba njengento engento, atshabalale.+

  • Yeremiya 10:25
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 25 Phalaza umsindo wakho ezintlangeni+ eziye azakunanza,+ nakwiintsapho ezingabizanga egameni lakho.+ Kuba zimdle zamgqiba uYakobi.+ Ewe, zimdle zamgqiba, kwaye zimtshabalalisile;+ nendawo yakhe yokuhlala ziyiphanzisile.+

  • Yeremiya 25:12
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 12 “‘Kothi ke yakuzaliseka iminyaka engamashumi asixhenxe+ ndimphendulise ukumkani waseBhabhiloni nolo hlanga,’+ utsho uYehova, ‘ngenxa yesiphoso sabo, kwanelizwe lamaKhaledi,+ kwaye ndiza kulenza inkangala ephanzileyo ukusa kwixesha elingenammiselo.+

  • Yeremiya 50:29
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 29 “Bizani abatoli nxamnye neBhabhiloni, bonke abo bagoba isaphetha.+ Misani iinkampu kuyo macala onke. Ngamana kungangabikho basindayo.+ Yibuyiseleni ngokomsebenzi wayo.+ Yenzani kuyo ngako konke ekwenzileyo.+ Kuba ikhukhumalele uYehova, Lowo Ungcwele kaSirayeli.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share