-
Hezekile 6:13INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
-
-
13 Nina kuya kufuneka nazi ukuba ndinguYehova,+ xa ababuleweyo bephakathi kwezithixo+ zabo ezinezothe, macala onke ezibingelelweni zabo,+ phezu kweenduli+ zonke eziphakamileyo, kuzo zonke iincopho zeentaba+ naphantsi kwayo yonke imithi enabileyo+ naphantsi kwayo yonke imithi emikhulu eshinyeneyo ngamasebe,+ indawo apho banikele khona ivumba elithozamisayo kwizithixo zabo zonke ezinezothe.+
-
-
Hezekile 20:28INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
-
-
28 Yaye ndabazisa kwilizwe+ endandiphakamise isandla sam ndibafungela ukubanika lona.+ Bathi bakubona zonke iinduli eziphakamileyo+ nayo yonke imithi eshinyeneyo ngamasebe, bandula ke babingelela apho imibingelelo yabo,+ banikela apho iminikelo yabo ecaphukisayo, bazisa apho amavumba abo athozamisayo,+ bethululela apho neminikelo yabo ethululwayo.+
-