IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • 2 Kumkani 15:19
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 19 UPuli+ ukumkani waseAsiriya+ wafika kwelo lizwe. UMenahem wanika+ uPuli iitalente eziliwaka zesilivere,+ ukuze izandla zakhe zibe naye zibomeleze ubukumkani esandleni sakhe.+

  • 2 Kumkani 16:7
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 7 Ngoko uAhazi wathumela abathunywa kuTigelati-pilesere+ ukumkani waseAsiriya, esithi: “Ndingumkhonzi wakho+ nonyana wakho. Nyuka uze kundisindisa+ entendeni kakumkani waseSiriya nasentendeni kakumkani wakwaSirayeli, abandivukelayo.”

  • 2 Kumkani 17:3
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 3 UShalmanesere+ ukumkani waseAsiriya+ wenyuka nxamnye naye, yaye uHosheya waba ngumkhonzi wakhe, wahlawula unikelo+ kuye.

  • Yeremiya 2:18
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 18 Yaye ngoku uyixhalabele ngantoni na indlela yaseYiputa+ ukuze usele amanzi aseShihore?+ Kwaye uyixhalabele ngantoni na indlela yaseAsiriya+ ukuze usele amanzi oMlambo?

  • Yeremiya 2:36
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 36 Kutheni na ukugqala njengento engabalulekanga ukutshintsha indlela yakho?+ NaseYiputa uya kuba neentloni,+ kanye njengoko waba neentloni eAsiriya.+

  • IZililo 5:6
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    •  6 Isandla sisinika+ iYiputa;+ iAsiriya,+ ukuze sifumane ulwaneliseko ngesonka.

  • Hezekile 16:28
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 28 “‘Uye wahlabela mgama uzenza unongogo woonyana baseAsiriya ngenxa yokuba wawunganeliseki,+ wazenza unongogo wabo, akwaneliseka noko.

  • Hoseya 5:13
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 13 “Yaye uEfrayim wasibona isifo sakhe, noYuda isilonda sakhe.+ Yaye uEfrayim waya kuAsiriya+ waza wathumela kukumkani omkhulu.+ Kodwa yena akakwazanga ukuniphilisa,+ yaye akabanga nako ukusinyanga isilonda senu.+

  • Hoseya 7:11
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 11 Yaye uEfrayim ungqineke efana nehobe+ elimathileyo elingenantliziyo.+ Babiza eYiputa;+ baya eAsiriya.+

  • Hoseya 8:9
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 9 Kuba yena ngokwakhe unyukele kuAsiriya,+ njengeqwarhashe lizahlula.+ Kwimeko kaEfrayim, uqeshe izithandwa.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share