Hebhere
11 Ukholo+ lululindelo oluqinisekisiweyo lwezinto ezithenjiweyo,+ ubungqina obucacileyo bezinto zokwenene nangona zingabonwa.+ 2 Kuba abantu bamaxesha akudala baye bangqinelwa ngalo.+
3 Ngokholo siyaqonda ukuba iinkqubo zezinto+ zalungelelaniswa ngelizwi likaThixo,+ khon’ ukuze oko kubonwayo kube kokuphuma kwizinto ezingabonakaliyo.+
4 Ngokholo uAbheli wanikela kuThixo umbingelelo oxabiso likhulu ngakumbi kunokaKayin,+ kholo olo awathi ngalo wangqinelwa ukuba ulilungisa, uThixo enikela ubungqina+ ngokuphathelele izipho zakhe; yaye ngalo, nangona wafayo, usathetha.+
5 Ngokholo uEnoki+ wafuduswa khon’ ukuze angaboni kufa, yaye akafunyanwanga ndawo ngenxa yokuba uThixo wayemfudusile;+ kuba ngaphambi kokufuduswa kwakhe wayenobungqina bokuba wayemkholise kakuhle uThixo.+ 6 Ngaphezu koko, ngaphandle kokholo+ akunakwenzeka ukumkholisa kakuhle,+ kuba lowo uzayo kuThixo umele akholwe ukuba ukho+ nokuba ungumvuzi+ wabo bamfuna ngenyameko.+
7 Ngokholo uNowa,+ emva kokunikwa isilumkiso sobuthixo sezinto ezingekabonwa,+ wabonisa uloyiko lobuthixo waza wakha umkhombe+ wokusindisa indlu yakhe; yaye ngalo olo kholo waligwebela isohlwayo ihlabathi,+ waza waba yindlalifa yobulungisa+ bokholo.
8 Ngokholo uAbraham,+ xa wabizwayo, wathobela waphuma waya kwindawo awayemiselwe ukuyifumana njengelifa; waphuma, nangona wayengazi apho aya khona.+ 9 Ngokholo wahlala njengomphambukeli kwilizwe lesithembiso njengakwilizwe lasemzini,+ waza wahlala ezintenteni+ kunye noIsake+ noYakobi,+ iindlalifa kunye naye zesithembiso esikwasinye.+ 10 Kuba wayelindele isixeko+ esineziseko zokwenene, sixeko eso esimakhi nomenzi waso unguThixo.+
11 Ngokholo noSara+ ngokwakhe wafumana amandla okukhawula imbewu, nakuba wayesele edlule kumda wobudala,+ ekubeni wambalela ekuthini uthembekile lowo wayethembisile.+ 12 Ngoko ke kumntu omnye,+ naye owayefana nofileyo,+ kwazalwa inkitha yabantwana abangangeenkwenkwezi zezulu nentlabathi engaselunxwemeni lolwandle, bengenakubalwa.+
13 Bonke aba bafela elukholweni,+ nangona bengazange bayifumane inzaliseko yazo izithembiso,+ kodwa bazibona zisekude,+ bazithakazelela baza bavakalisa esidlangalaleni ukuba babengabasemzini nabemi bokwexeshana elizweni elo.+ 14 Kuba abo batsho izinto ezinjalo banikela ubungqina bokuba bafuna ngenyameko indawo eyeyabo.+ 15 Ukanti, ukuba eneneni babehleli beyikhumbula loo ndawo babesuka kuyo,+ ngebaba nethuba lokubuyela kuyo.+ 16 Kodwa ngoku bazabalazela indawo elunge ngakumbi, oko kukuthi, leyo yasezulwini.+ Ngoko ke uThixo akanazintloni ngabo, ukuba abizwe ngokuba unguThixo wabo,+ kuba ubalungiselele isixeko.+
17 Ngokholo uAbraham, xa wavavanywayo,+ kwafana nokuba wayemnikele uIsake, yaye njengoko wayezamkele ngochulumanco izithembiso walinga ukunikela ngonyana wakhe okuphela kwamzeleyo,+ 18 nangona kwakuthiwe kuye: “Oko kuya kubizwa ngokuba ‘yimbewu yakho’ kuya kuba ngoIsake.”+ 19 Kodwa wakubalela ekuthini uThixo wayekwazi ukumvusa kwanakwabafileyo;+ yaye khona apho wamzuza ngokomzekeliso.+
20 Ngokholo noIsake wamsikelela uYakobi+ noEsawu+ ngokuphathelele izinto eziza kuza.
21 Ngokholo uYakobi, xa wayesele eza kufa,+ wasikelela ngamnye woonyana bakaYosefu+ waza wanqula ayame ngencam yomsimelelo wakhe.+
22 Ngokholo uYosefu, esondela kwisiphelo sakhe, wakhankanya imfuduko+ yoonyana bakaSirayeli; yaye wanikela umyalelo ngokuphathelele amathambo akhe.+
23 Ngokholo uMoses wafihlwa kangangeenyanga ezintathu ngabazali bakhe emva kokuzalwa kwakhe,+ ngenxa yokuba bambona emhle+ lo mntwana oselula baza abawoyika umyalelo+ wokumkani. 24 Ngokholo uMoses, xa wayekhulile,+ wala ukubizwa ngokuba ungunyana wentombi kaFaro,+ 25 enyula ukuphathwa kabuhlungu kunye nabantu bakaThixo kunokuziyolisa ngesono okwexeshana, 26 ngenxa yokuba walubalela ungcikivo+ lukaKristu ekuthini lububutyebi obukhulu ngakumbi kunobuncwane baseYiputa; kuba wayekhangele ngenyameko emvuzweni.+ 27 Ngokholo wayishiya iYiputa,+ kodwa engawoyiki umsindo wokumkani,+ kuba waqhubeka eqinile ngokungathi uyambona Lowo ungabonakaliyo.+ 28 Ngokholo wabhiyozela ipasika+ nokutshizwa kwegazi,+ ukuze umtshabalalisi angabi nakuwachukumisa amazibulo abo.+
29 Ngokholo badlula kuLwandle Olubomvu ngokungathi kukumhlaba owomileyo,+ kodwa wona amaYiputa xa alinga ukwenjenjalo aginywa.+
30 Ngokholo iindonga zaseYeriko zawa phantsi emva kokuba zazirhawulwe kangangeentsuku ezisixhenxe.+ 31 Ngokholo uRahabhi+ ihenyukazi akazange abhangiswe kunye nabo bangathobeliyo, ngenxa yokuba wazamkela iintlola ngoxolo.+
32 Ndingathetha ndithini na? Lingaphela ixesha ndibalisa ngoGidiyon,+ uBharaki,+ uSamson,+ uYifeta,+ uDavide+ noSamuweli+ nabanye abaprofeti,+ 33 abathi ngokholo boyisa izikumkani kungquzulwano,+ baphumeza ubulungisa,+ bazuza izithembiso,+ bavingca imilomo yeengonyama,+ 34 baphelisa amandla omlilo,+ basinda kuhlangothi lwekrele,+ bathi bekwimo yobuthathaka basuka benziwa baba namandla,+ baba nobukroti emfazweni,+ baphanzisa imikhosi yabasemzini.+ 35 Abafazi babamkela abafileyo babo bevukile;+ kodwa abanye abantu bathuthunjiswa ngenxa yokuba bengafumananga kukhululwa ngentlawulelo, ukuze bafikelele uvuko olulunge ngakumbi. 36 Ewe, abanye basifumana isilingo sabo ngokwenziwa intlekisa nokutyakatywa, eneneni, ngokungakumbi kunoko, ngemixokelelwane+ neentolongo.+ 37 Baxulutywa ngamatye,+ balingwa,+ banqunqwa ngesarha, bafa+ ngokubulawa ngogonyamelo ngekrele, babehambahamba ngeemfele zeegusha,+ ngeemfele zeebhokhwe, ngoxa babeswele,+ besezimbandezelweni,+ bephatheke kabuhlungu;+ 38 yaye ihlabathi lalingabafanelanga. Babebhadu-bhadula ezinkqantosini nasezintabeni nasemiqolombeni+ nasemingxunyeni yomhlaba.
39 Ukanti bonke aba, nangona bangqinelwa ngokholo lwabo, abazange bayifumane inzaliseko yesithembiso,+ 40 ekubeni uThixo wabona kwangaphambili okuthile okusilungele+ ngakumbi,+ ukuze bona+ bangabi nakwenziwa bagqibelele+ ngaphandle kwethu.+