IMizekeliso
3 Nyana wam, musa ukuwulibala umthetho wam,+ yaye ngamana intliziyo yakho ingayigcina imiyalelo yam,+ 2 ngenxa yokuba kuya kongezelelwa kuwe imihla emide neminyaka yobomi+ noxolo.+ 3 Ngamana ububele bothando nenyaniso zingangakushiyi.+ Zibophelele kuwe emqaleni.+ Zibhale elucwecweni lwentliziyo yakho,+ 4 ukuze ufumane ubabalo nengqiqo elungileyo emehlweni kaThixo nawomntu wasemhlabeni.+ 5 Kholosa ngoYehova ngayo yonke intliziyo yakho,+ ungayami ngokwakho ukuqonda.+ 6 Uze umgqale yena ezindleleni zakho zonke,+ kwaye uya kuwenza uthi tye umendo wakho.+
7 Musa ukuba sisilumko kwawakho amehlo.+ Yoyika uYehova, usuke ebubini.+ 8 Ngamana oko kungaba kukuphilisa+ enkabeni yakho nokuhlaziyeka emathanjeni akho.+
9 Beka uYehova ngezinto zakho zexabiso+ nangentlahlela yemveliso yakho yonke.+ 10 Baya kwandula ke oovimba bakho bazaliswe yindyebo;+ neefatyi zakho zesixovulelo ziphuphume iwayini entsha.+
11 Ingqeqesho kaYehova, nyana wam, musa ukuyigatya;+ ungasenyanyi isohlwayo sakhe,+ 12 ngenxa yokuba lowo amthandayo uYehova uyamohlwaya,+ njengoko noyise esenjenjalo kunyana akholiswayo nguye.+
13 Unoyolo umntu ofumene ubulumko,+ nomntu ozuze ukuqonda,+ 14 kuba inzuzo yabo ilunge ngakumbi kunenzuzo yesilivere nemveliso yabo kunegolide.+ 15 Buxabiseke ngakumbi kuneekorale,+ nazo zonke ezinye izinto oyoliswa zizo azinakulinganiswa nabo. 16 Imihla emide isesandleni sabo sasekunene;+ esandleni sabo sasekhohlo bubutyebi nozuko.+ 17 Iindlela zabo ziyathandeka, nawo wonke umendo wabo uluxolo.+ 18 Bungumthi wobomi+ kwabo babubambayo, nabo babubamba nkqi+ kuya kuthiwa banoyolo.+
19 UYehova wawuseka umhlaba ngobulumko.+ Wawazinzisa ngokuqinileyo amazulu ngokuqonda.+ 20 Ngokwazi kwakhe amanzi anzongonzongo ahlukaniswa,+ nesibhakabhaka samafu sithontsiza umkhwitsho.+ 21 Nyana wam, ngamana ezi zinto zingangemki emehlweni akho.+ Londoloza ubulumko bobuqili namandla okucinga,+ 22 yaye oko kuya kuba bubomi emphefumlweni wakho+ nomtsalane emqaleni wakho.+ 23 Ngaloo ndlela uya kuhamba ngonqabiseko+ endleleni yakho, nonyawo lwakho aluyi kubetheka kuyo nantoni na.+ 24 Xa sukuba ulala akuyi kunkwantya;+ yaye ngokuqinisekileyo uya kulala, ibe ubuthongo bakho buya kukuyolisa.+ 25 Akuyi kufuneka woyike nantoni na enkwantyisayo yequbuliso,+ okanye isaqhwithi phezu kwabo bangendawo, ngenxa yokuba sisiza.+ 26 Kuba uYehova uya kuba yintembelo yakho,+ yaye ngokuqinisekileyo uya kulugcina unyawo lwakho ekuthinjweni.+
27 Musa ukwala nokulungileyo kwabo kuselungelweni labo ukukufumana,+ xa kusemandleni esandla sakho ukukwenza.+ 28 Musa ukuthi kwidlelane lakho: “Hamba, ubuye uze, ndiya kukunika ngomso,” xa ikho into onayo.+ 29 Musa ukuyila nantoni na embi+ ngedlelane lakho, xa lona lihleli nawe ngemvo yonqabiseko.+ 30 Musa ukuxabana nomntu ngaphandle kwesizathu,+ ukuba akakwenzanga bubi.+
31 Musa ukuyimonela indoda enogonyamelo,+ unganyuli nayiphi na kwiindlela zayo.+ 32 Kuba umntu otenxayo+ uyinto ecekisekayo kuYehova,+ kodwa ukusondelelana naye kokwabo bathe tye.+ 33 Isiqalekiso sikaYehova sisendlwini yongendawo,+ kodwa indawo yokuhlala yabo bangamalungisa uyayisikelela.+ 34 Ukuba kunokuthanani nabagculeli,+ yena uya kubagculela;+ kodwa abalulamileyo uya kubababala.+ 35 Izilumko ziya kuyidla ilifa imbeko,+ kodwa iziyatha zona ziphakamisa ihlazo.+