Yeremiya
10 Liveni ilizwi uYehova alithethileyo nxamnye nani, ndlu kaSirayeli. 2 Utsho uYehova ukuthi: “Musani ukufunda indlela yeentlanga konke konke,+ ningankwantyiswa nayimiqondiso yasemazulwini, ngenxa yokuba iintlanga ziyankwantyiswa yiyo.+ 3 Amasiko ezizwana+ angumphunga nje, kuba izithixo zazo zingumthi nje+ ogawulwa ehlathini, umsebenzi wezandla zengcibi ngenkxola+ 4 Zizenza zihle ngesilivere nangegolide.+ Zizibethelela ngezikhonkwane nangezando, ukuze zingahexi.+ 5 Zinjengonomgogwana kwintsimi yekomkomere, yaye azinakuthetha.+ Zimele zithwalwe, kuba azikwazi kuhamba.+ Musa ukuzoyika, kuba azinakwenza nto iyintlekele yaye, ngaphezu koko, azinako ukwenza nakuphi na okulungileyo.”+
6 Akukho namnye unjengawe, Yehova.+ Umkhulu, negama lakho likhulu ngamandla.+ 7 Ngubani na ofanele angakoyiki,+ Kumkani weentlanga,+ kuba kukufanele oko; ngenxa yokuba phakathi kwezilumko zonke zeentlanga naphakathi kwezikumkani zazo zonke akukho namnye unjengawe.+ 8 Kwaye kwangaxeshanye zingqineka zingaqiqi yaye ziziziyatha.+ Umthi usisibongozo nje esingamampunge.+ 9 Yisilivere ekhandwe yangamacwecwe eziswa ivela eTarshishe,+ negolide evela kwaUfazi,+ umsebenzi wengcibi nowezandla zomnyibilikisi; isinxibo sazo singumsonto oluhlaza noboya obudaywe bamfusa bubomvu. Zonke zisisenzo sabantu abangamachule.+
10 Kodwa uYehova enyanisweni nguThixo.+ UnguTHIXO ophilayo+ noKumkani ukusa kwixesha elingenammiselo.+ Ngenxa yokucaphuka kwakhe umhlaba uya kunyikima,+ kwaye akukho zintlanga ziya kuma ngaphantsi kwesiqalekiso sakhe.+ 11 Niya kutsho kubo ukuthi: “Oothixo+ abangawenzanga amazulu nomhlaba ngabo abaya kutshabalala emhlabeni naphantsi+ kwamazulu la.” 12 Yena nguMenzi womhlaba ngamandla akhe,+ Lowo umisela ngokuqinileyo ilizwe elinemveliso ngobulumko,+ naLowo wolula amazulu ngokuqonda kwakhe.+ 13 Ngelizwi lakhe ukhupha ingxokozelo yamanzi emazulwini,+ yaye ubangela umphunga unyuke uvela esiphelweni somhlaba.+ Imvula uyenzele imijelo,+ kwaye uvelisa umoya koovimba bakhe.+
14 Wonke umntu uziphethe ngokungenangqiqo engenakwazi.+ Wonke umnyibilikisi ngokuqinisekileyo uya kuziva eneentloni ngenxa yemifanekiso eqingqiweyo;+ kuba imifanekiso yakhe etyhidiweyo ibubuxoki,+ yaye akukho moya kuyo.+ 15 Ingamampunge, iyintlekisa.+ Ngexesha lokunikelwa kwayo ingqalelo iya kutshabalala.+
16 Lowo usiSabelo sikaYakobi+ akafani nezi zinto, kuba unguMyili wayo yonk’ into,+ kwaye uSirayeli ungumsimelelo welifa lakhe.+ Igama lakhe nguYehova wemikhosi.+
17 Hlanganisa emhlabeni umthwalo wakho obotshiweyo,+ wena mfazi ohleli engcinezelweni.+ 18 Kuba utsho uYehova ukuthi: “Yabona, ngesi sihlandlo ndisawula abemi bomhlaba,+ kwaye ndiza kubazisela ukubandezeleka.”+
19 Yeha ke mna ngenxa yokuwa kwam!+ Umvumbo wam uyagulisa. Yaye mna ndithe: “Ngokuqinisekileyo sisifo sam esi, kwaye ndiya kusithwala.+ 20 Intente yam iphangiwe, neentambo zentente yam zonke ziqhawulwe kubini.+ Oonyana bam bemkile kum, abasekho.+ Akusekho bani utwabulula intente yam okanye omisa amalaphu entente yam. 21 Kuba abalusi baziphethe ngokungenangqiqo,+ kwaye abamfunanga uYehova.+ Kungenxa yoko le nto bengenzanga ngengqiqo, yaye zonke izilwanyana zabo ezisemadlelweni zichithachithekile.”+
22 Phulaphula! Ingxelo! Nantso ifikile, kwanesandi esikhulu sentshukumo evela kwilizwe lasemntla,+ ukuze kwenziwe izixeko zakwaYuda zibe yinkangala ephanzileyo, isikhundla soodyakalashe.+
23 Ndazi kakuhle, Yehova, ukuba ayikho semntwini wasemhlabeni indlela yakhe. Asikokomntu ohambayo ukwalathisa inyathelo lakhe.+ 24 Noko ke, ndilungise, Yehova, ngomgwebo;+ kungekhona ngomsindo wakho,+ ukuze ungandinciphisi ndingabi nto yanto.+ 25 Phalaza umsindo wakho ezintlangeni+ eziye azakunanza,+ nakwiintsapho ezingabizanga egameni lakho.+ Kuba zimdle zamgqiba uYakobi.+ Ewe, zimdle zamgqiba, kwaye zimtshabalalisile;+ nendawo yakhe yokuhlala ziyiphanzisile.+