Roma
11 Ndiyabuza, ke ngoko, uThixo akazange abagatye abantu bakhe, andibi kunjalo?+ Nakanye! Kuba nam ndingumSirayeli,+ wembewu ka-Abraham, wesizwe sikaBhenjamin.+ 2 UThixo akazange abagatye abantu bakhe, awabanika ingqalelo kwasekuqaleni.+ Kaloku, anikwazi na oko sikutshoyo iSibhalo ngoEliya, njengoko ebongoza uThixo ngokunxamnye noSirayeli?+ 3 “Yehova, bababulele abaprofeti bakho, bazimbile izibingelelo zakho, yaye ndim ndedwa oseleyo, kwaye bafuna umphefumlo wam.”+ 4 Kanti, sithini isibhengezo+ sobuthixo kuye? “Ndizishiyele amadoda angamawaka asixhenxe, abantu abangaguqanga ngedolo kuBhahali.”+ 5 Ngokunjalo, nangoku kukho intsalela+ yabanyuliweyo+ ngobubele obungasifanelanga. 6 Ke ukuba kungobubele obungasifanelanga,+ akusekho ngenxa yemisebenzi;+ kungenjalo, ububele obungasifanelanga abusabi bububele obungasifanelanga.+
7 Kuthekeni, ke ngoko? Yona kanye into uSirayeli ayifuna ngokunyamekileyo akazange ayizuze,+ kodwa abo banyuliweyo+ bayizuza. Abanye baye benziwa buthuntu iingqiqo zabo;+ 8 kanye njengoko kubhaliwe kwathiwa: “UThixo ubanike umoya wobuthongo obunzulu,+ amehlo angaboniyo neendlebe ezingevayo, unanamhla.”+ 9 Kanjalo, uDavide uthi: “Itafile yabo mayibe ngumgibe nesibatha kubo nesikhubekiso nempindezelo;+ 10 mawabe mnyama amehlo abo ukuze bangaboni, yaye mabasoloko begobe umhlana wabo.”+
11 Ngoko ke ndiyabuza, Bakhubeka na khon’ ukuze bawe+ ngokupheleleyo? Nakanye! Kodwa ngenyathelo labo eliphosakeleyo+ kubekho usindiso kubantu beentlanga,+ ukuze benziwe babe nekhwele.+ 12 Ke ukuba isiphoso sabo saba bubutyebi kwihlabathi, nokuncipha kwabo kwaba bubutyebi kubantu beentlanga,+ bobeka phi ke ukuba buninzi xa bezinikele ngokupheleleyo!+
13 Ke kaloku ndithetha kuni zintlanga. Njengoko, eneneni, ndingumpostile+ weentlanga,+ ndiyabuzukisa+ ubulungiseleli bam,+ 14 ukuba nje ndinokubakhweletisa abo benyama yam ndize ndisindise+ abathile kubo.+ 15 Kuba ukuba ukulahlwa kwabo+ kuthetha uxolelaniso+ kwihlabathi, kuya kuthetha ntoni na ukwamkelwa kwabo ngaphandle kokuba kuthethe ubomi kwabafileyo? 16 Ngokubhekele phaya, ukuba intlahlela+ yentlama ingcwele, ikwanjalo nentlama iphela; yaye ukuba ingcambu ingcwele,+ akwanjalo namasebe.
17 Noko ke, ukuba athile kumasebe aye aphulwa kodwa wena, nangona ungumnquma wasendle, wamiliselwa phakathi kwawo+ waza waba nesabelo kwingcambu yomnquma+ etyebileyo,+ 18 musa ukuwavuyelela amasebe. Ke ukuba uyawavuyelela,+ yazi ukuba asinguwe othwele ingcambu,+ kodwa yingcambu ethwele wena.+ 19 Uya kuthi, ngoko: “Amasebe aphulwa+ ukuze ndimiliselwe.”+ 20 Kulungile ke! Ngenxa yokuswela kwawo ukholo+ aphulwa, kodwa wena umi ngokholo.+ Yeka ukuba neengcinga eziphakamileyo,+ kodwa yiba noloyiko.+ 21 Kuba ukuba uThixo ebengawasindisanga amasebe emvelo, ebengayi kukusindisa nawe.+ 22 Khangela, ke ngoko, ububele+ nokuba qatha+ kukaThixo. Kwabo bawileyo kukho ubuqatha,+ kodwa kuwe kukho ububele bukaThixo, ukuba nje uyahlala+ kububele bakhe; kungenjalo, kwanawe lo uya kulahlwa.+ 23 Kanjalo nabo, ukuba abahlalanga beswele ukholo, baya kumiliselwa;+ kuba uThixo uyakwazi ukubamilisela kwakhona. 24 Kuba ukuba waye wagawulwa kumnquma ongowasendle ngemvelo waza ngokwahlukileyo kwimvelo wamiliselwa+ kumnquma wasemyezweni, kuya kuba kangakanani na ke ngaba bangabemvelo ukumiliselwa kumnquma wabo!+
25 Kuba andifuni ningabi nalwazi, bazalwana, ngale mfihlelo engcwele,+ ukuze ningabi ziingqondi kwawenu amehlo: le yokuba ziye zenziwa buthuntu ngokuyinxenye iingqiqo+ zikaSirayeli de kungene inani elipheleleyo+ labantu beentlanga,+ 26 yaye ngolu hlobo wonke uSirayeli+ uya kusindiswa. Kunjengokuba kanye kubhaliwe kwathiwa: “Umhlanguli uya kuza ephuma eZiyon+ aze alukhwelelise uqheliselo olungelolwabuthixo kuYakobi.+ 27 Yaye lo ngumnqophiso wam kunye nabo,+ xa ndizisusa izono zabo.”+ 28 Enyanisweni, ngokubhekisele kwiindaba ezilungileyo baziintshaba ngenxa yenu,+ kodwa ngokubhekisele ekunyuleni [kukaThixo] baziintanda ngenxa yookhokho babo.+ 29 Kuba izipho nobizo lukaThixo asizinto aya kuzisola ngazo.+ 30 Kuba kanye njengokuba nani nanikhe anamthobela+ uThixo kodwa ngoku niye nenzelwa inceba+ ngenxa yokungathobeli kwabo,+ 31 kwangokunjalo aba baye abathobela nto leyo ephumele ekwenzelweni kwenu inceba,+ ukuze nabo ngokwabo benzelwe inceba. 32 Kuba uThixo ubavalele ndawonye bonke ekungathobelini kwabo,+ ukuze abenzele inceba bonke.+
33 Hayi ubunzulu bobutyebi+ nobobulumko+ nobolwazi+ lukaThixo! Hayi indlela engaphengululeki ngayo imigwebo yakhe+ nendlela ezingalandeki ngayo iindlela zakhe! 34 Kuba “ngubani na ofikelele ekuyazini ingqondo kaYehova,+ okanye ngubani na oye waba ngumcebisi wakhe?”+ 35 Okanye, “Ngubani na oye waqala wanikela kuye, khon’ ukuze abe nokubuyekezwa?”+ 36 Ngenxa yokuba zonke izinto zivela kuye yaye zibekho ngaye kwaye zikholo yena.+ Kuye makubekho uzuko ngonaphakade.+ Amen.