Mateyu
24 Ekuphumeni kukaYesu etempileni, abafundi bakhe basondela ukuze bambonise izakhiwo zetempile.+ 2 Wasabela ngokuthi kubo: “Aniziboni na zonke ezi zinto? Inene ndithi kuni, Akuyi kusala litye phezu kwelitye apha elingayi kudilizwa.”+
3 Ngoxa wayehleli kwiNtaba yemiNquma, abafundi baya kuye ngasese, besithi: “Sixelele, Ziya kubakho nini na ezi zinto, kwaye uya kuba yintoni na umqondiso wobukho+ bakho nowokupheliswa kwenkqubo yezinto?”+
4 Kwaye ekuphenduleni uYesu wathi kubo: “Lumkani kungabikho bani unilahlekisayo;+ 5 kuba abaninzi baya kuza egameni lam, besithi, ‘NdinguKristu,’ yaye baya kulahlekisa abaninzi.+ 6 Niza kuva ngeemfazwe neengxelo zeemfazwe; qinisekani ukuba aninkwantyi. Kuba ezi zinto zimele zenzeke, kodwa isiphelo asikabikho.+
7 “Kuba uhlanga luya kuvukelana nohlanga+ nobukumkani buvukelane nobukumkani,+ yaye kuya kubakho ukunqongophala kokutya+ neenyikima zomhlaba+ kwiindawo ngeendawo. 8 Zonke ezi zinto zikukuqala kwenimba.
9 “Baya kwandula ke abantu baninikele ekubandezelweni,+ banibulale,+ nithiywe+ ziintlanga zonke ngenxa yegama lam.+ 10 Kanjalo, abaninzi baya kukhutyekiswa,+ bangcatshane, bathiyane.+ 11 Kuya kuvela abaprofeti bobuxoki+ abaninzi baze balahlekise abaninzi;+ 12 yaye ngenxa yokwanda kokuchas’ umthetho+ luya kuphola uthando lwabaninzi.+ 13 Kodwa lowo unyamezele+ kwada kwasekupheleni uya kusindiswa.+ 14 Kwaye ezi ndaba zilungileyo+ zobukumkani+ ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo kube bubungqina kuzo zonke iintlanga;+ kwandule ke kufike ukuphela.+
15 “Ngoko ke, xa nibona into elizothe ebangela isiphanziso,+ njengoko kwathethwa ngayo ngomprofeti uDaniyeli, imi kwindawo engcwele,+ (ofundayo makaqiqe,) 16 mabandule abo bakwelakwaYuda basabele+ ezintabeni. 17 Umntu ophezu kwendlu makangehli aye kuthabatha iimpahla endlwini yakhe; 18 umntu osentsimini makangabuyeli endlwini aye kuthabatha isambatho sakhe sangaphezulu. 19 Yeha abafazi abamithiyo nabanyisa iintsana ngaloo mihla!+ 20 Hlalani nithandazela ukuba intsabo yenu ingabi sebusika, okanye ngomhla wesabatha; 21 kuba ngelo xesha kuya kubakho imbandezelo enkulu+ ekungazange kubekho injengayo ukususela ekuqaleni kwehlabathi de kube ngoku,+ nekungasayi kubakho injengayo kwakhona. 22 Enyanisweni, ngaphandle kokuba loo mihla inqunyulwe, bekungayi kubakho nyama isindayo; kodwa ngenxa yabanyuliweyo+ loo mihla iya kunqunyulwa.+
23 “Ngoko ukuba nabani na uthi kuni, ‘Khangelani! Nanku uKRISTU,’+ okanye, ‘Nankuya!’ ningakukholelwa oko.+ 24 Kuba kuya kuvela ooKristu bobuxoki+ nabaprofeti bobuxoki+ yaye baya kunika imiqondiso emikhulu+ nemimangaliso ukuze balahlekise, ukuba kunokwenzeka, kwanabo banyuliweyo.+ 25 Khangelani! ndinilumkise kwangaphambili.+ 26 Ngoko ke, ukuba abantu bathi kuni, ‘Khangelani! Usentlango,’ musani ukuphuma; ‘Khangelani! Usemagumbini angaphakathi,’ ningakukholelwa oko.+ 27 Kuba kanye njengokuba umbane+ uphuma kwimimandla yasempumalanga uze ukhanye ukufikelela kwimimandla yasentshonalanga, buya kuba njalo nobukho+ boNyana womntu. 28 Naphi na apho kukho isidumbu, ziya kuhlanganisana ndawonye+ apho iinkozi.+
29 “Ngoko nangoko emva kwembandezelo yaloo mihla ilanga liya kwenziwa mnyama,+ nenyanga+ ayiyi kunika ukukhanya kwayo, yaye kuya kuwa iinkwenkwezi ezulwini, namandla amazulu aya kugungqiswa.+ 30 Uya kwandula ke umqondiso woNyana womntu+ ubonakale ezulwini, zandule zonke izizwe zomhlaba zizimbambazele zisenza isijwili,+ yaye ziya kumbona uNyana womntu esiza esemafini ezulu enamandla nobuqaqawuli obukhulu.+ 31 Yaye uya kuthumela iingelosi zakhe zinesandi esikhulu sexilongo,+ zihlanganisele ndawonye abo banyuliweyo+ bakhe bevela koomoya abane,+ ukusuka kwesinye isiphelo samazulu ukusa kwesinye isiphelo sawo.
32 “Ke kaloku fundani kuwo umkhiwane le ngongoma njengomzekeliso: Kwakamsinya nje lakuba isetyana lawo lithamba lize livelise amagqabi, niyazi ukuba ihlobo likufuphi.+ 33 Ngokunjalo nani, xa nibona zonke ezi zinto, yazini ukuba ukufuphi eminyango.+ 34 Inene ndithi kuni asisayi kudlula esi sizukulwana+ zingadanga zenzeke zonke ezi zinto. 35 Liya kudlula izulu nomhlaba,+ kodwa amazwi am akayi kuze adlule.+
36 “Akukho bani uwaziyo loo mhla nelo lixa,+ azazi neengelosi zamazulu engazi noNyana, kodwa nguBawo kuphela.+ 37 Kuba kanye njengokuba yayinjalo imihla kaNowa,+ buya kuba njalo ubukho boNyana womntu.+ 38 Kuba njengokuba babenjalo ngaloo mihla yangaphambi komkhukula, besidla, besela, amadoda etshata namabhinqa etshatiswa, de kwaba yimini awangena ngayo uNowa+ emkhombeni;+ 39 kwaye abazange banikele ngqalelo de wafika umkhukula waza wabatshayela bonke,+ nobukho boNyana womntu buya kuba njalo. 40 Ngoko amadoda amabini aya kube esentsimini: enye iya kuthatyathwa ize enye ishiywe; 41 abafazi ababini baya kube besila elityeni lokuguba:+ omnye uya kuthatyathwa kwaye omnye uya kushiywa.+ 42 Ngoko ke, hlalani nilindile, ngenxa yokuba aniwazi umhla eza ngawo iNkosi yenu.+
43 “Kodwa yazini nto inye, ukuba umnini-ndlu ebesazi ukuba isela liza ngawuphi na umlindo,+ ebeya kuhlala ephaphile aze angavumi ukuba indlu yakhe iqhekezwe. 44 Ngenxa yoku nani hlalani nilungile,+ kuba uNyana womntu uza ngelixa eningacinganga ukuba lilo.
45 “Ngubani ngokwenene olikhoboka elithembekileyo neliyingqondi+ ethe inkosi yalo yalimisela phezu kwempahla yendlu yayo, ukuze liyinike ukutya kwayo ngexesha elifanelekileyo?+ 46 Linoyolo+ elo khoboka ukuba inkosi yalo yakufika ilifumana lisenjenjalo! 47 Inene ndithi kuni, Iya kulimisela phezu kwayo yonke impahla yayo.+
48 “Kodwa ukuba elo khoboka linobubi lingakhe lithi entliziyweni yalo,+ ‘Inkosi yam iyalibala,’+ 49 lize liqale ukubetha amakhoboka angamadlelane alo yaye lidle lize lisele namanxila aziwayo, 50 inkosi yelo khoboka iya kuza ngemini elingayilindelanga nangelixa+ elingalaziyo, 51 kwaye iya kulohlwaya ngokona kuqatha+ kakhulu ize ilabele nabahanahanisi. Apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo alo.+