Duteronomi
2 Luya kuchaphaza njengemvula uyalelo lwam,+
Ahle njengombethe amazwi am,+
Njengentshizane engceni+
Nanjengomvumbi phezu kotyani.+
4 NguLiwa, ugqibelele umsebenzi wakhe,+
Ngokuba zonke iindlela zakhe zisesikweni.+
NguThixo wentembeko,+ tu ubugqwetha;+
Lilungisa yaye uthe tye yena.+
5 Bona bazonakalisile ngokwabo;+
Abangobantwana bakhe, bazizisele isiphako ngokwabo.+
Basisizukulwana esigwenxa nesijijekileyo!+
6 Nenjenje na ukumphatha uYehova,+
Bantundini abaziziyatha nabangenabulumko?+
Akanguye na uYihlo okuvelisileyo,+
Okwenzileyo waza wakuzinzisa?+
Uqwalasele iminyaka yamandulo yezizukulwana ngezizukulwana;
Buza kuyihlo, angakuxelela;+
Kumadoda amakhulu akowenu, angakwazisa.+
8 Ekuzinikeni kOyena Uphakamileyo iintlanga ilifa,+
Ekubahlukaniseni kwakhe oonyana baka-Adam,+
Wayizinzisa imida yezizwana+
Ngokwenani loonyana bakaSirayeli.+
10 Wamfumana ezweni eliyintlango,+
Enkqantosini engenanto, ebhombolozayo.+
Wamlondoloza njengokhozo lweliso lakhe.+
11 Njengokhozi luxhokonxa indlwane yalo,
Lundanda phezu kwamantshontsho alo,+
Luwolule amaphiko alo, luwathabathe,
Luwathwale ngamaphiko alo,+
Engenathixo wasemzini kunye naye.+
13 Wamkhwelisa kwiindawo eziphakamileyo zomhlaba,+
Wadla ke imveliso yasendle.+
Wammfimfithisa ubusi engxondorheni,+
Neoli eweni leqhwitha;+
14 Ibhotolo yomhlambi weenkomo nobisi lomhlambi weegusha+
Kunye namanqatha eenkunzi zeegusha,
Neenkunzi zezimvu, zohlobo lwaseBhashan, neenkunzi zeebhokhwe+
Kunye namanqatha ezintso zengqolowa;+
Negazi leediliya walisela njengewayini.+
15 Watyeba ke uYeshurun,+ wakhabalaza.+
Wazingxala wena, watyeba, waba mkhulu.+
Ngoko wamshiya yena uThixo, owamenzayo,+
Walidela iLiwa+ lokusindiswa kwakhe.
17 Babingelela kwiidemon, kungekhona kuThixo,+
Koothixo ababengabazi,+
Kwabatsha abasandula ukufika,+
Ababengaqhelananga nabo ookhokho benu.
19 Akukubona oku uYehova, akabanga saba nantlonelo ngabo,+
Ngokuqunjiswa ngoonyana bakhe neentombi zakhe.
20 Ngoko wathi, ‘Mandibufihle ubuso bam kubo,+
Ndibone ukuba baya kuphelela phi na.
Ngokuba basisizukulwana esigwenxa,+
Ngoonyana abangathembekanga.+
21 Bona, bandikhweletisa ngoko kungengothixo;+
Bandiqumbisa ngezithixo zabo ezililize;+
Nam, ndiya kubakhweletisa ngoko kungesosizwana;+
Ndibacaphukise ngohlanga olunobuyatha.+
22 Ngokuba umsindo wam unjengomlilo+
Yaye uya kuvutha ude use eShiyol, eyeyona ndawo isezantsi,+
Uya kuwudla umhlaba nemveliso yawo+
Uvuthise neziseko zeentaba.+
24 Baya kulamba baphelelwe ngamandla,+ ubadle ubagqibe umkhuhlane otshisayo+
Kwanentshabalalo ekrakra.+
Ndiya kubathumela amazinyo ezilo,+
Nobuhlungu bezirhubuluzi zaseluthulini.+
25 Ngaphandle baya kuhluthwa ngekrele,+
Ngaphakathi ibe kukothuka,+
Kokubini emfaneni nasentombini enyulu,+
Kowanyayo nakonezimvi.+
26 Ngendithe: “Ndiya kubasasaza,+
Ndibenze bangabi sakhankanywa ebantwini abafayo,”+
27 Ukuba nje bendingoyikiseli ukuqunjiswa lutshaba,+
Hleze iintshaba zabo zingaqondi,+
Zithi: “Isandla sethu songamile,+
Akwenziwanga nguYehova oku konke.”+
29 Akwaba bebenobulumko!+ Kuba bebeya kukuphonononga oku.+
Bebeya kusiqonda isiphelo sabo emva koku.+
30 Kwenzeka njani na ukuba emnye kubo asukele iwaka,
Ababini benze amawaka alishumi asabe?+
Bekungenakwenzeka ngaphandle kokuba iLiwa labo lizithengisile+
Waza uYehova wazinikela kubo.
32 Kuba umdiliya wazo ngowomdiliya waseSodom
Yaye ngowamasimi aseGomora.+
Iidiliya zazo ziidiliya zetyhefu,
Izihloko zazo ziyakrakra.+
35 Yeyam impindezelo, nembuyekezo.+
Ngexesha elimisiweyo luya kutyibilika unyawo lwazo,+
Ngokuba usondele umhla wentlekele yazo,+
Iziganeko ezilungiselelwe zona ziza ngokungxama.’+
36 Ngokuba uYehova uya kubagweba abantu bakhe+
Azisole ngenxa yabakhonzi bakhe,+
Xa ebona ukuba akusekho ubaxhasayo
Basuke baba ziintw’ ezingeloncedo nezingento yanto.
37 Yaye ngokuqinisekileyo uya kuthi, ‘Baphi na oothixo babo,+
Iliwa ababesabela kulo,+
38 Ababesidla amanqatha emibingelelo yabo,+
Ababesela iwayini yeminikelo yabo ethululwayo?+
Mabasuke banincede.+
Mababe yindawo yenu yokuzifihla.+
39 Bonani ke ngoku, ukuba mna ndinguye+
Abakho oothixo abakunye nam.+
Ndiyabulala, ndidlise ubomi.+
Ndingxwelerha ngokuqatha,+ ndibuye ndiphilise,+
Akakho ongakuxhwila okusesandleni sam.+
40 Ngokuba ndisiphakamisela ezulwini isandla sam,+
Ndifunge ndithi: “Ndiphila nje ukusa kwixesha elingenammiselo,”+
41 Ukuba ndithe eneneni ndalilola ikrele lam elimenyezelayo,+
Sabambelela elugwebeni isandla sam,+
Ndoyibuyisela impindezelo kwiintshaba zam+
Ndibabuyekeze abo bandithiye kakhulu.+
42 Ndoziyobisa iintolo zam ngegazi,+
Ngegazi lababuleweyo nabathinjiweyo,
Ngeentloko zabakhokeli botshaba,+
Ngoxa ikrele lam liya kube lisidla inyama.’+
43 Chulumancani, zintlanga, kunye nabantu bakhe,+
Ngokuba uya kuliphindezelela igazi labakhonzi bakhe,+
Abuyisele impindezelo kwiintshaba zakhe+
Awucamagushele umhlaba wakhe nabantu bakhe.”
44 Weza ke uMoses wawathetha onke amazwi ale ngoma ezindlebeni zabantu,+ yena noHosheya unyana kaNun.+ 45 Akugqiba uMoses ukuwathetha onke la mazwi kuSirayeli wonke, 46 waqhubeka wathi kuye: “Wabekeleni iintliziyo zenu onke amazwi endinilumkisa ngawo namhlanje,+ ukuze niwayalele oonyana benu ukuba bakunyamekele ukwenza ngokwamazwi onke alo mthetho.+ 47 Ngokuba asilizwi lingenaxabiso kuni eli,+ kodwa lithetha ubomi benu,+ yaye ngeli lizwi nisenokuyandisa imihla yenu kuwo umhlaba eniwela iYordan nisiya kuwudla ilifa.”+
48 Wathetha uYehova kuMoses kwangaloo mini, esithi: 49 “Nyuka uye kule ntaba yaseAbharim,+ eNtabeni yeNebho,+ esezweni lakwaMowabhi, elikhangelene neYeriko, uze ulibone ilizwe lakwaKanan, endilinika oonyana bakaSirayeli njengelifa.+ 50 Wothi ke ufele entabeni leyo onyukela kuyo, uze uhlanganiselwe kubantu bakowenu,+ kanye njengoko umntakwenu uAron wafela eNtabeni yeHore+ waza wahlanganiselwa kubantu bakowabo; 51 ngenxa yokunganyaniseki kwenu kum+ phakathi koonyana bakaSirayeli emanzini aseMeribha+ yaseKadeshe entlango yeTsin; ngenxa yokuba ningandingcwalisanga phakathi koonyana bakaSirayeli.+ 52 Ngokuba uya kulibonela mgama ilizwe elo, kodwa akuyi kungena kulo ilizwe endilinika oonyana bakaSirayeli.”+