IMizekeliso
23 Ukuba kunokwenzeka uhlale phantsi ukuba udle nokumkani, ufanele uqwalasele ngenkuthalo oko kuphambi kwakho,+ 2 yaye umele ubeke isitshetshe emqaleni wakho ukuba unolangazelelo.+ 3 Musa ukukunqwenela ukutya kwakhe okunencasa, njengoko ikukutya kobuxoki.+
4 Musa ukubulalekela ukuzuza ubutyebi.+ Yeka okwakho ukuqonda.+ 5 Ngaba uya kubukrwaqula ngamehlo akho na, ekubeni bungeyonto?+ Kuba bona buzenzela amaphiko njengokhozi buze buphaphazele businge emazulwini.+
6 Musa ukudla ukutya kwakhe nabani na oneliso elingenasisa,+ ungakunqweneli ukutya kwakhe okunencasa.+ 7 Kuba njengoko anjalo ocinga yedwa, unjalo yena.+ “Yidla usele,” utsho njalo kuwe, kodwa intliziyo yakhe ayikho kuwe.+ 8 Iqhekeza olidlileyo, uya kulihlanza liphume, ube uwalahlile amazwi akho athandekayo.+
9 Musa ukuthetha endlebeni yesiyatha,+ kuba siya kuwadelela amazwi akho anengqondo.+
10 Musa ukuwunciphisa umda wakudala,+ ungangeni entsimini yamakhwenkwe angenayise.+ 11 Kuba uMkhululi wawo womelele; yena ngokwakhe uya kugweba ityala lawo kuwe.+
12 Yinikele intliziyo yakho kwingqeqesho nendlebe kumazwi okwazi.+
13 Musa ukuluyeka uqeqesho enkwenkweni.+ Ukuba uthe wayibetha ngentonga, ayisayi kufa. 14 Ufanele uyibethe ngentonga, ukuze uwuhlangule umphefumlo wayo eShiyol.+
15 Nyana wam, ukuba ithe yalumka intliziyo yakho,+ iya kuba nemihlali intliziyo yam, eyam kanye.+ 16 Yaye izintso zam ziya kugcoba xa imilebe yakho ithetha okuthe tye.+
17 Intliziyo yakho mayingabamoneli aboni,+ kodwa yoyika uYehova imini yonke.+ 18 Ngaloo ndlela uya kuba nekamva,+ yaye ithemba lakho aliyi kunqunyulwa.+
19 Wena ke, nyana wam, yiva uze ube nobulumko, ukhokele intliziyo yakho endleleni.+
20 Musa ukuba phakathi kwabasela iwayini kakhulu,+ phakathi kwabadli benyama abangamadla-kudla.+ 21 Kuba inxila nedla-kudla baya kuhlwempuzeka,+ yaye ukozela kuya kumambesa amadlavu ubani.+
22 Mphulaphule uyihlo okuzeleyo,+ yaye ungamdeleli unyoko ngenxa nje yokuba emdala.+ 23 Thenga inyaniso,+ ungathengisi ngayo—ubulumko, ingqeqesho nokuqonda.+ 24 Uyise welungisa ngaphandle kwamathandabuzo uya kuvuya;+ nalowo uzala isilumko uya kuba nemihlali ngaso.+ 25 Uyihlo nonyoko baya kuba nemihlali, yaye lowo ukuzeleyo uya kuvuya.+
26 Nyana wam, ndinike intliziyo yakho, yaye ngamana amehlo akho angakholiswa ziindlela zam.+ 27 Kuba unongogo ngumhadi+ onzulu yaye umfazi wasemzini liqula elimxinwa. 28 Ngokuqinisekileyo, kanye njengomphangi, uyalalela;+ yaye phakathi kwabantu uyawandisa amaqhophololo.+
29 Ngubani na othi yeha? Ngubani na onokungakhululeki? Ngubani na onosukuzwano?+ Ngubani na oxhalabileyo? Ngubani na onamanxeba ngaphandle kwesizathu? Ngubani na onorhatyazo emehlweni? 30 Ngabo bahlala ixesha elide ewayinini,+ abo bafika befuna iwayini ephithikeziweyo.+ 31 Musa ukuyikhangela iwayini xa ivelisa umbala obomvu, xa ibengezela endebeni, xa isihla ngokulula. 32 Ukuphela kwayo iluma njengenyoka,+ yaye ikhupha ityhefu njengerhamba.+ 33 Amehlo akho aya kubona izinto ezingaqhelekanga, yaye intliziyo yakho iya kuthetha izinto ezigwenxa.+ 34 Yaye ngokuqinisekileyo uya kuba njengolele esazulwini solwandle, kwananjengolele phezu kwemasti.+ 35 “Bandibethile, kodwa andagula; bandintlithile, kodwa andakwazi oko. Ndiya kuvuka nini na?+ Ndiya kufuna engakumbi.”+