ISityhilelo
1 Isityhilelo+ ngoYesu Kristu, uThixo awamnika sona,+ ukuba abonise amakhoboka akhe+ izinto ezimele zenzeke kamsinya.+ Yaye wathumela ingelosi yakhe+ waza ngayo wasinikela ngemiqondiso+ kwikhoboka lakhe uYohane,+ 2 owanikela ubungqina kwilizwi uThixo awalinikelayo+ nakubungqina uYesu Kristu awabunikelayo,+ kwanakuzo zonke izinto awazibonayo. 3 Unoyolo+ lowo uwafunda ngokuvakalayo+ nabo bawevayo amazwi esi siprofeto,+ nabazigcinayo izinto ezibhaliweyo kuso;+ kuba ixesha elimisiweyo likufuphi.+
4 UYohane kumabandla asixhenxe+ akwisithili saseAsiya:
Ngamana ningaba nobubele obungasifanelanga noxolo oluvela “kuLowo ukhoyo nowayekho nozayo,”+ nakubo oomoya abasixhenxe+ abaphambi kwetrone yakhe, 5 nakuYesu Kristu, “iNgqina Elithembekileyo,”+ “Izibulo kwabafileyo,”+ “noMlawuli wookumkani bomhlaba.”+
Kulowo usithandayo nowasikhululayo+ kwizono zethu ngegazi+ lakhe— 6 yaye wasenza ukuba sibe bubukumkani,+ ababingeleli+ kuThixo wakhe noYise—ewe, kuye makubekho uzuko namandla ngonaphakade.+ Amen.
7 Khangela! Uza ngamafu,+ yaye onke amehlo aya kumbona,+ nabo bamhlabayo;+ zize zonke izizwe zomhlaba zizimbambazele zisentlungwini ngenxa yakhe.+ Ewe, Amen.
8 “NdinguAlfa no-Omega,”+ utsho uYehova uThixo, “Lowo ukhoyo nowayekho nozayo,+ uSomandla.”+
9 Mna Yohane, umzalwana wenu nonesabelo kunye nani kwimbandezelo+ nobukumkani+ nonyamezelo+ kunye noYesu,+ ndaba kwisiqithi esibizwa ngokuba yiPatmos ngenxa yokuthetha ngoThixo nokunikela ubungqina ngoYesu.+ 10 Ngempefumlelo+ ndaba+ kwimini yeNkosi,+ yaye ndeva emva kwam ilizwi elinamandla+ njengelexilongo, 11 lisithi: “Oko ukubonayo kubhale+ emsongweni uze ukuthumele kumabandla asixhenxe,+ e-Efese+ naseSmirna+ nasePergamo+ naseTiyatira+ naseSardesi+ naseFiladelfi+ naseLawodike.”+
12 Yaye ndajika ukuze ndibone ilizwi elo lalithetha nam, ndaza, ndakuba ndijikile, ndabona iziphatho zezibane zegolide ezisixhenxe,+ 13 naphakathi kweziphatho zezibane uthile onjengonyana womntu,+ ambethe isambatho esifika phantsi ezinyaweni, yaye ebhinqe esifubeni umbhinqo wegolide. 14 Ngaphezu koko, intloko yakhe neenwele zakhe zazimhlophe njengoboya obumhlophe,+ njengekhephu, namehlo akhe enjengedangatye lomlilo;+ 15 iinyawo zakhe zinjengobhedu olusulungekileyo+ xa lugqatsekile eziko; lona ilizwi lakhe+ lalinjengesandi samanzi amaninzi. 16 Esandleni sakhe sasekunene wayeneenkwenkwezi ezisixhenxe,+ yaye emlonyeni wakhe kwakuphuma ikrele+ elide elintlangothi-mbini, elibukhali, nobuso bakhe babunjengelanga xa likhanya ngamandla alo.+ 17 Ndithe ke ndakumbona, ndawa ezinyaweni zakhe, ndanjengofileyo.
Waza wabeka isandla sakhe sasekunene phezu kwam wathi: “Musa ukoyika.+ NdingowokuQala+ nowokuGqibela,+ 18 nalowo uphilayo;+ ndandifile,+ kodwa, khangela! ndiyaphila ngonaphakade+ kanaphakade, yaye ndinazo izitshixo zokufa+ nezeHadesi.+ 19 Ngoko ke zibhale phantsi izinto ozibonileyo, nezinto ezikhoyo nezinto eziya kwenzeka emva kwezi.+ 20 Yona ke imfihlelo engcwele yeenkwenkwezi ezisixhenxe+ owazibonayo esandleni sam sasekunene, neyeziphatho zezibane zegolide ezisixhenxe yile:+ Iinkwenkwezi ezisixhenxe zithetha iingelosi zamabandla asixhenxe, yaye iziphatho zezibane ezisixhenxe zithetha amabandla asixhenxe.+