Isaya
9 Noko ke, ukusithakala akuyi kuba njengaxa ilizwe lalicinezelekile, njengakwixesha langaphambili xa ubani wayeliphatha ngendelelo ilizwe lakwaZebhulon nelizwe lakwaNafetali+ naxa kwixesha lamva ubani wabangela ukuba kunikwe imbeko+—indlela yaselwandle, kummandla weYordan, iGalili yeentlanga.+ 2 Abantu ababehamba ebumnyameni babone ukukhanya okukhulu.+ Ke bona abo bahlala elizweni elinethunzi elimnyama,+ ukukhanya kuye kwakhanyisa phezu kwabo.+ 3 Ulwandisile uhlanga;+ ukwenze kwaba kukhulu ukuba nemihlali+ kwalo. Luye lwanemihlali phambi kwakho njengokuba nemihlali ngexesha lokuvuna,+ njengabo bavuyayo ekwahluleni kwabo amaxhoba.+
4 Kuba idyokhwe yomthwalo wabo+ nentonga esemagxeni abo, umsimelelo walowo ubaqweqwedisela emsebenzini,+ uyaphule njengemini yakwaMidiyan.+ 5 Kuba zonke izihlangu zalowo unyathela+ ngokunyikimisayo nengubo yokwaleka eqengqwe egazini ziye zatshiswa njengokudla komlilo.+ 6 Kuba sizalelwe umntwana,+ sinikwe unyana;+ yaye ukuphatha njengenkosana kuya kuba segxalabeni lakhe.+ Igama lakhe liya kubizwa ngokuba nguMcebisi Omangalisayo,+ uThixo Onamandla,+ uBawo ongunaPhakade,+ iNkosana yoXolo.+ 7 Akayi kuyeka ukuphatha njengenkosana, noxolo+ aluyi kuphela+ etroneni kaDavide+ nasebukumkanini bakhe ukuze bumiselwe ngokuqinileyo+ nokuze buxhaswe ngokusesikweni+ nangobulungisa,+ ukususela ngoku kuse kwixesha elingenammiselo. Yona kanye inzondelelo kaYehova wemikhosi iya kukwenza oku.+
8 UYehova wathumela ilizwi kwaYakobi, lawela kwaSirayeli.+ 9 Yaye ngokuqinisekileyo abantu baya kulazi,+ bona bonke, uEfrayim nommi waseSamariya,+ ngenxa yekratshi labo nangenxa yokusa kwentliziyo yabo ngokuthi:+ 10 “Kuwe izitena, kodwa siya kwakha ngamatye aqingqiweyo.+ Kugawulwe imithi yesikamore,+ koko siya kuyithabathel’ indawo ngemisedare.” 11 Yaye uYehova uya kuzibeka iintshaba zikaRetsin phezulu nxamnye naye, neentshaba zalowo uya kuzixhokonxa,+ 12 iSiriya ngasempuma+ namaFilisti ngasemva,+ yaye ziya kumdla zimgqibe uSirayeli ngomlomo ovulekileyo.+ Ngenxa yako konke oku umsindo wakhe awubuyanga, kodwa isandla sakhe usasolulile.+
13 Abantu ababuyelanga kuLowo ubabethayo,+ yaye abamfunanga uYehova wemikhosi.+ 14 UYehova uya kunqumla intloko+ nomsila+ kwaSirayeli, ihlumelo nomzi ngamini-nye.+ 15 Owalupheleyo nohlonipheke kakhulu yintloko ke leyo,+ umprofeti onikela uyalelo lobuxoki ngumsila.+ 16 Nabo bakhokela esi sizwana bangqineke bengabo basibangela siphambuke;+ nabo bakhokelwayo, ngabo abadidekileyo.+ 17 Kungenxa yoko le nto uYehova engayi kuba nemihlali kwanangenxa yabafana babo,+ nakumakhwenkwe abo angenayise nakubahlolokazi babo akayi kuba nanceba; ngenxa yokuba bonke bangabawexuki+ nabenzi bobubi kwaye imilomo yonke ithetha oko kungenangqiqo. Ngenxa yako konke oku umsindo wakhe awubuyanga, kodwa isandla sakhe usasolulile.+
18 Kuba ubungendawo buyavutha kanye njengomlilo;+ buya kuwadla buwagqibe amatyholo anameva nokhula.+ Buya kutshisa ezintshinyeleni zehlathi,+ yaye ziya kuthwalelwa phezulu njengomqulu womsi.+ 19 Ekuvutheni komsindo kaYehova wemikhosi ilizwe litshile, yaye abantu baya kudliwa ngumlilo.+ Akukho bani uya kubonisa imfesane kwanakumntakwabo.+ 20 Baya kusika ngasekunene, balambe noko; badle ngasekhohlo, kodwa banganeli.+ Baya kudla elowo inyama yengalo yakhe,+ 21 uManase adle uEfrayim, noEfrayim uManase. Xa bebonke baya kuba nxamnye noYuda.+ Ngenxa yako konke oku umsindo wakhe awubuyanga, kodwa isandla sakhe usasolulile.+