Eksodus
9 Wathi uYehova kuMoses: “Yiya kuFaro uze uthi kuye,+ ‘Utsho uYehova uTHIXO wamaHebhere ukuthi: “Bandulule abantu bam baye kundikhonza. 2 Kodwa ukuba uyaqhubeka usala ukubandulula, ubabambile,+ 3 khangela! isandla sikaYehova+ soba phezu kwemfuyo yakho+ esendle. Emahasheni, emaesileni, ezinkameleni, emhlambini weenkomo nasemhlambini wezimvu, kuya kubakho indyikitya yokufa enzima kakhulu.+ 4 Yaye ngokuqinisekileyo uYehova uya kwenza umahluko phakathi kwemfuyo yakwaSirayeli nemfuyo yaseYiputa, kungafi nanye kuleyo yoonyana bakaSirayeli.”’”+ 5 Ngaphezu koko, uYehova wamisa ixesha loku, esithi: “Ngomso uYehova uya kuyenza le nto kweli lizwe.”+
6 Wayenza ke uYehova le nto ngosuku olulandelayo, zaza zafa zonke iintlobo zemfuyo yaseYiputa;+ kodwa akufanga nanye kwimfuyo yoonyana bakaSirayeli. 7 Wandula uFaro wathumela, yaye khangela! akufanga nanye kwimfuyo kaSirayeli. Sekunjalo, yaqhubeka ilukhuni intliziyo kaFaro,+ waza akabandulula abantu.
8 Emva koko wathi uYehova kuMoses noAron: “Thabathani uthuthu lweziko, nizalise izandla zenu zozibini,+ aze uMoses aluphosele ngasemazulwini phambi koFaro. 9 Yaye lumele lube ngumgubo ezweni lonke laseYiputa, lube ngamathumba anamadyungudyungu+ kubantu nakwizilo ezweni lonke laseYiputa.”
10 Baluthabatha ke uthuthu lwaseziko baza bema phambi koFaro, waza uMoses waluphosela ngasemazulwini, lwaba ngamathumba anamadyungudyungu,+ kubantu nakwizilo. 11 Yaye ababingeleli abaqhelisela umlingo abakwazanga ukuma phambi koMoses ngenxa yamathumba, kuba kwaphuma amathumba kubabingeleli abaqhelisela umlingo nakumaYiputa onke.+ 12 Kodwa uYehova wayiyeka yaba lukhuni intliziyo kaFaro, akabaphulaphula, kanye njengoko wayetshilo uYehova kuMoses.+
13 Wathi uYehova kuMoses: “Vuka ekuseni uze ume phambi koFaro,+ uthi kuye, ‘Utsho uYehova uTHIXO wamaHebhere ukuthi, “Bandulule abantu bam baye kundikhonza.+ 14 Kuba ngeli xesha ndiya kuthumela zonke izibetho zam nxamnye nentliziyo yakho, nakubakhonzi bakho, nakubantu bakho, ukuze wazi ukuba akukho namnye unjengam emhlabeni wonke.+ 15 Kuba nangoku bendingasolula isandla sam ndize ndikubethe wena nabantu bakho ngendyikitya yokufa, nitshayelwe ningabikho emhlabeni.+ 16 Kodwa, enyanisweni, ndikuyekile nje,+ kungenxa yokuze ndikubonise amandla am nokuze livakaliswe igama lam emhlabeni wonke.+ 17 Ngaba usenekratshi ebantwini bam ngokuthi ungabandululi?+ 18 Yabona, malunga neli xesha ngomso ndiya kunisa isichotho esikhulu kakhulu, ekungazanga kubekho sinjengaso eYiputa kususela kwimini eyasekwa ngayo kude kube ngoku.+ 19 Thumela ngoku, ukuba kungeniswe ekhusini yonke imfuyo yakho nako konke okwakho okusendle. Bonke abantu nezilo eziya kufunyanwa endle, zingahlanganiselwanga endlwini, ziya kuhlelwa sisichotho,+ zize zife.”’”
20 Owaloyikayo ilizwi likaYehova kubakhonzi bakaFaro wabenza basabela ezindlwini abakhonzi bakhe nemfuyo yakhe,+ 21 kodwa nabani na ongazange azimisele entliziyweni yakhe ukulihlonela ilizwi likaYehova wabashiya abakhonzi bakhe nemfuyo yakhe endle.+
22 Wathi uYehova kuMoses: “Yolulela isandla sakho+ emazulwini, ukuze kubekho isichotho+ ezweni lonke laseYiputa, ebantwini nakwizilo nakubo bonke utyani basendle ezweni laseYiputa.” 23 Ngoko uMoses wayolulela emazulwini intonga yakhe; waza uYehova wazisa iindudumo nesichotho,+ kwehla nomlilo weza emhlabeni, waqhubeka enisa isichotho uYehova ezweni laseYiputa. 24 Kwabakho ke isichotho, siphithikezwe nomlilo. Saba sikhulu kakhulu, kangangokuba asizange sibekho esinjengaso ezweni lonke lamaYiputa kususela oko aba luhlanga.+ 25 Yaye isichotho eso sabetha konke okwakusezweni laseYiputa. Sabetha yonk’ into eyayisendle, kwathabathela emntwini kwesa kwisilo nakuzo zonke iintlobo zotyani basendle; sazaphula zonke iintlobo zemithi yasendle.+ 26 Lilizwe laseGoshen kuphela elingazange libe nasichotho, apho kwakukho oonyana bakaSirayeli.+
27 Ekugqibeleni uFaro wathumela ukuba kubizwe uMoses noAron waza wathi kubo: “Ndonile ngesi sihlandlo.+ UYehova ulilungisa,+ ke mna nabantu bam senze ububi. 28 Mbongozeni uYehova, kuba sezanele ezi ndudumo nesichotho sikaThixo.+ Ndikulungele ukunindulula, ningabi sahlala.” 29 Ngoko wathi uMoses kuye: “Ekuphumeni nje kwam kwesi sixeko ndiya kuzolulela kuYehova izandla zam.+ Ziya kuyeka iindudumo nesichotho singabi saqhubeka, ukuze wazi ukuba umhlaba lo ngokaYehova.+ 30 Ke wena nabakhonzi bakho, sele ndisazi kakade ukuba nangoko aniyi kubonisa kumoyika uYehova uThixo.”+
31 Yabhuqwa iflakisi nerhasi, kuba irhasi yayisel’ idubule neflakisi yayisel’ ityatyambile.+ 32 Kodwa yona ingqolowa nehabile+ azibhuqwanga, kuba zazishiywe lixesha. 33 Waphuma uMoses esixekweni kuFaro waza wazolulela kuYehova izandla zakhe, zayeka iindudumo kwanesichotho nemvula ayabi sagaleleka emhlabeni.+ 34 Wathi uFaro akubona ukuba iyekile imvula nesichotho neendudumo, wona kwakhona, wayenza lukhuni intliziyo yakhe,+ yena nabakhonzi bakhe. 35 Yaqhubeka ilukhuni intliziyo kaFaro, akabandulula oonyana bakaSirayeli, kanye njengoko watshoyo uYehova ngoMoses.+