IMizekeliso
22 Igama elilungileyo linokunyulwa ngaphezu kobutyebi obuninzi;+ ubabalo lulunge ngakumbi kunesilivere negolide.+
2 Osisityebi nosweleyo bayahlangabezana.+ UMenzi wabo bonke nguYehova.+
3 Onobuqili ubona intlekele azifihle,+ kodwa abangenamava bayadlula baze bafumane isohlwayo.+
4 Umphumo wentobeko nokoyika uYehova bubutyebi, uzuko nobomi.+
5 Ameva nezibatha zisendleleni yonobugwenxa;+ olinda umphefumlo wakhe uhlalela kude kuzo.+
6 Yiqeqeshe inkwenkwe ngokwendlela yayo;+ naxa indala ayisayi kuphambuka kuyo.+
7 Isityebi siyabalawula abo basweleyo,+ yaye obolekayo ngumkhonzi kumntu obolekisayo.+
8 Ohlwayela intswela-bulungisa uya kuvuna okwenzakalisayo,+ kodwa kanye intonga yokuphuphuma kwakhe umsindo iya kuphela.+
9 Oneliso elinobubele uya kusikelelwa, kuba ukunika isisweli ukutya kwakhe.+
10 Gxotha umgculeli, nokuze kuphele usukuzwano nembambano yomthetho nehlazo.+
11 Othanda ukusulungeka kwentliziyo+—ngomtsalane wolwimi lwakhe uya kuba liqabane likakumkani.+
12 Amehlo kaYehova alondoloza ukwazi,+ kodwa uyawabhukuqa amazwi eqhophololo.+
13 Ivila lithi:+ “Kukho ingonyama phandle!+ Phakhathi kweendawo zembutho ndiya kubulawa!”
14 Umlomo womfazi wasemzini ngumhadi onzulu.+ Oqalekiswa nguYehova uya kuwela kuwo.+
15 Ubudenge bubotshiwe entliziyweni yenkwenkwe;+ intonga yengqeqesho iya kubushenxisela kude kuyo.+
16 Oqhatha isisweli ukuze azongeze izinto ezininzi,+ kwanonika isityebi, ngokuqinisekileyo umiselwe ukuswela.+
17 Thoba indlebe yakho uze uve amazwi ezilumko,+ ukuze uyinikele kanye intliziyo yakho ukwazi kwam.+ 18 Kuba kuyathandeka ukuba uwagcine esiswini sakho,+ ukuze amiselwe ngokuqinileyo kunye phezu kwemilebe yakho.+
19 Ukuze intembelo yakho ibe kuYehova+ ndikunike ukwazi namhlanje, wena kanye.
20 Andikubhalelanga na ngaphambili ngamacebiso nokwazi,+ 21 ukuze ndikubonise amazwi enyaniso, ukuba uphendule ngamazwi enyaniso—kokuthumayo?+
22 Musa ukusiphanga isisweli ngenxa yokuba siswele,+ yaye ungamtyumzi oxhwalekileyo esangweni.+ 23 Kuba uYehova uya kuligweba ibango labo,+ yaye ngokuqinisekileyo uya kuwuphanga umphefumlo wabo babaphangayo.+
24 Musa ukuba liqabane lakhe nabani na onomsindo;+ yaye ungahlali nomntu obhabhama ngumsindo, 25 khon’ ukuze ungaqhelani nomendo wakhe kuze oko kube ngumgibe emphefumlweni wakho.+
26 Musa ukuba phakathi kwabo baxhawulana ngezandla,+ phakathi kwabo baba zizibambiso zeemboleko.+ 27 Ukuba akunanto yakuhlawula, kutheni ethabatha umandlalo wakho ngaphantsi kwakho?
28 Musa ukuwunciphisa umda wakudala, abawenzayo ookhokho bakho.+
29 Uyambona na umntu onobuchule emsebenzini wakhe? Uya kuma phambi kookumkani;+ akayi kuma phambi kwabantu abaqhelekileyo.