IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • 2 Kumkani 25:6
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 6 Bandula ke bambamba ukumkani+ baza bamnyusa bamsa kukumkani waseBhabhiloni eRibhela,+ ukuze bavakalise isigwebo sakhe.

  • Yeremiya 34:3
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 3 Kwaye wena akuyi kusinda esandleni sakhe, ngenxa yokuba nakanjani na uya kubanjwa yaye uya kunikelwa esandleni sakhe.+ Namehlo akho aya kuwabona amehlo okumkani waseBhabhiloni,+ nomlomo wakhe uya kuthetha nomlomo wakho, yaye wena uya kuya eBhabhiloni.’

  • Yeremiya 37:17
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 17 UKumkani uZedekiya wathumela, wamthabatha, waza ukumkani waqalisa ukumbuza imibuzo endlwini yakhe emfihlekweni.+ Yaye wahlabela mgama wathi: “Likho na ilizwi elivela kuYehova?” Wathi ke uYeremiya: “Likho!” Waza ngokubhekele phaya wathi: “Uya kunikelwa esandleni sokumkani waseBhabhiloni!”+

  • Yeremiya 38:18
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 18 Kodwa ukuba uthe akwaphuma uye kwiinkosana zokumkani waseBhabhiloni, esi sixeko siya kunikelwa esandleni samaKhaledi, kwaye okunene aya kusitshisa ngomlilo,+ yaye wena akuyi kusinda esandleni sawo.’”+

  • Yeremiya 39:5
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 5 Umkhosi wamajoni amaKhaledi wabasukela,+ waza wamfumana uZedekiya emathafeni ayinkqantosi aseYeriko.+ Wandula ke wamthabatha wamzisa kuNebhukaderetsare ukumkani waseBhabhiloni eRibhela+ kwilizwe laseHamati+ ukuze avakalise izigwebo zakhe.+

  • Yeremiya 52:9
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 9 Wandula ke wambamba ukumkani waza wamnyusa wamsa kukumkani waseBhabhiloni+ eRibhela+ kwilizwe laseHamati,+ ukuze avakalise kuye isigwebo.+

  • Hezekile 12:13
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 13 Ngokuqinisekileyo ndiya kuwaneka umnatha wam phezu kwaso, yaye simele sibanjiswe ngumnatha wam wokuzingela;+ kwaye ndiza kusizisa eBhabhiloni, kwilizwe lamaKhaledi,+ kodwa lona asiyi kulibona; siya kufela apho ke.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share