IZenzo
21 Ke kaloku sakuba sahlukene nabo saza sahamba ngolwandle, sahamba ngqo saya eKosi, kodwa ngemini elandelayo saya eRodo, ukusuka apho saya ePatara. 2 Yaye xa sasisifumene isikhephe esasiwelela eFenike, sakhwela saza sanduluka. 3 Emva kokubona isiqithi saseSipro+ sasishiya ngasemva kwicala elingasekhohlo saza saqhubeka sisiya eSiriya,+ yaye safika emhlabeni waseTire, kuba isikhephe sasiza kuwuthula apho umthwalo waso.+ 4 Sabafuna sabafumana abafundi saza sahlala apho iintsuku zasixhenxe. Kodwa ngomoya+ bamxelela ngokuphindaphindiweyo uPawulos ukuba angalubeki unyawo eYerusalem. 5 Ngoko sakuzigqiba iintsuku ezo, sanduluka semka; kodwa bonke, kunye nabafazi nabantwana, basikhapha ukuya kufikelela ngaphandle kwesixeko. Yaye saguqa+ phantsi elunxwemeni sathandaza 6 saza sacela indlela,+ sanyukela esikhepheni kodwa bona babuyela kumakhaya abo.
7 Sandula ke salugqiba uhambo ngolwandle ukusuka eTire saza safika eTolemayi, yaye sababulisa abazalwana sahlala kunye nabo usuku lwalunye. 8 Ngemini elandelayo sanduluka saza safika eKesareya,+ sangena endlwini kaFilipu umvangeli, owayengomnye wabantu abasixhenxe,+ sahlala naye. 9 Lo mntu wayeneentombi ezine, zinyulu, ziprofeta.+ 10 Kodwa ngoxa sasihleli iintsuku eziliqela, kwehla umprofeti othile ogama linguAgabho+ evela kwelakwaYuda, 11 yaye weza kuthi waza wathabatha umbhinqo kaPawulos, wabopha iinyawo nezandla zakhe, wathi: “Ngaloo ndlela umoya oyingcwele uthi, ‘Indoda ongowayo lo mbhinqo amaYuda aya kuyibopha+ ngolu hlobo eYerusalem aze ayinikele+ ezandleni zabantu beentlanga.’” 12 Ke kaloku sakukuva oku, thina nabo baloo ndawo sambongoza ukuba angenyuki aye+ eYerusalem. 13 Wandula ke uPawulos waphendula wathi: “Kutheni nilila+ nje, nindenza buthathaka entliziyweni?+ Hlalani niqinisekile ukuba, ndilungele kungekuphela nje ukubotshwa, kodwa kwanokufa+ eYerusalem ngenxa yegama leNkosi uYesu.” 14 Akunganqandeki, sayekelela sathi: “Makwenzeke ukuthanda+ kukaYehova.”
15 Ke kaloku emva kwezi ntsuku salungiselela uhambo saza sanyuka saya eYerusalem.+ 16 Kodwa kwanabathile kubafundi abavela eKesareya+ bahamba nathi, ukuze basise kuloo mntu sasiza kundwendwela ekhayeni lakhe, uMnason othile waseSipro, omnye wabafundi bangaphambili. 17 Sakufika eYerusalem,+ abazalwana basamkela ngochulumanco.+ 18 Kodwa ngemini elandelayo uPawulos wangena nathi kuYakobi;+ yaye ayekho onke amadoda amakhulu. 19 Wababulisa waza wanikela ngokweenkcukacha ingxelo+ yezinto uThixo azenzileyo phakathi kweentlanga ngobulungiseleli bakhe.+
20 Emva kokuva oku bamzukisa uThixo, baza bathi kuye: “Uyabona, mzalwana, ukuba kukho amawaka amaninzi kangakanani na amakholwa phakathi kwamaYuda; yaye onke anenzondelelo ngoMthetho.+ 21 Kodwa eve amarhe ngawe okuba ubufundisa onke amaYuda aphakathi kweentlanga ukuwexuka kuMoses,+ uwaxelela ukuba angabalusi+ abantwana bawo nokuba angahambi ngawo amasiko. 22 Kuthiweni na ke? Nakanjani na aza kuva ukuba ufikile. 23 Ngoko ke yenza oku sikuxelela kona: Sinamadoda amane anesibhambathiso kuwo. 24 Bathabathe aba bantu,+ uzihlambulule ngokusesikweni kunye nabo uze uzinyamekele iindleko zabo,+ ukuze zichetywe iintloko zabo.+ Yaye ngoko wonk’ ubani uya kwazi ukuba akukho nto kula marhe awaxelelweyo ngawe, kodwa ukuba uhamba ngokulungeleleneyo, nawe ngokwakho uwugcina uMthetho.+ 25 Wona ke amakholwa aphakathi kweentlanga, siwathumelele, sawanika isigqibo sethu sokuba afanele azigcine koko kubingelelwe kwizithixo+ nasegazini+ nakwinto ekrwitshiweyo+ nakuhenyuzo.”+
26 Wandula ke uPawulos wawathabatha loo madoda ngemini elandelayo, wazihlambulula ngokusesikweni kunye nawo+ waza wangena etempileni, ukuya kwazisa ngemihla emayizaliseke+ yokuhlanjululwa ngokusesikweni, de kube kunikelwe umnikelo+ wakhe ngamnye kubo.+
27 Ke kaloku ngasekupheleni kweentsuku ezisixhenxe,+ amaYuda avela eAsiya akumbona etempileni avusa isiphithiphithi kuso sonke isihlwele,+ yaye amsa izandla, 28 edanduluka esithi: “Madoda akwaSirayeli, ncedani! Nanku lo mntu ufundisa wonk’ ubani kuyo yonk’ indawo nxamnye nabantu+ noMthetho nale ndawo yaye, ngokungakumbi, ude wazisa namaGrike etempileni ibe uyenze inqambi le ndawo ingcwele.”+ 29 Kuba ngaphambili babebone uTrofimo+ umEfese esesixekweni kunye naye, kodwa babecinga ukuba uPawulos wayemzise etempileni. 30 Yaye kwabakho isaqunge+ esixekweni siphela, kwaye babaleka bonke abantu; bambamba uPawulos baza bamrhuqela ngaphandle kwetempile.+ Zaza ngoko nangoko iingcango zavalwa. 31 Ngoxa babefuna ukumbulala, kwafika ingxelo kumphathi webutho yokuba kwakusisiphithiphithi+ nje kuyo yonke iYerusalem; 32 yaye kwaoko wathabatha amajoni namagosa omkhosi waza wehla ebaleka ukuya kubo.+ Bakubona umphathi-mkhosi+ namajoni, bayeka ukumbetha uPawulos.
33 Ngoko umphathi-mkhosi wasondela waza wambamba, wanikela umyalelo wokuba abotshwe ngemixokelelwane emibini;+ yaye wabuza ukuba ungubani na nokuthi wenze ntoni na. 34 Kodwa bambi esihlweleni bakhwaza bethetha le, abanye leya.+ Ngoko, engakuqondi ngokuqinisekileyo okwenzekileyo ngenxa yoqhushululu, wayalela ukuba asiwe kwindawo yokuhlala amajoni.+ 35 Kodwa akufika kwizinyuko, kwanyanzeleka ukuba athwalwe ngamajoni ngenxa yogonyamelo lwesihlwele; 36 kuba inkitha yabantu yalandela, idanduluka isithi: “Msuseni!”+
37 Yaye njengoko wayesele eza kukhokelelwa kwindawo yokuhlala amajoni, uPawulos wathi kumphathi-mkhosi: “Ndivumelekile na ukutsho okuthile kuwe?” Wathi: “Kanti uyasazi na isiGrike? 38 Akunguye na ngokwenene laa mYiputa wathi ngaphambi kwale mihla waxhokonxa isiphendu+ waza wakhokelela ngaphandle amadoda ezinkempe angamawaka amane uwasa entlango?” 39 Wandula ke uPawulos wathi: “Mna, enyanisweni, ndingumYuda,+ waseTarso+ eKilikiya, ummi wesixeko esaziwayo. Ngoko ndiyakubongoza, ndivumele ndithethe kubo abantu.” 40 Emva kokuba emnike imvume, uPawulos, emi kwizinyuko, wawangawangisa+ ngesandla sakhe kubo abantu. Kwakuthi cwaka kakhulu, wathetha nabo ngolwimi lwesiHebhere,+ esithi: