Isaya
2 Kuko oku awakutyhilelwayo uIsaya unyana ka-Amotsi ngokuphathelele uYuda neYerusalem:+ 2 Kuya kuthi ke ekupheleni kwemihla+ intaba yendlu+ kaYehova imiselwe ngokuqinileyo encotsheni yeentaba,+ ize ngokuqinisekileyo ivelele ngaphezu kweenduli;+ kwaye ziya kuba ngumsinga ukuya kuyo zonke iintlanga.+ 3 Ngokuqinisekileyo izizwana ezininzi ziya kuhamba zisithi: “Yizani,+ masinyuke siye entabeni kaYehova, endlwini kaTHIXO kaYakobi; asiyalele ngeendlela zakhe, ukuze sihambe emendweni wakhe.”+ Kuba kuya kuphuma umthetho eZiyon, nelizwi likaYehova eYerusalem.+ 4 Ngokuqinisekileyo uya kugweba phakathi kweentlanga+ aze alungelelanise imicimbi+ phakathi kwezizwana ezininzi.+ Ziwakhande amakrele azo abe ngamakhuba nemikhonto yazo ibe zizikere zokuthena imithi.+ Uhlanga aluyi kuphakamisela uhlanga ikrele, zingayi kuphinda zifunde nemfazwe kwakhona.+
5 Owu bantu bendlu kaYakobi, yizani size sihambe ekukhanyeni kukaYehova.+
6 Kuba ubashiyile abantu bakho, indlu kaYakobi.+ Kuba bazele koko kuvela eMpuma,+ baqhelisela umlingo+ njengamaFilisti, yaye baphuphuma ngabantwana basemzini.+ 7 Ilizwe labo lizaliswe yisilivere negolide, nobuncwane babo abunamda.+ Ilizwe labo lizaliswe ngamahashe, neenqwelo zabo azinamda.+ 8 Ilizwe labo lizaliswe ngoothixo abangenaxabiso.+ Baqubuda kumsebenzi wezandla zabo, koko kwenziwe yiminwe yabo.+ 9 Umntu wasemhlabeni uyaqubuda, nendoda iyathotywa, ngoko akunakwenzeka ukuba ubaxolele.+
10 Ngena eliweni uze uzifihle eluthulini ngenxa yokunkwantyisa kukaYehova, nokongama kwakhe okunobungangamsha.+ 11 Amehlo anekratshi omntu wasemhlabeni amele athotywe, nokuphakama kwabantu kumele kuthotywe;+ yaye nguYehova yedwa omele abekwe phezulu ngaloo mini.+ 12 Kuba yimini kaYehova wemikhosi.+ Iphezu kwakhe wonk’ ubani oziphakamisileyo naphezu kwakhe wonk’ ubani onyukileyo okanye othotyiweyo;+ 13 naphezu kwemisedare yonke yaseLebhanon+ ephakamileyo nenyukileyo naphezu kwemithi yonke exandileyo yaseBhashan;+ 14 naphezu kweentaba zonke eziphakamileyo naphezu kweenduli zonke ezinyukileyo;+ 15 naphezu kweenqaba zonke eziphakamileyo naphezu kweendonga zonke ezinqatyisiweyo;+ 16 naphezu kweenqanawa zonke zaseTarshishe+ naphezu kwezikhephe zonke ezinqwenelekayo. 17 Nekratshi lomntu wasemhlabeni limele lithotywe, nokuphakama kwabantu kumele kuthotywe;+ nguYehova kuphela omele abekwe phezulu ngaloo mini.+
18 Izithixo ezingenaxabiso ziya kudlula ngokupheleleyo.+ 19 Yaye abantu baya kungena emiqolombeni yamawa nasemingxunyeni yothuli ngenxa yokunkwantyisa kukaYehova nokongama kwakhe okunobungangamsha,+ ekuphakameni kwakhe ukuze umhlaba wothuke.+ 20 Ngaloo mini umntu wasemhlabeni uya kubaphosa koocwethe nasemalulwaneni oothixo bakhe besilivere abangenaxabiso noothixo bakhe begolide abangenaxabiso abamenzela bona ukuze aqubude kubo,+ 21 ukuze angene emingxunyeni emaweni nasezimfanteni zeengxondorha, ngenxa yokunkwantyisa kukaYehova nokongama kwakhe okunobungangamsha,+ ekuphakameni kwakhe ukuze umhlaba wothuke. 22 Ngenxa yenu, myekeni umntu wasemhlabeni, ompefumlo yakhe isemathatheni akhe,+ kuba uyintoni na yena?+