Hezekile
3 Wathi ke kum: “Nyana womntu, oko ukufumanayo, kudle. Wudle lo mqulu,+ uze uhambe, uthethe kwindlu kaSirayeli.”
2 Ngoko ndawuvula umlomo wam, waza wandidlisa lo mqulu.+ 3 Wahlabela mgama wathi kum: “Nyana womntu, ufanele usidlise isisu sakho, ukuze uzalise amathumbu akho ngalo mqulu ndikunika wona.” Ndaza ndawudla, waba mnandi njengobusi emlonyeni wam.+
4 Waqhubeka wathi kum: “Nyana womntu, hamba, ungene phakathi kwindlu+ kaSirayeli, uwathethe amazwi am kubo. 5 Kuba akuthunyelwa kwisizwana esilulwimi lungaqondakaliyo+ okanye esilulwimi lunzima+—kwindlu kaSirayeli, 6 kungekhona kwizizwana ezikhulu ezilulwimi lungaqondakaliyo okanye ulwimi olunzima, amazwi azo ongenakuwaqonda.+ Ukuba bendikuthumela kuzo, zona ke beziya kukuphulaphula.+ 7 Kodwa ke yona indlu kaSirayeli, ayiyi kufuna ukukuphulaphula, kuba ayifuni kundiphulaphula mna;+ ngenxa yokuba bonke abo bendlu kaSirayeli baneentloko ezilukhuni neentliziyo ezilukhuni.+ 8 Khangela! Ndibenze ubuso bakho balukhuni kanye njengobuso babo+ nebunzi lakho lalukhuni kanye njengamabunzi abo.+ 9 Njengedayimani, ndilenze laba lukhuni ngaphezu kwelitye leqhwitha+ ibunzi lakho. Uze ungaboyiki,+ yaye uze ungankwantyiswa bubuso babo,+ kuba bayindlu enemvukelo.”+
10 Waza wahlabela mgama wathi kum: “Nyana womntu, onke amazwi am endiya kuwathetha kuwe, wathabathele entliziyweni yakho+ uze uve ngeendlebe zakho. 11 Uhambe ke, ungene phakathi kwabantu abathinjiweyo,+ phakathi koonyana babantu bakowenu, uthethe kubo uthi, ‘Itsho iNkosi enguMongami uYehova ukuthi,’ enoba bayeva okanye abeva.”+
12 Wandithwala ke umoya+ yaye ndeva emva isandi sokugxalathelana okukhulu sisithi:+ “Malubongwe uzuko lukaYehova endaweni yakhe.”+ 13 Kwakukho isandi samaphiko ezidalwa eziphilayo awayebethana,+ nesandi samavili ecaleni kwazo ngokusondeleyo,+ nesandi sokugxalathelana okukhulu. 14 Wandithwala ke loo moya+ waza wandithabatha, kangangokuba ndahamba ndijwaqeka ngumsindo, nesandla sikaYehova sasomelele phezu kwam.+ 15 Ngoko ndangena phakathi kwabantu abathinjiweyo eTele-abhibhi, ababehlala+ ngakuMlambo iKebhare,+ ndaza ndahlala apho babehlala khona; yaye ndaqhubeka ndihleli apho kangangeentsuku ezisixhenxe, ndiqhiphuke umbilini phakathi kwabo.+
16 Kwathi ke ekupheleni kweentsuku ezisixhenxe ilizwi likaYehova lafika kum, lisithi:
17 “Nyana womntu, ndikwenze umlindi kwindlu kaSirayeli,+ yaye umele uve intetho emlonyeni wam uze ke ubalumkise bona ngokusuka kum.+ 18 Ndakuthi kongendawo, ‘Ngokuqinisekileyo uya kufa,’+ uze wena okunene ungamlumkisi, uthethe ukuze ulumkise ongendawo endleleni yakhe engendawo ukuze ahlale ephila,+ ekubeni engendawo, uya kufa ngenxa yesiphoso sakhe,+ kodwa igazi lakhe ndiya kulibiza esandleni sakho.+ 19 Kodwa ke, ukuba uthe wamlumkisa ongendawo+ aze yena okunene angabuyi kubungendawo bakhe nasendleleni yakhe engendawo, uya kufa ngesiphoso sakhe;+ kodwa wena, uya kube uwuhlangule umphefumlo wakho.+ 20 Naxa lowo ulilungisa ebuya ebulungiseni bakhe+ aze okunene enze okungekho sikweni, ndize ndibeke isikhubekiso phambi kwakhe,+ uya kufa ngenxa yokuba ungamlumkisanga. Ngenxa yesono sakhe uya kufa,+ nezenzo zakhe zobulungisa awazenzayo aziyi kukhunjulwa,+ kodwa igazi lakhe ndiya kulibiza esandleni sakho.+ 21 Wena ke, ukuba uthe wamlumkisa olilungisa ukuze angoni,+ aze naye okunene angoni, uya kuqhubeka ephila ngenxa yokuba elunyukisiwe,+ yaye nawe uya kube uwuhlangule umphefumlo wakho.”+
22 Saza isandla sikaYehova saba phezu kwam apho yaye wathi kum: “Sukuma, uye kwithafa elisentlanjeni,+ yaye ndiya kuthetha nawe apho.” 23 Ngoko ndasukuma ndaya kwithafa elisentlanjeni, yaye, khangela! ubuqaqawuli bukaYehova babumi apho,+ bunjengobuqaqawuli endabubonayo ngakuMlambo iKebhare,+ ndaza ndawa ngobuso.+ 24 Kwandula ke kwangena umoya kum,+ wandimisa ngeenyawo zam,+ waza wathetha nam wathi kum:
“Yiza, uzivalele ngaphakathi endlwini yakho. 25 Yaye wena, nyana womntu, khangela! ngokuqinisekileyo baya kukufaka iintambo baze bakubophe ngazo khon’ ukuze ungabi nakuhamba uye phakathi kwabo.+ 26 Nolwimi lwakho olo kanye ndiza kulunamathelisa enkalakahleni yomlomo wakho,+ yaye ngokuqinisekileyo uya kuba sisimumu,+ ungabi yindoda eyohlwayayo kubo,+ ngenxa yokuba bayindlu enemvukelo.+ 27 Ndakuthetha nawe ndiya kuwuvula umlomo wakho, uze ke wena uthi kubo,+ ‘Itsho iNkosi enguMongami uYehova.’ Lowo uvayo makeve,+ nalowo ungevayo makangeva, ngenxa yokuba bayindlu enemvukelo.+