ISityhilelo
21 Ndabona izulu elitsha+ nomhlaba+ omtsha; kuba izulu+ langaphambili nomhlaba+ wangaphambili wadlula, nolwandle+ alusekho. 2 Ndabona kwanesixeko+ esingcwele, iYerusalem Entsha, sisihla siphuma ezulwini+ kuThixo yaye silungisiwe njengomtshakazi+ ehonjiselwe indoda yakhe.+ 3 Ngako oko ndeva ilizwi elikhulu livela etroneni lisithi: “Khangela! Intente+ kaThixo iphakathi koluntu, yaye uya kuhlala+ nalo, lube ngabantu bakhe.+ Naye abe nguThixo walo.+ 4 Uya kuzisula zonke iinyembezi+ emehlweni abo, kungabi sabakho kufa,+ kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona.+ Izinto zangaphambili zidlule.”+
5 Waza Lowo uhleli etroneni+ wathi: “Khangela! Zonke izinto ndizenza ntsha.”+ Kanjalo, uthi: “Bhala, kuba la mazwi athembekile yaye ayinyaniso.” 6 Wathi kum kwakhona: “Kwenzekile! NdinguAlfa no-Omega, isiqalo nesiphelo.+ Nabani na onxaniweyo ndiya kumnika emthonjeni wamanzi obomi ngesisa.+ 7 Nabani na owoyisayo uya kuzidla ilifa ezi zinto, yaye ndiya kuba nguThixo wakhe+ yena abe ngunyana wam.+ 8 Kodwa ke wona amagwala nabangenalo ukholo+ nabalizothe ngenxa yobunyhukunyhuku+ babo nababulali+ nabahenyuzi+ nabasebenzelana nemimoya nabanquli-zithixo+ nawo onke amaxoki,+ isahlulo sabo siya kuba sedikeni elivutha umlilo+ nesalfure.+ Oku kuthetha ukufa kwesibini.”+
9 Kweza enye yeengelosi ezisixhenxe ezazinezitya ezisixhenxe ezazizele zizibetho+ zokugqibela ezisixhenxe, yathetha nam yathi: “Yiza apha, ndiza kukubonisa umtshakazi, umfazi weMvana.”+ 10 Ngoko yandithwala ngamandla omoya yandisa kuyo intaba+ enkulu nephakamileyo, yaza yandibonisa isixeko+ esingcwele, iYerusalem, sisihla siphuma ezulwini kuThixo+ 11 sinozuko lukaThixo.+ Ubukhazikhazi baso babunjengelona litye lixabisekileyo, njengelitye leyaspisi elikhanya ngokwekristale.+ 12 Sasinodonga olukhulu+ oluphakamileyo, namasango alishumi elinesibini, yaye emasangweni iziingelosi ezilishumi elinesibini, kubhalwe namagama ezizwe ezilishumi elinesibini zoonyana bakaSirayeli.+ 13 Ngasempuma yayingamasango amathathu, nangasemntla ingamasango amathathu, nangasemzantsi ingamasango amathathu, nangasentshona ingamasango amathathu.+ 14 Udonga lwesixeko lwalunamatye esiseko alishumi elinesibini,+ kuwo ingamagama alishumi elinesibini abapostile+ abalishumi elinesibini beMvana.
15 Lowo wayethetha nam wayephethe ingcongolo yegolide+ yokulinganisa, ukuze alinganise ngayo isixeko namasango aso nodonga lwaso.+ 16 Isixeko eso sasinamacala amane alinganayo, ubude baso bungangobubanzi baso. Wasilinganisa isixeko+ ngengcongolo, saba ziitadiya ezilishumi elinesibini lamawaka; ubude nobubanzi nokuphakama kwaso kuyalingana. 17 Walulinganisa nodonga lwaso, lwaba ziikubhite ezilikhulu elinamashumi amane anesine, ngokomlinganiselo womntu, okwangowengelosi. 18 Isakhiwo sodonga lwaso sasiyiyaspisi,+ isixeko sona sasiyigolide esulungekileyo njengeglasi ekhanyayo. 19 Iziseko+ zodonga lwesixeko zazihonjiswe ngalo lonke uhlobo lwelitye elixabisekileyo:+ isiseko sokuqala sasiyiyaspisi,+ esesibini iyisafire,+ esesithathu iyikalkedoni, esesine iyiemeraldi,+ 20 esesihlanu iyisardoniksi, esesithandathu iyisardiyo, esesixhenxe iyikrizolite,+ esesibhozo iyibherilo, esesithoba iyitopazi,+ eseshumi iyikrizoprazi, eseshumi elinanye iyihakinto, eseshumi elinesibini iyiamethiste.+ 21 Kanjalo, amasango alishumi elinesibini ayeziiperile ezilishumi elinesibini; ngalinye lamasango lalenziwe ngeperile enye.+ Nendlela ephangaleleyo yesixeko yayiyigolide esulungekileyo, njengeglasi ekhanyayo.
22 Andibonanga tempile kuso,+ kuba uYehova+ uThixo uSomandla+ uyitempile yaso,+ kwaneMvana iyiyo.+ 23 Yaye akukho mfuneko yalanga nanyanga yokukhanyisa kweso sixeko,+ kuba ubuqaqawuli bukaThixo busikhanyisile, yaye iMvana isisibane saso.+ 24 Iintlanga ziya kuhamba ekukhanyeni+ kwaso, nookumkani bomhlaba baya kuzisa kuso uzuko lwabo.+ 25 Amasango aso akayi kuvalwa konke konke emini,+ kuba ubusuku abuyi kubakho apho.+ 26 Yaye baya kuzisa uzuko nembeko yeentlanga kuso.+ 27 Akukho nanye into engengcwele okanye umntu owenza into elizothe+ nolixoki+ oya kungena kuso;+ kuphela ngabo babhaliweyo kumsongo wobomi weMvana abaya kungena.+