Eksodus
24 Wathi ke kuMoses: “Nyuka uye kuYehova, wena noAron, uNadabhi noAbhihu+ namashumi asixhenxe+ kumadoda amakhulu akwaSirayeli, nize niqubude nimgama. 2 Makusondele uMoses yedwa kuYehova; mabangasondeli bona, nabantu mabanganyuki naye.”+
3 Waya uMoses, wabaxelela abantu onke amazwi kaYehova nemimiselo yonke,+ baza baphendula ngazwi-nye bonke abantu bathi: “Sikulungele ukwenza ngokwamazwi onke awathethileyo uYehova.”+ 4 Ngako oko wawabhala phantsi uMoses onke amazwi kaYehova.+ Wavuka ekuseni waza wakha isibingelelo emazantsi entaba neentsika ezilishumi elinesibini ngokwezizwe ezilishumi elinesibini zakwaSirayeli.+ 5 Emva koko wathuma abafana bakoonyana bakaSirayeli, banikela iminikelo etshiswayo baza babingelela imibingelelo ngeenkunzi zeenkomo, yaba yimibingelelo yobudlelane+ kuYehova. 6 Wandula ke uMoses wathabatha isiqingatha segazi waza wasigalela ezityeni,+ esinye isiqingatha segazi wafefa ngaso esibingelelweni.+ 7 Ekugqibeleni wathabatha incwadi yomnqophiso+ waza wayifunda ezindlebeni zabantu.+ Bathi bona: “Sikulungele ukukwenza nokukuthobela konke akuthethileyo uYehova.”+ 8 Walithabatha ke ngoko uMoses igazi, wabafefa ngalo abantu+ waza wathi: “Nalo igazi lomnqophiso+ awenzileyo uYehova nani ngawo onke la mazwi.”
9 Wanyuka uMoses noAron, uNadabhi noAbhihu namashumi asixhenxe kumadoda amakhulu akwaSirayeli, 10 bambona uTHIXO kaSirayeli.+ Phantsi kweenyawo zakhe kwaye kungathi ngamatye athe tyaba esafire nanjengamazulu esulungekile.+ 11 Akasolulanga isandla sakhe nxamnye namadoda lawo abalaseleyo oonyana bakaSirayeli,+ kodwa abona umbono woTHIXO oyinyaniso+ aza adla, asela.+
12 Wathi uYehova kuMoses: “Nyuka uze kum entabeni, uhlale khona, ndothi ke ndikunike amacwecwe amatye nomthetho kwanomyalelo endowubhalela ukuze bafundiswe ngayo.”+ 13 Wasuka uMoses noYoshuwa umlungiseleli wakhe, waza wanyuka uMoses waya entabeni yoTHIXO oyinyaniso.+ 14 Kodwa wathi kuwo amadoda amakhulu: “Silindeni kule ndawo side sibuye.+ Yaye, khangelani! uAron noHure+ banani. Nabani na onesimangalo, makaye kubo.”+ 15 Wanyuka ke uMoses waya entabeni, laza ilifu layigubungela intaba.+
16 Ubuqaqawuli bukaYehova+ bahlala phezu kweNtaba yeSinayi,+ laza ilifu layigubungela iintsuku ezintandathu. Ethubeni wambiza uMoses ngosuku lwesixhenxe ephakathi efini.+ 17 Ke ukubonakala kobuqaqawuli bukaYehova emehlweni oonyana bakaSirayeli kwaye kunjengomlilo odlayo+ encotsheni yentaba. 18 Wangena ke uMoses phakathi efini waza wanyuka intaba.+ Wahlala uMoses entabeni apho iimini ezingamashumi amane nobusuku obungamashumi amane.+