Isaya
38 Ngaloo mihla uHezekiya wagulela ukufa.+ Ngako oko uIsaya+ unyana ka-Amotsi umprofeti weza kuye waza wathi kuye: “Utsho uYehova ukuthi, ‘Nikela imiyalelo kwindlu yakho,+ kuba wena eneneni uya kufa akuyi kuphila.’”+ 2 Waza uHezekiya waguquka wakhangela eludongeni,+ wathandaza kuYehova+ 3 wathi: “Ndiyakubongoza, Yehova, khawuncede, ukhumbule+ indlela endihambe ngayo+ phambi kwakho ngenyaniso+ nangentliziyo epheleleyo,+ yaye ndikwenzile okulungileyo emehlweni akho.” Watsho ngesililo esikhulu uHezekiya.+
4 Kwafika ilizwi+ likaYehova kuIsaya, lisithi: 5 “Hamba, uye kuthi kuHezekiya, ‘Utsho uYehova uTHIXO kaDavide ukhokho wakho+ ukuthi: “Ndiwuvile umthandazo wakho.+ Ndizibonile iinyembezi zakho.+ Yabona, ndiya kongezelela kwimihla yakho iminyaka elishumi elinesihlanu;+ 6 nasentendeni kakumkani waseAsiriya ndiya kukuhlangula wena nesi sixeko, kwaye ndiya kusikhusela esi sixeko.+ 7 Yaye nanku umqondiso kuwe ovela kuYehova wokuba uYehova uya kulenza eli lizwi alithethileyo:+ 8 Yabona, ndisibuyisela emva isithunzi sezinyuko esehlayo ngezinyuko zika-Ahazi ngelanga+ izinyuko ezilishumi.”’”+ Yaye ilanga labuya umva izinyuko ezilishumi kwizinyuko elalizihlile.+
9 Nguwo lo umbhalo kaHezekiya ukumkani wakwaYuda, xa wagulayo+ waza waphila kwisifo sakhe.+
10 Wathi: “Phakathi kwemihla yam ndiza kuya emasangweni+ eShiyol.
Ndimele ndibandezwe okuseleyo+ kwiminyaka yam.”
11 Ndithe: “Andiyi kumbona uYa, yena kanye uYa, kwilizwe labaphilayo.+
Andisayi kuba sakhangela eluntwini—kunye nabemi belizwe labangasekhoyo.
12 Indawo yam yokuhlala incothulwe+ yaza yashenxiswa kum njengentente yabalusi.
Ndibusongile ubomi bam kanye njengomluki;
Umntu uyandinqumla+ kuzo kanye iintsinga zento yokuluka.
Uyandinikela ukususela ekukhanyeni kwemini kude kube sebusuku.+
13 Ndizithomalalisile kude kube kusasa.+
Njengengonyama, wenjenjalo ukumana esaphula amathambo am onke;+
Uyandinikela ukususela ekukhanyeni kwemini kude kube sebusuku.+
14 Njengehlankomo, ikhwebula, ndenjenjalo ukumana nditswitswiza;+
Ndiyalila njengehobe.+
Amehlo am akhangele ngokudangala kwindawo ephakamileyo:+
‘Owu Yehova, ndicinezelekile. Ndimele kakuhle.’+
15 Ndiya kuthetha ntoni na, yaye okunene yena uya kuthini na kum?+
Kanjalo yena wenzile.+
Ndihamba ndithe khunubembe yonke iminyaka yam ngomphefumlo wam okrakra.+
16 ‘Owu Yehova, ngenxa yoko bahlala bephila; yaye njengaye wonke ubani, bunjalo ubomi bomoya wam.+
Kwaye uya kundibuyisela empilweni uze ngokuqinisekileyo undigcine ndiphila.+
17 Khangela! Uxolo lwam lwalububukrakra,+ ewe, ubukrakra;
Yaye wena uye wanamathela emphefumlweni wam waza wawugcina emhadini wokudilika.+
Kuba uziphose emva kwakho zonke izono zam.+
18 Kuba asiyoShiyol enokukubonga;+ ukufa akunakukudumisa.+
Abo behla baye emhadini abanakukhangela ngethemba kwinyaniso yakho.+
19 Ophilayo, ophilayo, nguye onokukubonga,+
Kanye njengoko ndinokwenjenjalo ngale mini.+
Uyise unokubazisa+ oonyana bakhe ngokunyaniseka kwakho.
20 Owu Yehova, qalisa ukundisindisa,+ yaye siya kuwudlala umculo wam womrhubhe+
Yonke imihla yobomi bethu endlwini kaYehova.’”+
21 Waza uIsaya wathi: “Mabathabathe isicumba samakhiwane omileyo baze bathambise ngaso ithumba,+ ukuze aphile.”+ 22 Ngelo xesha, uHezekiya wathi: “Uyintoni na umqondiso wokuba ndiya kunyuka ndiye endlwini kaYehova?”+