113 Dumisani uYa!+
Nikelani indumiso, nina bakhonzi bakaYehova,+
Dumisani igama likaYehova.+
2 Ngamana igama likaYehova lingabongwa+
Ukususela ngoku kuse phambili nakwixesha elingenammiselo.+
3 Ukususela ekuphumeni kwelanga kude kuse ekutshoneni kwalo+
Igama likaYehova malidunyiswe.+
4 UYehova uphakamile ngaphezu kweentlanga zonke;+
Ubuqaqawuli bakhe bungaphezu kwamazulu.+
5 Ngubani na onjengoYehova uThixo wethu,+
Yena ohlala phezulu?+
6 Uyazithoba ukuze akhangele ezulwini nasemhlabeni,+
7 Uvusa eluthulini isisweli;+
Uphakamisa ihlwempu eluthuthwini,+
8 Ukuze alihlalise nezidwangube,+
Nezidwangube zabantu balo.+
9 Uhlalisa umfazi oludlolo endlwini+
Njengonina ovuyayo woonyana.+
Dumisani uYa!+
114 Ekuphumeni kukaSirayeli eYiputa,+
Indlu kaYakobi kwisizwana esikuthetha kungaqondakaliyo,+
2 UYuda waba yindawo yakhe engcwele,+
USirayeli waba yindawo yakhe yolawulo oluzukileyo.+
3 Ulwandle lwabona lwaza lwasaba;+
Yona ke iYordan, yabuya umva.+
4 Iintaba zadloba njengeenkunzi zeegusha,+
Iinduli njengeemvana.
5 Ubunani na wena, lulwandlendini, ukuba usabe,+
Wena Yordan, ukuba ubuye umva?+
6 Nina zintaba, ukuba nidloba-dlobe njengeenkunzi zeegusha;+
Nina zinduli, njengeemvana?+
7 Ngenxa yeNkosi yiba sezintlungwini eziqatha, wena mhlaba,+
Ngenxa kaTHIXO kaYakobi,
8 Otshintsha iliwa libe lichibi lamanzi elineengcongolo,+
Ilitye leqhwitha libe ngumthombo wamanzi.+
115 Akukho nto iyeyethu, Yehova, akukho nto iyeyethu,+
Kodwa nika igama lakho uzuko+
Ngokobubele bakho bothando, ngokwenyaniso yakho.+
2 Kutheni na ukuba iintlanga zithi:+
“Uphi na, ke, uThixo wabo?”+
3 Kodwa uThixo wethu usemazulwini;+
Yonk’ into ayoliswa kukuyenza uyenzile.+
4 Izithixo zabo ziyisilivere negolide,+
Umsebenzi wezandla zomntu wasemhlabeni.+
5 Zinomlomo, kodwa azithethi;+
Zinamehlo, kodwa aziboni;+
6 Zineendlebe, kodwa aziva.+
Zinempumlo, kodwa azisezeli.+
7 Zinezandla, kodwa aziphathi.+
Zineenyawo, kodwa azihambi;+
Azivakalisi sandi ngomqala wazo.+
8 Abo bazenzayo baya kuba njengazo kanye,+
Bonke abo bakholosa ngazo.+
9 Owu Sirayeli, kholosa ngoYehova;+
Uluncedo lwabo nekhaka labo.+
10 Nawe ndlu ka-Aron, kholosa ngoYehova;+
Uluncedo lwabo nekhakha labo.+
11 Nina enoyika uYehova, kholosani ngoYehova;+
Uluncedo lwabo nekhaka labo.+
12 UYehova usikhumbule; uya kusisikelela,+
Uya kuyisikelela indlu kaSirayeli,+
Uya kuyisikelela indlu ka-Aron.+
13 Uya kubasikelela abo boyika uYehova,+
Abancinane kwakunye nabakhulu.+
14 UYehova uya kunandisela nina,+
Nina noonyana benu.+
15 Nina ningabasikelelweyo nguYehova,+
UMenzi wezulu nomhlaba.+
16 Wona ke amazulu, ngamazulu kaYehova,+
Kodwa umhlaba uwunike oonyana babantu.+
17 Abafileyo abamdumisi uYa,+
Bengenjinjalo nabo behlayo baye kwelokuthula.+
18 Kodwa thina siya kumbonga uYa+
Ukususela ngoku kuse phambili nokusa kwixesha elingenammiselo.+
Dumisani uYa!+
116 Ndiyathanda, ngenxa yokuba uYehova uyaliva+
Ilizwi lam, izibongozo zam.+
2 Kuba uyithobele kum indlebe yakhe,+
Ndiya kubiza yonke imihla yam.+
3 Iintsontelo zokufa zandirhawula+
Neemeko ezibandezelayo zeShiyol zandifumana.+
Ndaqhubeka ndifikelwa kukubandezeleka nentlungu.+
4 Kodwa ndabiza egameni likaYehova, ndathi:+
“Awu, Yehova, sindisa umphefumlo wam!”+
5 UYehova unobabalo yaye ulilungisa;+
NoThixo wethu nguLowo wenza inceba.+
6 UYehova uyabalinda abo bangenamava.+
Ndandihlwempuzekile, kwaye wandisindisa mna lo.+
7 Buyela endaweni yakho yokuphumla, mphefumlo wam,+
Kuba uYehova wenze ngokufanelekileyo kuwe.+
8 Kuba uwuhlangule umphefumlo wam ekufeni,+
Iliso lam ezinyembezini, unyawo lwam ekukhubekeni.+
9 Ndiza kuhamba+ phambi koYehova emazweni abo baphilayo.+
10 Ndandinokholo,+ kuba ndathetha.+
Mna ndandixhwaleke kakhulu.
11 Ndathi ke mna, ekuphakuzeleni kwam:+
“Wonke umntu ulixoki.”+
12 Ndiya kumbuyekeza ngantoni na uYehova+
Ngalo lonke uncedo lwakhe kum?+
13 Ndiya kuthabatha indebe yosindiso olukhulu,+
Ndiya kubiza egameni likaYehova.+
14 Ndiya kuzifezekisa izibhambathiso zam kuYehova,+
Ewe, phambi kwabo bonke abantu bakhe.
15 Kuxabisekile emehlweni kaYehova
Ukufa kwabanyanisekileyo bakhe.+
16 Awu, ke ngoku, Yehova,+
Kuba ndingumkhonzi wakho.+
Ndingumkhonzi wakho, unyana wekhobokazana lakho.+
Uzikhulule izibopho zam.+
17 Ndiya kunikela kuwe imibingelelo yokubulela,+
Yaye ndiya kubiza egameni likaYehova.+
18 Ndiya kuzifezekisa izibhambathiso zam kuYehova,+
Ewe, phambi kwabo bonke abantu bakhe,+
19 Ezintendelezweni zendlu kaYehova,+
Phakathi kwakho, Yerusalem.+
Dumisani uYa!+
117 Dumisani uYehova, nonke nina zintlanga;+
Mncomeni, nonke nina zizwana.+
2 Kuba bungqineke bunamandla kuthi ububele bakhe bothando;+
Nenyaniso+ kaYehova ikho ukusa kwixesha elingenammiselo.
Dumisani uYa!+
118 Bulelani kuYehova, kuba ulungile;+
Kuba ububele bakhe bothando bukho ukusa kwixesha elingenammiselo.+
2 USirayeli ke makathi:
“Kuba ububele bakhe bothando bukho ukusa kwixesha elingenammiselo.”+
3 Abo bendlu ka-Aron ke mabathi:+
“Kuba ububele bakhe bothando bukho ukusa kwixesha elingenammiselo.”+
4 Abo bamoyikayo uYehova ke mabathi:+
“Kuba ububele bakhe bothando bukho ukusa kwixesha elingenammiselo.”+
5 Ndabiza uYa ndisekubandezelekeni;+
UYa wandiphendula waza wandibeka kwindawo ebanzi.+
6 UYehova usecaleni lam; andiyi koyika.+
Angandenza ntoni na umntu wasemhlabeni?+
7 UYehova usecaleni lam phakathi kwabo bandincedayo,+
Kangangokuba mna ndiya kukhangela abo bandithiyayo.+
8 Kulunge ngakumbi ukusabela kuYehova+
Kunokukholosa ngomntu wasemhlabeni.+
9 Kulunge ngakumbi ukusabela kuYehova+
Kunokukholosa ngezidwangube.+
10 Zonke iintlanga zindingqongile.+
Ndazichithachitha egameni likaYehova.+
11 Zandingqonga, ewe, zandingqonga.+
Ndazichithachitha egameni likaYehova.
12 Zandingqonga njengeenyosi;+
Zacimeka njengomlilo wetyholo elinameva.+
Ndazichithachitha egameni likaYehova.+
13 Wandityhala ngamandla ukuze ndiwe,+
Kodwa uYehova wandinceda.+
14 UYa likhusi nokomelela kwam,+
Uye waba lusindiso lwam.+
15 Ilizwi lentswahla yovuyo nosindiso+
Lisezintenteni+ zamalungisa.+
Isandla sasekunene sikaYehova sibonakalisa amandla.+
16 Isandla sasekunene sikaYehova siyaziphakamisa;+
Isandla sasekunene sikaYehova sibonakalisa amandla.+
17 Andiyi kufa, kodwa ndiya kuqhubeka ndiphila,+
Ukuze ndivakalise imisebenzi kaYa.+
18 UYa wandilungisa ngokuqatha,+
Kodwa akazange andinikele ekufeni.+
19 Ndivuleleni amasango obulungisa.+
Ndiya kungena ngawo; ndiya kumbonga uYa.+
20 Lilo eli isango likaYehova.+
Amalungisa aya kungena ngalo.+
21 Ndiya kukubonga, kuba undiphendule+
Waba lusindiso lwam.+
22 Ilitye abaligatyayo abakhi+
Liye laba yintloko yembombo.+
23 Oku kuye kwabakho kuvela kuYehova;+
Kuyamangalisa emehlweni ethu.+
24 Le yimini ayenzileyo uYehova;+
Siza kuvuya, sibe nemihlali ngayo.+
25 Ke kaloku, Yehova, khawuncede usindise!+
Ke kaloku, Yehova, khawuncede unike impumelelo!+
26 Makabongwe Lowo uzayo egameni likaYehova;+
Sinisikelele nina endlwini kaYehova.+
27 UYehova nguLowo Ungokobuthixo,+
Yaye usinika ukukhanya.+
Bophani umngcelele womthendeleko+ ngamasebe,+
Ukuya kufikelela ezimpondweni zesibingelelo.+
28 Wena unguLowo Ungokobuthixo kum, yaye ndiya kukubonga;+
Thixo wam—ndiya kukuphakamisa.+
29 Bulelani kuYehova, kuba ulungile;+
Kuba ububele bakhe bothando bukho ukusa kwixesha elingenammiselo.+