IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • INdumiso 113:1-118:29
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 113 Dumisani uYa!+

      Nikelani indumiso, nina bakhonzi bakaYehova,+

      Dumisani igama likaYehova.+

       2 Ngamana igama likaYehova lingabongwa+

      Ukususela ngoku kuse phambili nakwixesha elingenammiselo.+

       3 Ukususela ekuphumeni kwelanga kude kuse ekutshoneni kwalo+

      Igama likaYehova malidunyiswe.+

       4 UYehova uphakamile ngaphezu kweentlanga zonke;+

      Ubuqaqawuli bakhe bungaphezu kwamazulu.+

       5 Ngubani na onjengoYehova uThixo wethu,+

      Yena ohlala phezulu?+

       6 Uyazithoba ukuze akhangele ezulwini nasemhlabeni,+

       7 Uvusa eluthulini isisweli;+

      Uphakamisa ihlwempu eluthuthwini,+

       8 Ukuze alihlalise nezidwangube,+

      Nezidwangube zabantu balo.+

       9 Uhlalisa umfazi oludlolo endlwini+

      Njengonina ovuyayo woonyana.+

      Dumisani uYa!+

      114 Ekuphumeni kukaSirayeli eYiputa,+

      Indlu kaYakobi kwisizwana esikuthetha kungaqondakaliyo,+

       2 UYuda waba yindawo yakhe engcwele,+

      USirayeli waba yindawo yakhe yolawulo oluzukileyo.+

       3 Ulwandle lwabona lwaza lwasaba;+

      Yona ke iYordan, yabuya umva.+

       4 Iintaba zadloba njengeenkunzi zeegusha,+

      Iinduli njengeemvana.

       5 Ubunani na wena, lulwandlendini, ukuba usabe,+

      Wena Yordan, ukuba ubuye umva?+

       6 Nina zintaba, ukuba nidloba-dlobe njengeenkunzi zeegusha;+

      Nina zinduli, njengeemvana?+

       7 Ngenxa yeNkosi yiba sezintlungwini eziqatha, wena mhlaba,+

      Ngenxa kaTHIXO kaYakobi,

       8 Otshintsha iliwa libe lichibi lamanzi elineengcongolo,+

      Ilitye leqhwitha libe ngumthombo wamanzi.+

      115 Akukho nto iyeyethu, Yehova, akukho nto iyeyethu,+

      Kodwa nika igama lakho uzuko+

      Ngokobubele bakho bothando, ngokwenyaniso yakho.+

       2 Kutheni na ukuba iintlanga zithi:+

      “Uphi na, ke, uThixo wabo?”+

       3 Kodwa uThixo wethu usemazulwini;+

      Yonk’ into ayoliswa kukuyenza uyenzile.+

       4 Izithixo zabo ziyisilivere negolide,+

      Umsebenzi wezandla zomntu wasemhlabeni.+

       5 Zinomlomo, kodwa azithethi;+

      Zinamehlo, kodwa aziboni;+

       6 Zineendlebe, kodwa aziva.+

      Zinempumlo, kodwa azisezeli.+

       7 Zinezandla, kodwa aziphathi.+

      Zineenyawo, kodwa azihambi;+

      Azivakalisi sandi ngomqala wazo.+

       8 Abo bazenzayo baya kuba njengazo kanye,+

      Bonke abo bakholosa ngazo.+

       9 Owu Sirayeli, kholosa ngoYehova;+

      Uluncedo lwabo nekhaka labo.+

      10 Nawe ndlu ka-Aron, kholosa ngoYehova;+

      Uluncedo lwabo nekhakha labo.+

      11 Nina enoyika uYehova, kholosani ngoYehova;+

      Uluncedo lwabo nekhaka labo.+

      12 UYehova usikhumbule; uya kusisikelela,+

      Uya kuyisikelela indlu kaSirayeli,+

      Uya kuyisikelela indlu ka-Aron.+

      13 Uya kubasikelela abo boyika uYehova,+

      Abancinane kwakunye nabakhulu.+

      14 UYehova uya kunandisela nina,+

      Nina noonyana benu.+

      15 Nina ningabasikelelweyo nguYehova,+

      UMenzi wezulu nomhlaba.+

      16 Wona ke amazulu, ngamazulu kaYehova,+

      Kodwa umhlaba uwunike oonyana babantu.+

      17 Abafileyo abamdumisi uYa,+

      Bengenjinjalo nabo behlayo baye kwelokuthula.+

      18 Kodwa thina siya kumbonga uYa+

      Ukususela ngoku kuse phambili nokusa kwixesha elingenammiselo.+

      Dumisani uYa!+

      116 Ndiyathanda, ngenxa yokuba uYehova uyaliva+

      Ilizwi lam, izibongozo zam.+

       2 Kuba uyithobele kum indlebe yakhe,+

      Ndiya kubiza yonke imihla yam.+

       3 Iintsontelo zokufa zandirhawula+

      Neemeko ezibandezelayo zeShiyol zandifumana.+

      Ndaqhubeka ndifikelwa kukubandezeleka nentlungu.+

       4 Kodwa ndabiza egameni likaYehova, ndathi:+

      “Awu, Yehova, sindisa umphefumlo wam!”+

       5 UYehova unobabalo yaye ulilungisa;+

      NoThixo wethu nguLowo wenza inceba.+

       6 UYehova uyabalinda abo bangenamava.+

      Ndandihlwempuzekile, kwaye wandisindisa mna lo.+

       7 Buyela endaweni yakho yokuphumla, mphefumlo wam,+

      Kuba uYehova wenze ngokufanelekileyo kuwe.+

       8 Kuba uwuhlangule umphefumlo wam ekufeni,+

      Iliso lam ezinyembezini, unyawo lwam ekukhubekeni.+

       9 Ndiza kuhamba+ phambi koYehova emazweni abo baphilayo.+

      10 Ndandinokholo,+ kuba ndathetha.+

      Mna ndandixhwaleke kakhulu.

      11 Ndathi ke mna, ekuphakuzeleni kwam:+

      “Wonke umntu ulixoki.”+

      12 Ndiya kumbuyekeza ngantoni na uYehova+

      Ngalo lonke uncedo lwakhe kum?+

      13 Ndiya kuthabatha indebe yosindiso olukhulu,+

      Ndiya kubiza egameni likaYehova.+

      14 Ndiya kuzifezekisa izibhambathiso zam kuYehova,+

      Ewe, phambi kwabo bonke abantu bakhe.

      15 Kuxabisekile emehlweni kaYehova

      Ukufa kwabanyanisekileyo bakhe.+

      16 Awu, ke ngoku, Yehova,+

      Kuba ndingumkhonzi wakho.+

      Ndingumkhonzi wakho, unyana wekhobokazana lakho.+

      Uzikhulule izibopho zam.+

      17 Ndiya kunikela kuwe imibingelelo yokubulela,+

      Yaye ndiya kubiza egameni likaYehova.+

      18 Ndiya kuzifezekisa izibhambathiso zam kuYehova,+

      Ewe, phambi kwabo bonke abantu bakhe,+

      19 Ezintendelezweni zendlu kaYehova,+

      Phakathi kwakho, Yerusalem.+

      Dumisani uYa!+

      117 Dumisani uYehova, nonke nina zintlanga;+

      Mncomeni, nonke nina zizwana.+

       2 Kuba bungqineke bunamandla kuthi ububele bakhe bothando;+

      Nenyaniso+ kaYehova ikho ukusa kwixesha elingenammiselo.

      Dumisani uYa!+

      118 Bulelani kuYehova, kuba ulungile;+

      Kuba ububele bakhe bothando bukho ukusa kwixesha elingenammiselo.+

       2 USirayeli ke makathi:

      “Kuba ububele bakhe bothando bukho ukusa kwixesha elingenammiselo.”+

       3 Abo bendlu ka-Aron ke mabathi:+

      “Kuba ububele bakhe bothando bukho ukusa kwixesha elingenammiselo.”+

       4 Abo bamoyikayo uYehova ke mabathi:+

      “Kuba ububele bakhe bothando bukho ukusa kwixesha elingenammiselo.”+

       5 Ndabiza uYa ndisekubandezelekeni;+

      UYa wandiphendula waza wandibeka kwindawo ebanzi.+

       6 UYehova usecaleni lam; andiyi koyika.+

      Angandenza ntoni na umntu wasemhlabeni?+

       7 UYehova usecaleni lam phakathi kwabo bandincedayo,+

      Kangangokuba mna ndiya kukhangela abo bandithiyayo.+

       8 Kulunge ngakumbi ukusabela kuYehova+

      Kunokukholosa ngomntu wasemhlabeni.+

       9 Kulunge ngakumbi ukusabela kuYehova+

      Kunokukholosa ngezidwangube.+

      10 Zonke iintlanga zindingqongile.+

      Ndazichithachitha egameni likaYehova.+

      11 Zandingqonga, ewe, zandingqonga.+

      Ndazichithachitha egameni likaYehova.

      12 Zandingqonga njengeenyosi;+

      Zacimeka njengomlilo wetyholo elinameva.+

      Ndazichithachitha egameni likaYehova.+

      13 Wandityhala ngamandla ukuze ndiwe,+

      Kodwa uYehova wandinceda.+

      14 UYa likhusi nokomelela kwam,+

      Uye waba lusindiso lwam.+

      15 Ilizwi lentswahla yovuyo nosindiso+

      Lisezintenteni+ zamalungisa.+

      Isandla sasekunene sikaYehova sibonakalisa amandla.+

      16 Isandla sasekunene sikaYehova siyaziphakamisa;+

      Isandla sasekunene sikaYehova sibonakalisa amandla.+

      17 Andiyi kufa, kodwa ndiya kuqhubeka ndiphila,+

      Ukuze ndivakalise imisebenzi kaYa.+

      18 UYa wandilungisa ngokuqatha,+

      Kodwa akazange andinikele ekufeni.+

      19 Ndivuleleni amasango obulungisa.+

      Ndiya kungena ngawo; ndiya kumbonga uYa.+

      20 Lilo eli isango likaYehova.+

      Amalungisa aya kungena ngalo.+

      21 Ndiya kukubonga, kuba undiphendule+

      Waba lusindiso lwam.+

      22 Ilitye abaligatyayo abakhi+

      Liye laba yintloko yembombo.+

      23 Oku kuye kwabakho kuvela kuYehova;+

      Kuyamangalisa emehlweni ethu.+

      24 Le yimini ayenzileyo uYehova;+

      Siza kuvuya, sibe nemihlali ngayo.+

      25 Ke kaloku, Yehova, khawuncede usindise!+

      Ke kaloku, Yehova, khawuncede unike impumelelo!+

      26 Makabongwe Lowo uzayo egameni likaYehova;+

      Sinisikelele nina endlwini kaYehova.+

      27 UYehova nguLowo Ungokobuthixo,+

      Yaye usinika ukukhanya.+

      Bophani umngcelele womthendeleko+ ngamasebe,+

      Ukuya kufikelela ezimpondweni zesibingelelo.+

      28 Wena unguLowo Ungokobuthixo kum, yaye ndiya kukubonga;+

      Thixo wam—ndiya kukuphakamisa.+

      29 Bulelani kuYehova, kuba ulungile;+

      Kuba ububele bakhe bothando bukho ukusa kwixesha elingenammiselo.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share