IMizekeliso
28 Abangendawo bayasaba kungekho ubasukelayo,+ kodwa amalungisa anjengengonyama entsha enentembelo.+
2 Ngenxa yokunxaxha kwelizwe zininzi iinkosana ezilandelelanayo,+ kodwa ngomntu oqondayo onolwazi lokulungileyo inkosana iya kuhlala ithuba elide.+
3 Indoda eyomeleleyo esweleyo ize iqhathe abasweleyo injengemvula ekhukulisayo+ ukuze kungabikho kutya.
4 Abo bashiya umthetho badumisa ongendawo,+ kodwa abo bawugcinayo umthetho bayazivuselela nxamnye nabo.+
5 Abantu ababi abanakusiqonda isigwebo, kodwa abo bafuna uYehova banokuqonda yonk’ into.+
6 Ulunge ngakumbi osweleyo ohamba ngengqibelelo yakhe kunaye nabani na oneendlela ezigwenxa, nangona esisityebi.+
7 Unyana oqondayo ugcina umthetho,+ kodwa oneqabane elilidla-kudla uthoba uyise.+
8 Owandisa izinto zakhe zexabiso ngenzala nangenzuzo enkulu+ uziqokelelela lowo ubabala abasweleyo.+
9 Oyisusayo indlebe yakhe ekuveni umthetho+—kwanomthandazo wakhe uyinto ecekisekayo.+
10 Obangela abathe tye bahambe bebhadula+ ngendlela enobubi uya kuwela emhadini wakhe,+ kodwa abangenasiphoso baya kukudla ilifa okulungileyo.+
11 Umntu osisityebi ulumkile kwawakhe amehlo,+ kodwa isisweli esiqondayo siyamgocagoca.+
12 Xa amalungisa egcoba,+ ubuhle buyanda; kodwa xa abangendawo bephakama, umntu uzenza mntu wumbi.+
13 Okugubungelayo ukunxaxha kwakhe akayi kuphumelela,+ kodwa okuvumayo aze akushiye uya kwenzelwa inceba.+
14 Unoyolo umntu onkwantya rhoqo,+ kodwa oyenza lukhuni intliziyo yakhe uya kuwela kwintlekele.+
15 Unjengengonyama ebhavumayo nebhere esukelayo umlawuli ongendawo kwisizwana esisweleyo.+
16 Inkokeli eswele ukuqonda kokwenyaniso iqhelisela inkqatho,+ kodwa othiya ingeniso yokungekho sikweni+ uya kuyolula imihla yakhe.
17 Umntu osindwa lityala legazi lomphefumlo uya kusabela nasemhadini.+ Mabangambambi.
18 Ohamba ngokungenasiphoso uya kusindiswa,+ kodwa ozenza gwenxa iindlela zakhe uya kuwa kwaoko.+
19 Owulimayo umhlaba wakhe uya kuba nesonka esilingeneyo,+ yaye osukela izinto ezingenaxabiso uya kuba nobuhlwempu obulingeneyo.+
20 Umntu wezenzo zokuthembeka uya kufumana iintsikelelo ezininzi,+ kodwa ongxamela ukuzuza ubutyebi akayi kuhlala emsulwa.+
21 Ukukhetha ubuso akulunganga,+ nendoda eyomeleleyo iyanxaxha nje liqhekeza lesonka.
22 Nomntu oneliso elinomona ungxamela izinto zexabiso,+ kodwa akazi ukuba uya kufikelwa kukuswela.
23 Owohlwaya umntu+ uya kuthi emva koko akholeke ngakumbi kunalowo unkwalambisayo ngolwimi lwakhe.
24 Ophanga uyise nonina+ aze athi: “Asikokunxaxha,”+ uliqabane lomntu obangela ukonakala.
25 Omphefumlo ukhukhumeleyo uxhokonxa usukuzwano,+ kodwa othembela ngoYehova uya kutyetyiswa.+
26 Okholosa ngentliziyo yakhe usisiyatha,+ kodwa ohamba ngobulumko uya kusinda.+
27 Opha osweleyo akayi kuswela,+ kodwa ofihla amehlo akhe uya kufumana iziqalekiso ezininzi.+
28 Xa abangendawo bephakama, umntu uyazifihla;+ kodwa xa betshabalala, amalungisa ayanda.+