Luka
21 Ke kaloku njengoko wayekhangela wabona izityebi ziphosa izipho zazo kwizikhongozelo zobuncwane.+ 2 Wandula ke wabona umhlolokazi othile osisisweli ephosa iingqekembe ezimbini ezincinane zexabiso elincinane kakhulu,+ 3 waza wathi: “Eneneni ndithi kuni, Lo mhlolokazi, nangona elihlwempu, uphose ngaphezu kwabo bonke.+ 4 Kuba bonke aba baphose izipho ngokuphuma kwintsalela yabo, kodwa lo mfazi ekusweleni kwakhe uphose konke abenokuphila ngako.”+
5 Kamva, njengoko abathile babethetha ngetempile, indlela eyayihonjiswe ngayo ngamatye amahle nezinto ezinikelweyo,+ 6 wathi: “Zona ke ezi zinto nizibonayo, kuya kufika imihla ekungayi kusala litye phezu kwelitye apha elingayi kudilizwa.”+ 7 Bandula ke bambuza, besithi: “Mfundisi, okunene ziya kubakho nini na ezi zinto, kwaye uya kuba yintoni na umqondiso xa ezi zinto zimiselwe ukubakho?”+ 8 Wathi: “Lumkani ningalahlekiswa;+ kuba abaninzi baya kuza egameni lam, besithi, ‘Ndinguye,’ nokuthi, ‘Ixesha elililo lisondele.’+ Musani ukubalandela. 9 Ngapha koko, xa nisiva ngeemfazwe nezidubedube, ningankwantyi.+ Kuba ezi zinto zimele zibekho kuqala, kodwa isiphelo asibikho ngoko nangoko.”
10 Wandula ke wathi kubo: “Uhlanga luya kuvukelana nohlanga,+ nobukumkani buvukelane nobukumkani;+ 11 kuya kubakho iinyikima zomhlaba ezinkulu, neendyikitya zokufa nokunqongophala kokutya kwiindawo ngeendawo;+ kuya kubakho imibono eyoyikekayo nemiqondiso emikhulu ezulwini.+
12 “Kodwa ngaphambi kwazo zonke ezi zinto abantu baya kunibeka izandla baze banitshutshise,+ beninikela kwizindlu zesikhungu nasezintolongweni, nirholelwa phambi kookumkani neerhuluneli ngenxa yegama lam.+ 13 Kuya kuphumela ekunikeleni kwenu ubungqina.+ 14 Ngoko ke kuzinziseni ezintliziyweni zenu ukungayiqheliseli kwangaphambili indlela yokuzithethelela,+ 15 kuba ndiza kuninika umlomo nobulumko, obo xa bebonke abachasi benu bangayi kukwazi ukubuchasa okanye ukubuphikisa.+ 16 Ngaphezu koko, niya kunikelwa kwanangabazali+ nabantakwenu nezalamane nabahlobo, yaye bambi benu baya kubabulala;+ 17 niya kuthiywa ngabantu bonke ngenxa yegama lam.+ 18 Ukanti nonwele+ olu lweentloko zenu alusayi kuze lutshabalale. 19 Ngokunyamezela kwenu niya kuyizuza imiphefumlo yenu.+
20 “Ngapha koko, xa niyibona iYerusalem ingqongwe+ yimikhosi emise iintente, yazini ke ukuba kusondele ukuphanziswa kwayo.+ 21 Mabandule abo bakwelakwaYuda basabele ezintabeni, nabo baphakathi kuyo mabemke, nabo bakwiindawo ezisemaphandleni mabangangeni kuyo;+ 22 ngokuba yimihla yokuphunyezwa kokusesikweni leyo, ukuze kuzaliseke konke okubhaliweyo.+ 23 Yeha abafazi abamithiyo nabanyisa iintsana ngaloo mihla!+ Kuba kuya kubakho intswelo enkulu elizweni nengqumbo kwesi sizwana; 24 yaye siya kuwa ngohlangothi lwekrele size sikhokelelwe kuzo zonke iintlanga sithinjiwe;+ neYerusalem iya kunyathelwa ziintlanga, ade azaliseke amaxesha amisiweyo+ eentlanga.
25 “Kuya kubakho imiqondiso elangeni+ nasenyangeni nasezinkwenkwezini, nokubandezeleka kweentlanga emhlabeni, zingayazi indlela yokuphuma ngenxa yokugquma kolwandle+ nokuyaluzela kwalo,+ 26 ngoxa abantu besifa isiqaqa ngenxa yoloyiko+ nolindelo lwezinto ezifikela umhlaba omiweyo;+ kuba amandla amazulu aya kugungqiswa.+ 27 Yaye baya kwandula ke bambone uNyana womntu+ esiza ngelifu enamandla nobuqaqawuli obukhulu.+ 28 Kodwa njengoko ezi zinto ziqala ukubakho, yimani nkqo nize niziphakamise iintloko zenu, ngenxa yokuba iyasondela intlangulo yenu.”
29 Ngako oko wathetha umzekeliso kubo esithi: “Phawulani umkhiwane nayo yonke eminye imithi:+ 30 Xa niyibona imile amathupha, niyazi ukuba ngoku ihlobo likufuphi.+ 31 Ngale ndlela kwanani, xa nibona ezi zinto zisenzeka, yazini ukuba ubukumkani bukaThixo bukufuphi.+ 32 Inene ndithi kuni, Asisayi kudlula esi sizukulwana zide zenzeke zonke ezi zinto.+ 33 Liya kudlula izulu nomhlaba,+ kodwa amazwi am akasayi kudlula.+
34 “Kodwa zilumkeleni ukuba iintliziyo zenu zingaze zisindwe kukuzingxala ngokutya nokusela kakhulu+ nangamaxhala+ obomi, ize ngequbuliso loo mini inifikele ngephanyazo+ 35 njengomgibe.+ Kuba iya kubazela bonke abahleliyo phezu kobuso bawo wonke umhlaba.+ 36 Hlalani niphaphile,+ ngoko, lonke ixesha nisenza isikhungo+ ukuze niphumelele ekubalekeni zonke ezi zinto zimiselwe ukubakho, nasekumeni phambi koNyana womntu.”+
37 Ngoko emini wayeye afundise etempileni,+ kodwa ebusuku wayeye aphume aze alalise entabeni ebizwa ngokuba yiNtaba yemiNquma.+ 38 Yaye bonke abantu+ babeye beze kuye kwasekuseni etempileni ukuze bamve.