Yeremiya
15 Waza wathi uYehova kum: “Ukuba uMoses+ noSamuweli+ bebemi phambi kwam, umphefumlo wam ubungayi kuba ngakwesi sizwana.+ Besiya kundululwa simke phambi kobuso bam, ukuze siphume.+ 2 Kothi ke ukuba bangathi kuwe, ‘Siya kuphuma siye phi na?’ wena umele uthi kubo, ‘Utsho uYehova ukuthi: “Nabani na ongowesibetho esibulalayo, makaye kwisibetho esibulalayo! Nabani na ongowekrele, makaye ekreleni! Nabani na ongowendlala, makaye endlaleni!+ Nabani na ongowokuthinjwa, makaye ekuthinjweni!”’+
3 “‘Kwaye ndiza kubamisela iintsapho ezine,’+ utsho uYehova, ‘ikrele lokubulala, nezinja ukuba zirhuqe, nezidalwa eziphaphazelayo zamazulu+ nezilo zomhlaba ukuba zidle nokuba zonakalise. 4 Yaye ndiza kubanikela kwizikumkani zonke zomhlaba+ ukuba bangcangcazeliswe ngenxa kaManase unyana kaHezekiya, ukumkani wakwaYuda, ngenxa yoko wakwenzayo eYerusalem.+ 5 Kuba ngubani na oya kubonakalisa imfesane kuwe, Yerusalem, yaye ngubani na oya kuvelana nawe,+ ingubani na oya kuphambuka ukuze abuze ngentlalo-ntle yakho?’
6 “‘Wena undilahlile,’+ utsho uYehova. ‘Uhamba ngendlela eya ngasemva.+ Kwaye ndiya kusolula nxamnye nawe isandla sam ndize ndikonakalise.+ Ndidiniwe kukuzisola.+ 7 Yaye ndiya kubela ngefolokhwe+ emasangweni elizwe. Ngokuqinisekileyo ndiya kubahlutha abantwana.+ Ndiza kubatshabalalisa abantu bam, ekubeni bengabuyanga ezindleleni zabo.+ 8 Kum abahlolokazi babo baninzi kunentlabathi yolwandle. Ndiza kubazisela, phezu konina, umfana, umphangi emini emaqanda.+ Ndiza kubawisela ngequbuliso ukuvuseleleka nokuphazamiseka.+ 9 Umfazi ozala abasixhenxe uphelelwe; umphefumlo wakhe uzabalazela impefumlo.+ Ilanga lakhe litshone emini;+ libe neentloni laza laziva lidanile.’ ‘Kwaye intsalela yabo ndiya kuyinikela ekreleni phambi kweentshaba zabo,’+ utsho uYehova.”
10 Yeha ke mna,+ mama, ngenxa yokuba undizele, indoda yengxabano nendoda yembambano kunye nomhlaba wonke.+ Andibolekisanga, yaye abandibolekanga. Bonke bayandiqalekisa.+
11 UYehova uthe: “Ngokuqinisekileyo ndiza kukulungiselela ukuze ulungelwe.+ Ngokuqinisekileyo ndiza kukuthethelela ngexesha lentlekele+ nangexesha lokubandezeleka, nxamnye notshaba.+ 12 Umntu angayiqhekeza na intsimbi, intsimbi yasemntla, nobhedu? 13 Ubuncwane nobutyebi bakho ndiya kubunikela ukuba buphangwe,+ kungekhona ngexabiso, kodwa ngazo zonke izono zakho, kuyo yonke imimandla yakho.+ 14 Kwaye ndiza kubudlulisela kwilizwe ongalaziyo kunye neentshaba zakho.+ Kuba kuphenjwe umlilo ngomsindo wam.+ Uphenjwe nxamnye nani.”
15 Wazile wena.+ Owu Yehova, ndikhumbule+ uze uphethulele ingqalelo yakho kum undiphindezelele kubatshutshisi bam.+ Ngokuzeka kade umsindo wakho musa ukundisusa.+ Kuphawule ukuthwala kwam ungcikivo ngenxa yakho.+ 16 Amazwi akho afunyanwa, ndaza ndawadla;+ nelizwi lakho kum liba kukugcoba+ nemihlali yentliziyo yam;+ kuba ndibizwe ngegama lakho,+ Yehova Thixo wemikhosi.+ 17 Andihlalanga phantsi kwiqela lamakholwane abo baqhulayo+ baze baqalise ukugcoba.+ Ngenxa yesandla sakho ndihleli phantsi ndedwa,+ kuba undizalise ngesiqalekiso.+ 18 Kutheni na ukuze intlungu yam ibe yengapheliyo+ nomvumbo wam unganyangeki?+ Awude uphile. Ngokuqinisekileyo kum uba njengento enenkohliso,+ njengamanzi angathembekanga.+
19 Ngoko ke utsho uYehova ukuthi: “Ukuba uya kubuya,+ ngoko ndiya kukubuyisa. Uya kuma phambi kwam.+ Yaye ukuba uya kukubuyisa oko kuxabisekileyo kwizinto ezingenaxabiso, uya kuba njengomlomo wam. Bona baya kubuyela kuwe, kodwa wena akuyi kubuyela kubo.”
20 “Ndikwenze udonga olunqatyisiweyo kwesi sizwana;+ yaye ngokuqinisekileyo siya kulwa nawe, kodwa asiyi kukoyisa.+ Kuba ndinawe, ukuze ndikusindise nokuze ndikuhlangule,”+ utsho uYehova. 21 “Yaye ndiza kukuhlangula esandleni sababi,+ nasentendeni yabo bangoozwilabo ndiza kukukhulula.”