Daniyeli
8 Ngonyaka wesithathu wobukumkani bukaBheleshatsare+ ukumkani, kwabonakala kum umbono, mna kanye, Daniyeli, emva kwalowo wabonakalayo kum ekuqaleni.+ 2 Kulo mbono ke ndazifumana ndikwinqaba iShushan,+ kwiphondo lase-Elam;+ yaye kulo mbono ndabona ndimi ngasemfuleni waseUlayi.+ 3 Ndaphakamisa amehlo am, ndabona inkunzi yegusha+ imi phambi komfula lowo, ineempondo ezimbini. Ezi mpondo zombini zazinde, kodwa olunye lwalulude kunolunye; olu lude lwavela mva.+ 4 Ndayibona le nkunzi yegusha ilekuza ibhekisa ngasentshona nangasemntla nangasemzantsi, yaye kwakungekho rhamncwa linako ukumelana nayo, kungekho nabani na uhlangulayo esandleni sayo.+ Yayisenza unothanda, izigwagwisa.
5 Ndathi ndisaqwalasele njalo, kwavela inkunzi yebhokhwe+ ngasentshonalanga ihamba phezu komhlaba uphela, ingawuchukumisi umhlaba. Le nkunzi yebhokhwe yayinophondo oluphawulekayo phakathi kwamehlo ayo.+ 6 Yasinga kulaa nkunzi yegusha ineempondo ezimbini ndandiyibone imi phambi komfula; yangqala kuyo ngamandla inomsindo omkhulu.
7 Ndayibona isondela kwinkunzi yegusha, yayihlasela ngoburhalarhume, yayihlaba yazaphula iimpondo zayo zombini, yaza inkunzi yegusha ayabi namandla okumelana nayo. Ngoko yayikhahlela phantsi inkunzi yegusha leyo, yayinyathela, ayabi namhlanguli emandleni ayo.+
8 Yaza le nkunzi yebhokhwe yazigwagwisa+ ngokugqithileyo; kodwa kamsinya nje yakuba namandla, lwaphuka uphondo lwayo olukhulu, kwaza esikhundleni salo kwavela ezine eziphawulekayo, zibheke ngasemimoyeni yomine yamazulu.+
9 Kolunye lwazo kwaphuma olunye uphondo oluncinane,+ lwaza lwaya lusiba lukhulu kakhulu lwabhekisa ngasemzantsi nangasempumalanga nangakwilizwe Eliligugu.+ 10 Lwakhula lwafikelela nakumkhosi wamazulu,+ lwayikhahlela phantsi emhlabeni inxalenye yomkhosi nenxalenye yeenkwenkwezi,+ lwayinyathela.+ 11 Lwazigwagwisa lwada lwafunza kuyo iNkosana+ yomkhosi, lwawuphelisa umbingelelo owenzelwa yona rhoqo,+ lwayikhahlela phantsi nendawo emisiweyo yengcwele yayo.+ 12 Wanikelwa kulo umkhosi,+ nombingelelo owenziwa rhoqo,+ ngenxa yokunxaxha;+ yaye lwayiphosa inyaniso+ emhlabeni,+ lwaza lwaba nempumelelo kuyo yonke into oluyenzayo.+
13 Ndeva ongcwele+ ethetha, waza omnye ongcwele wathi kulowo wayethetha: “Uya kuzaliseka nini na lo mbono wokupheliswa kombingelelo owenziwa rhoqo,+ nowokunxaxha okuphanzisayo,+ nowokunyathelwa komkhosi kunye nendawo engcwele?”+ 14 Ngoko wathi kum: “Kumele kudlule iingokuhlwa neentsasa ezingamawaka amabini anamakhulu amathathu; yandule ukubuyiselwa ngokuqinisekileyo indawo engcwele kwimeko yayo elungileyo.”+
15 Ndathi, mna Daniyeli, ndisawondele lo mbono, yaye ndifuna ukuqonda+ intsingiselo yawo, suka kwathi gqi phambi kwam uthile onembonakalo enjengeyendoda eyomeleleyo.+ 16 Ndaza ndeva ilizwi lomntu wasemhlabeni limemeza phakathi kweUlayi,+ lisithi: “Gabriyeli,+ chazela loo mntu akuqonde oko akubonileyo.”+ 17 Ngoko weza kweli cala ndandimi kulo, ndaza ndankwantya ndawa ngobuso. Wathi kum: “Qonda,+ nyana womntu,+ ukuba lo mbono ngowexesha lesiphelo.”+ 18 Ngelo xesha athethayo nam, ndandilele yoyi ngobuso emhlabeni.+ Ngoko wandichukumisa waza wandimisa apho ndandimi khona.+ 19 Waza wahlabela mgama wathi: “Yabona, ndiyakwazisa oko kuya kwenzeka ekupheleni kwesiqalekiso, ngokuba lo mbono ngowexesha elimisiweyo lesiphelo.+
20 “Inkunzi yegusha oyibonileyo ineempondo ezimbini imela ookumkani bamaMedi namaPersi.+ 21 Yaye inkunzi yebhokhwe exhonti imela ukumkani waseGrisi;+ ke lona uphondo olukhulu olwaluphakathi kwamehlo ayo, lumela ukumkani wokuqala.+ 22 Njengoko lwaphulwe, kwaza kwema ezine esikhundleni salo,+ zona zimela izikumkani ezine kuhlanga lwakhe, kodwa amandla azo aya kuba nganeno kwawakhe.
23 “Yaye ekupheleni kobukumkani bazo, njengoko abanxaxhayo begqibezela, kuya kuma ukumkani onkangeleko indlongondlongo nowaqondayo amazwi antsonkothileyo.+ 24 Yena uya komelela kunene, kodwa kungabi ngokwamandla akhe.+ Uya kwenza umonakalo omkhulu,+ kwaye uya kuphumelela kuko konke akwenzayo. Okunene uya kubatshabalalisa abo banamandla, kwanabo bangcwele.+ 25 Ngenxa yobuqhokolo bakhe ngokuqinisekileyo iya kuba nempumelelo inkohliso yakhe.+ Kwaye uya kuzigwagwisa entliziyweni yakhe,+ abatshabalalise abaninzi bengalindelanga.+ Uya kusuka eme nxamnye neNkosana yeenkosana,+ kodwa uya kwaphulwa kungengasandla.+
26 “Ke kaloku lo mbono uwutyhilelweyo malunga nokuhlwa nokusa, uyinyaniso.+ Uze uwugcine uyimfihlelo, kuba usengowemihla emininzi ezayo.”+
27 Mna ke, Daniyeli, ndaphelelwa ngamandla ndaza ndagula kangangeentsuku ezithile.+ Ndandula ke ndavuka ndaza ndenza umsebenzi endandiwuphathiswe ngukumkani;+ kodwa ndaba ndindisholo ngenxa yaloo mbono, kwaye kungekho bani uwuqondayo.+