IMizekeliso
21 Intliziyo yokumkani injengomsinga wamanzi esandleni sikaYehova.+ Uyisa apho athanda ukuyisa khona.+
2 Zonke iindlela zendoda zithe tye emehlweni ayo,+ kodwa uYehova ucikida iintliziyo.+
3 Ukuqhuba ubulungisa nesigwebo uyakukhetha ngakumbi uYehova kunombingelelo.+
4 Amehlo anekratshi nentliziyo ekhukhumeleyo,+ isibane sabangendawo, zisisono.+
5 Amacebo okhutheleyo ngokuqinisekileyo ayingenelo,+ kodwa wonk’ ubani ongxamayo ngokuqinisekileyo usingisa ekusweleni.+
6 Ukufumana ubuncwane ngolwimi oluxokayo ngumphunga ophephethekayo,+ kwimeko yabo bafuna ukufa.+
7 Ukuphanga kanye kwabangendawo kuya kubarhuqa bemke,+ kuba balile ukwenza okusesikweni.+
8 Umntu, kwanowasemzini, indlela yakhe igwenxa;+ kodwa osulungekileyo uthe tye emsebenzini wakhe.+
9 Kulunge ngakumbi ukuhlala phezu kwembombo+ yophahla, kunokuhlala ndlwini-nye nomfazi onosukuzwano.+
10 Umphefumlo wongendawo unqwenela okubi;+ idlelane lakhe aliyi kukholeka emehlweni akhe.+
11 Ngokuhlawuliswa komgculeli ongenamava uba nobulumko;+ yaye xa ubani enika isilumko ingqiqo sifumana ukwazi.+
12 Lowo Ulilungisa uyinikela ingqalelo indlu yongendawo,+ ubhukuqela abangendawo kwintlekele yabo.+
13 Ke nabani na ovingca indlebe yakhe kwisikhalo esimangalayo sesisweli,+ naye uya kukhala aze angaphendulwa.+
14 Isipho esenziwa emfihlekweni sithoba umsindo;+ nesinyobo esifubeni,+ sithoba umsindo omkhulu.
15 Kuyimihlali kwilungisa ukwenza okusesikweni,+ kodwa kukho nto ithile inkwantyisayo kwabo baqhelisela okwenzakalisayo.+
16 Ke umntu ophambukayo endleleni yengqiqo,+ uya kuphumla kanye kwibandla labo bangenamandla ekufeni.+
17 Othanda iziyunguma uya kuba ngumntu osweleyo;+ othanda iwayini neoli akayi kubuzuza ubutyebi.+
18 Ongendawo uyintlawulelo yelungisa;+ yaye owenza ngobuqhophololo uthabatha indawo yabathe tye.+
19 Kulunge ngakumbi ukuhlala kwilizwe elisentlango kunokuhlala nomfazi onosukuzwano kunye nengqumbo.+
20 Ubuncwane obunqwenelekayo neoli zisendaweni ehlala isilumko,+ kodwa umntu osisiyatha uyaziginya.+
21 Osukela ubulungisa+ nobubele bothando uya kufumana ubomi, ubulungisa nozuko.+
22 Isilumko sinyukela kwanakwisixeko sendoda eyomeleleyo, sihlise amandla entembelo yaso.+
23 Ogcina umlomo wakhe nolwimi lwakhe ugcina umphefumlo wakhe ekubandezelekeni.+
24 Igama lalowo uzivuthisa ngomsindo wokuzikhukhumalisa ngumgwagwisi onekratshi nozidlayo.+
25 Umnqweno wevila uya kulibulala, ngokuba izandla zalo ziyala ukusebenza.+ 26 Imini yonke lizibonakalisa linqwenela ngolangazelelo, kodwa ilungisa liyapha, alivimbi.+
27 Umbingelelo wabangendawo yinto ecekisekayo.+ Kobeka phi na xa ubani ewuzisa kunye nehambo evakalala.+
28 Ingqina elixokayo liya kutshabalala,+ kodwa umntu ophulaphulayo uya kuthetha ngonaphakade.+
29 Umntu ongendawo uzenze okhaliphileyo,+ kodwa othe tye uya kuzimisela ngokuqinileyo iindlela zakhe.+
30 Akukho bulumko, akukho kuqonda, akukho cebo ngokuchasene noYehova.+
31 Ihashe lilungiselelwa imini yedabi,+ kodwa usindiso lolukaYehova.+