Eksodus
20 Wawathetha ke uThixo onke la mazwi, wathi:+
2 “NdinguYehova uThixo wakho,+ owakukhuphayo ezweni laseYiputa, endlwini yobukhoboka.+ 3 Uze ungabi nathixo bambi+ ngokuchasene nam.
4 “Uze ungazenzeli umfanekiso oqingqiweyo okanye imbonakalo yayo nantoni na esemazulwini phezulu okanye esemhlabeni phantsi okanye esemanzini phantsi komhlaba.+ 5 Uze ungaqubudi kuzo okanye uqhutyelwe ekuzikhonzeni,+ kuba mna Yehova Thixo wakho ndinguThixo ofuna uzinikelo olupheleleyo,+ ndizisa isohlwayo ngesiphoso sooyise phezu koonyana, kwesesithathu isizukulwana nakwesesine isizukulwana, sabandithiyileyo;+ 6 kodwa ndibenzela ububele bothando kuse kwisizukulwana sewaka abo bandithandayo nabayigcinayo imiyalelo yam.+
7 “Uze ungaliphathi njengelingento yanto igama likaYehova uThixo wakho,+ kuba uYehova akayi kungamohlwayi oliphatha njengelingento yanto igama lakhe.+
8 “Wukhumbule umhla wesabatha ukuba uwungcwalise,+ 9 wonikela inkonzo imihla emithandathu+ uze ngayo uwenze wonke umsebenzi wakho. 10 Kodwa wona umhla wesixhenxe uyisabatha kuYehova uThixo wakho.+ Uze ungenzi nawuphi na umsebenzi ngawo, wena nonyana wakho nentombi yakho nekhoboka lakho nekhobokazana lakho nesilwanyana sakho sasekhaya nomphambukeli osemasangweni akho.+ 11 Kuba ngemihla emithandathu uYehova wenza amazulu nomhlaba, nolwandle, nayo yonk’ into ekuzo,+ waza waphumla ngomhla wesixhenxe.+ Kungenxa yoko le nto uYehova wawusikelelayo umhla wesabatha, wawungcwalisa.+
12 “Beka uyihlo nonyoko+ ukuze yolulwe imihla yakho emhlabeni akunika wona uYehova uThixo wakho.+
16 “Uze ungangqini ubungqina bobuxoki ngedlelane lakho.+
17 “Uze ungayinqweneli indlu yedlelane lakho. Uze ungamnqweneli umfazi wedlelane lakho,+ nekhoboka lalo, nekhobokazana lalo, nenkunzi yalo yenkomo, ne-esile lalo, nantoni na eyeyedlelane lakho.”+
18 Baye bonke abantu bezibona iindudumo nemibane nesandi sesigodlo nentaba eqhumayo. Bakukubona oko abantu, bagubha baza bamela mgama.+ 19 Bathi kuMoses: “Thetha wena nathi, sokuphulaphula; kodwa makangathethi nathi uThixo, hleze sife.”+ 20 Ngoko wathi uMoses ebantwini: “Musani ukoyika, kuba uTHIXO oyinyaniso uzele ukuza kunivavanya,+ nokuze kubekho ukumoyika ebusweni benu ukuze ningoni.”+ 21 Abantu bamela mgama, kodwa yena uMoses wasondela kwingqimba yelifu elimnyama awayekulo uTHIXO oyinyaniso.+
22 Kwaye uYehova wahlabela mgama wathi kuMoses:+ “Wotsho koonyana bakaSirayeli ukuthi, ‘Nibonile nina ukuba ndithethe nani ndisemazulwini.+ 23 Nize ningenzi ndawonye nam oothixo besilivere, ningazenzeli oothixo begolide.+ 24 Uze undenzele isibingelelo somhlaba,+ ubingelele phezu kwaso iminikelo yakho etshiswayo, nemibingelelo yakho yobudlelane, umhlambi wakho wezimvu nomhlambi wakho weenkomo.+ Kuzo zonke iindawo endolenza likhunjulwe kuzo igama lam, ndoza kuwe, ndikusikelele ngokuqinisekileyo.+ 25 Ke ukuba uthe wandenzela isibingelelo samatye, uze ungasakhi ngamatye aqingqiweyo. Ukuba uthe wasiphakamisa isixholo sakho phezu kwaso, woba usihlambele.+ 26 Yaye uze unganyuki ngezinyuko esibingelelweni sam, ukuze bungatyhileki ubuze bakho kuso.’