Hezekile
18 Laza ilizwi likaYehova laqhubeka lifika kum, lisithi: 2 “Kuthetha ntoni na kuni ukuvakalisa kwenu le ntetho ingumzekeliso ngomhlaba wakwaSirayeli, nisithi, ‘Ngooyise abadle iidiliya ezikrwada, kodwa ngamazinyo oonyana aba buthelezi’?+
3 “‘Ndiphila nje,’ itsho iNkosi enguMongami uYehova, ‘anisayi kuba saqhubeka nivakalisa le ntetho ingumzekeliso kuSirayeli. 4 Khangela! Yonke imiphefumlo—yeyam.+ Njengoko unjalo umphefumlo+ woyise unjalo nomphefumlo wonyana—yeyam yomibini.+ Umphefumlo owonayo+—kuya kufa wona.+
5 “‘Ke yena umntu, ukuba uthe walilungisa waza waphumeza okusesikweni nobulungisa;+ 6 akadlela+ ezintabeni+ namehlo akhe akawaphakamisela kwizithixo ezinezothe zendlu kaSirayeli,+ nomfazi weqabane lakhe akamenza inqambi,+ akasondela nasemfazini ekungcoleni kwakhe;+ 7 kungekho ndoda ayidlakazelisayo;+ isibambiso awasithabathayo ngenxa yetyala, esibuyisa;+ engahluthanga nto ngokuphanga;+ olambileyo emnika esakhe isonka+ nohamba ze emgubungela ngesambatho;+ 8 kungekho nto ayinikela ngenzala+ yaye engabizi nzuzo inkulu;+ esibuyisa isandla sakhe kokungekho sikweni;+ ephumeza okusesikweni kokwenyaniso phakathi komntu nomntu;+ 9 ehamba+ ngemimiselo yam, nezigwebo zam ezigcina ukuze aphumeze inyaniso,+ ulilungisa.+ Ngokuqinisekileyo uya kuhlala ephila,’+ itsho iNkosi enguMongami uYehova.
10 “‘Yaye ukuba ubani uthe wazala unyana ongumphangi,+ umphalazi wegazi,+ owenze oko kufana nenye yezi zinto 11 (kodwa yena ngokwakhe engenzanga nanye kwezi zinto); kwenzeke adlele nasezintabeni,+ nomfazi weqabane lakhe amenze inqambi;+ 12 oxhwalekileyo nolihlwempu amdlakazelise;+ ohluthe izinto ngokuphanga,+ into ebanjisiweyo angayibuyisi;+ yaye amehlo akhe+ awaphakamisele kwizithixo ezinezothe, enze into ecekisekayo.+ 13 Ubize inzuzo enkulu,+ wathabatha nenzala,+ ngokuqinisekileyo akayi kuhlala ephila. Zonke ezi zinto zicekisekayo uzenzile.+ Ngokuqinisekileyo uya kubulawa. Igazi lakhe liya kuba phezu kwakhe.+
14 “‘Yaye, khangela! ubani uzele unyana, ozibonayo zonke izono azenzileyo uyise, abone ke, kodwa angazenzi.+ 15 Akadleli ezintabeni, namehlo akhe akawaphakamiselanga kwizithixo ezinezothe zendlu kaSirayeli;+ nomfazi weqabane lakhe akamenzanga nqambi;+ 16 kwaye akukho ndoda ayidlakazelisayo,+ akukho sibambiso asihluthileyo,+ engathabathanga nto ngokuphanga;+ olambileyo umnike esakhe isonka,+ nohamba ze umgubungele ngesambatho;+ 17 isandla sakhe usibuyisile koxhwalekileyo; akabizanga nzuzo inkulu+ engathabathanga nenzala;+ uye waphumeza izigwebo zam;+ uhambe ngemimiselo yam;+ yena akayi kufa ngenxa yesiphoso sikayise.+ Ngokuqinisekileyo uya kuhlala ephila.+ 18 Ke yena uyise, ngenxa yokuba wenza inkqatho ecacileyo,+ wahlutha okuthile ngokuphanga umzalwana,+ yaye nakuphi na okungalunganga ukwenzile phakathi kwezizwana zakowabo,+ khangela! yena ke umele afe ngesiphoso sakhe.+
19 “‘Yaye ngokuqinisekileyo nina niya kuthi: “Kutheni na unyana engathwali nantoni na ngenxa yesiphoso sikayise?”+ Ke kaloku unyana lo yena, uye waphumeza okusesikweni nobulungisa,+ yonke imimiselo yam uyigcinile wayenza.+ Ngokuqinisekileyo uya kuhlala ephila.+ 20 Umphefulo owonayo—kuya kufa wona.+ Unyana akayi kuthwala nto ngenxa yesiphoso sikayise, noyise akayi kuthwala nto ngenxa yesiphoso sonyana.+ Bona kanye ubulungisa belungisa buya kuba phezu kwalo,+ nobungendawo bongendawo buya kuba phezu kwakhe.+
21 “‘Ke kaloku ngokubhekisele kongendawo, ukuba unokuthi abuye kuzo zonke izono azenzileyo+ aze okunene agcine yonke imimiselo yam, aphumeze okusesikweni nobulungisa,+ ngokuqinisekileyo uya kuhlala ephila. Akayi kufa.+ 22 Konke ukunxaxha kwakhe akwenzileyo—akuyi kukhunjulelwa kuye.+ Ngenxa yobulungisa bakhe abenzileyo uya kuhlala ephila.’+
23 “‘Ndiyayoliswa na mna konke konke ngokufa kongendawo,’+ itsho iNkosi enguMongami uYehova, ‘ingekuko ukuba abuye ezindleleni zakhe aze okunene ahlale ephila?’+
24 “‘Ke kaloku xa lowo ulilungisa ebuya ebulungiseni bakhe aze okunene enze okungekho sikweni;+ enze ngokwezinto zonke ezicekisekayo ezenziwe+ ngulowo ungendawo aze aphile, akukho nasinye kuzo zonke izenzo zakhe zobulungisa azenzileyo esiya kukhunjulwa.+ Ngenxa yokungathembeki akwenzileyo nangenxa yesono one ngaso, ngenxa yoko uya kufa.+
25 “‘Yaye ngokuqinisekileyo nina niya kuthi: “Indlela kaYehova ayilungiswanga kakuhle.”+ Khanincede, nive, ndlu kaSirayeli. Indlela yam ayilungiswanga kakuhle na?+ Asizondlela zenu na ezingalungiswanga kakuhle?+
26 “‘Xa lowo ulilungisa ebuya ebulungiseni bakhe aze okunene enze okungekho sikweni,+ afe ngenxa yoko, uya kufa ngenxa yokungekho sikweni akwenzileyo.+
27 “‘Naxa lowo ungendawo ebuya kubungendawo bakhe abenzileyo aze aphumeze okusesikweni nobulungisa,+ nguye ke oya kuwugcina uphila umphefumlo wakhe.+ 28 Xa ebona+ aze abuye ekunxaxheni kwakhe konke akwenzileyo,+ ngokuqinisekileyo uya kuhlala ephila. Akayi kufa.+
29 “‘Yaye ngokuqinisekileyo indlu kaSirayeli iya kuthi: “Indlela kaYehova ayilungiswanga kakuhle.”+ Ke zona iindlela zam, azilungiswanga kakuhle na, ndlu kaSirayeli?+ Asizondlela zenu na ezingalungiswanga kakuhle?’+
30 “‘Ngoko ke ndiya kunigweba ngamnye ngokweendlela zakhe,+ ndlu kaSirayeli,’ itsho iNkosi enguMongami uYehova.+ ‘Buyani, ewe, nizibuyise ekunxaxheni kwenu konke,+ kuze kungabikho nto isisikhubekiso enibangela nenze isiphoso.+ 31 Lahlani konke ukunxaxha kwenu eniye nanxaxha ngako+ nize nizenzele intliziyo entsha+ nomoya omtsha,+ kuba kutheni na ukuba nife,+ ndlu kaSirayeli?’
32 “‘Kuba andiyoliswa kukufa kofayo,’+ itsho iNkosi enguMongami uYehova. ‘Ngoko zibuyiseni nize nihlale niphila.’”+