IZenzo
15 Yaye kwehla abantu abathile bevela kwelakwaYuda+ baza bafundisa abazalwana besithi: “Ngaphandle kokuba naluke+ ngokwesiko likaMoses,+ aninakusindiswa.” 2 Kodwa xa kwabakho ingxwabangxwaba enkulu nokuphikisana kukaPawulos noBharnabhas kunye nabo, balungiselela ukuba uPawulos noBharnabhas nabanye abathile kubo benyuke baye kubapostile namadoda amakhulu eYerusalem+ ngokubhekisele kule mpikiswano.
3 Ngako oko, emva kokuba bekhatshwe ngokuyinxenye libandla,+ aba bantu baqhubeka nendlela yabo betyhutyha iFenike neSamariya, bebalisa ngokweenkcukacha inguquko yabantu beentlanga,+ yaye babebangela uvuyo olukhulu kubo bonke abazalwana.+ 4 Ekufikeni eYerusalem bamkelwa ngobubele+ libandla nabapostile namadoda amakhulu, yaye bazibalisa izinto ezininzi awayezenzile uThixo ngabo.+ 5 Kanti, bambi kwabo behlelo labaFarisi ababekholiwe baphakama kwizihlalo zabo baza bathi: “Kuyimfuneko ukuba baluswe+ baze bayalelwe ukuba bagcine umthetho kaMoses.”+
6 Yaye abapostile namadoda amakhulu bahlanganisana ndawonye ukuba babonisane ngalo mcimbi.+ 7 Ke kaloku xa kwabakho ukuphikisana okukhulu,+ uPetros wasukuma waza wathi kubo: “Madoda, bazalwana, niyazi kakuhle ukuba ukususela kwimihla yangaphambili uThixo wanyula phakathi kwenu ukuba abantu beentlanga balive ngomlomo wam ilizwi leendaba ezilungileyo baze bakholwe;+ 8 yaye uThixo, oyaziyo intliziyo,+ wanikela ubungqina ngokubanika umoya oyingcwele,+ kanye njengoko wenjenjalo nakuthi. 9 Kwaye akazange enze lucalucalulo konke konke phakathi kwethu nabo,+ kodwa wazisulungekisa iintliziyo zabo ngokholo.+ 10 Ngoko, kutheni nimvavanya nje uThixo ngokubeka entanyeni yabafundi idyokhwe+ leyo thina nookhokho bethu singakwazanga ukuyithwala?+ 11 Ngokwahlukileyo koko, sikholosa ngokusindiswa ngobubele obungasifanelanga+ beNkosi uYesu ngendlela efanayo neyabo bantu.”+
12 Ngako oko inkitha iphela yathi cwaka, yaphulaphula kuBharnabhas noPawulos bebalisa imiqondiso nemihlola emininzi uThixo awayeyenza ngabo phakathi kweentlanga.+ 13 Emva kokuba beyekile ukuthetha, uYakobi waphendula, esithi: “Madoda, bazalwana, ndiveni.+ 14 USimiyon+ ubalise ngokucokisekileyo indlela uThixo okwesihlandlo sokuqala awayiphethulela ngayo ingqalelo yakhe ezintlangeni ukuba kuzo athabathe isizwana segama lakhe.+ 15 Yaye amazwi abaProfeti ayavumelana noku, kanye njengoko kubhaliwe kwathiwa, 16 ‘Emva kwezi zinto ndiya kubuya ndize ndiwakhe umnquba kaDavide owe phantsi; yaye ndiya kubuya ndiwakhe amanxuwa awo ndize ndiwumise kwakhona,+ 17 ukuze abo baseleyo ebantwini bamfune ngenyameko uYehova, ndawonye nabantu beentlanga zonke, abantu ababizwa ngegama lam, utsho uYehova, ozenzayo ezi zinto,+ 18 ezaziwayo kwakudala.’+ 19 Ngoko ke isigqibo sam sikukuba bangakhathazwa abo ezintlangeni baphethukela kuThixo,+ 20 kodwa babhalelwe ukuba bakhwebuke kwizinto ezingcoliswe zizithixo+ nakuhenyuzo+ nakwinto ekrwitshiweyo+ nasegazini.+ 21 Kuba ukususela kumaxesha amandulo kwizixeko ngezixeko uMoses ebenabo abo bamshumayelayo, ngenxa yokuba ufundwa ngokuvakalayo kwizindlu zesikhungu zonke iisabatha.”+
22 Ngoko kwakholeka kubapostile namadoda amakhulu ndawonye nebandla liphela ukuthumela amadoda anyuliweyo phakathi kwabo ukuya kwa-Antiyokwe kunye noPawulos noBharnabhas, angala, uYudas owayebizwa ngokuba nguBharsabhas+ noSilas, amadoda akhokelayo phakathi kwabazalwana; 23 yaye ngesandla sabo babhala oku:
“Abapostile namadoda amakhulu, bazalwana, kwabo bazalwana bakwa-Antiyokwe+ naseSiriya+ naseKilikiya abavela ezintlangeni: Siyabulisa! 24 Ekubeni sivile ukuba abathile phakathi kwethu banibangele inkathazo ngeentetho,+ bezama ukubhukuqa imiphefumlo yenu, nangona singazange sibanike nayiphi na imiyalelo,+ 25 sifikelele kwisivumelwano ngamxhelo mnye+ yaye kukholekile kuthi ukunyula amadoda okuwathuma kuni ndawonye nabo baziintandane kuthi, uBharnabhas noPawulos,+ 26 abantu abayinikeleyo imiphefumlo yabo ngenxa yegama leNkosi yethu uYesu Kristu.+ 27 Ngoko ke sithumela uYudas noSilas,+ ukuze nabo baxele izinto ezifanayo ngelizwi.+ 28 Kuba kukholekile kumoya oyingcwele+ nakuthi ngokwethu ukungongezeleli uxanduva+ olubhekele phaya kuni, ngaphandle kwezi zinto ziyimfuneko, 29 ukuba nikhwebuke kwizinto ezibingelelwe kwizithixo+ nasegazini+ nakwizinto ezikrwitshiweyo+ nakuhenyuzo.+ Ukuba niyazikhwebula kwezi zinto,+ niya kuphumelela. Mpilo-ntle!”
30 Ngako oko, bakuba bendululwe abantu, behla baya kwa-Antiyokwe, yaye bayihlanganisela ndawonye inkitha baza bayinika incwadi.+ 31 Emva kokuyifunda, baba nemihlali ngenxa yokhuthazo olo.+ 32 Yaye uYudas noSilas, ekubeni nabo babekwangabaprofeti,+ babakhuthaza abazalwana ngokuthetha okuninzi baza babomeleza.+ 33 Ngoko, emva kwexesha elithile, bandululwa ngoxolo+ ngabazalwana besiya kwabo babebathumile. 34 —— 35 Noko ke, uPawulos noBharnabhas, benabanye abaninzi, baqhubeka bechitha ixesha kwa-Antiyokwe+ befundisa yaye bevakalisa iindaba ezilungileyo zelizwi likaYehova.+
36 Ke kaloku emva kwemihla ethile uPawulos wathi kuBharnabhas: “Masibuyele size sityelele abazalwana kuzo zonke izixeko esavakalisa kuzo ilizwi likaYehova ukuze sibone ukuba banjani na.”+ 37 UBharnabhas wayezimisele ukuba kuthatyathwe kwanoYohane, owayebizwa ngokuba nguMarko.+ 38 Kodwa uPawulos akazange acinge ukuba kufanelekile ukuhamba naye, ekubeni wayebashiyile ePamfiliya+ akahamba nabo ukuya emsebenzini. 39 Ngako oku kwabakho ukudubuleka kabukhali komsindo, kangangokuba bahlukana; waza uBharnabhas+ wathabatha uMarko wanduluka ngesikhephe esiya eSipro.+ 40 UPawulos wakhetha uSilas+ waza wemka emva kokuba wayenikelwe kububele obungasifanelanga bukaYehova ngabazalwana.+ 41 Kodwa wayityhutyha iSiriya neKilikiya, esomeleza amabandla.+