IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • INdumiso 22:umbhalo osemantla-31
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • Kumalathisi ngeyeXhamakazi leSifingo. Uncuthu lwengoma kaDavide.

      22 Thixo wam, Thixo wam, undishiyeleni na?+

      Kutheni na ukude ukuba ungandisindisa,+

      Kumazwi okugcuma kwam?+

       2 Owu Thixo wam, ndiqhubeka ndikubiza emini, kodwa akuphenduli;+

      Nasebusuku, yaye andithuli.+

       3 Kodwa ungcwele,+

      Uhlala kwiindumiso zakwaSirayeli.+

       4 Oobawo babekholose ngawe;+

      Babekholosile, yaye waqhubeka ubasindisa.+

       5 Badanduluka+ kuwe, baza basinda;+

      Bakholosa ngawe, yaye abazange badane.+

       6 Kodwa ke ndingumbungu,+ andingomntu,

      Ndilungcikivo ebantwini nodelekileyo ebantwini.+

       7 Abo bandibonayo, bayandigculela;+

      Baqhubeka beyivula ibe banzi imilomo yabo, baqhubeka behlunguzela intloko yabo besithi:+

       8 “Uzinikele kuYehova.+ Makamsindise!+

      Makamhlangule, ngenxa yokuba uyoliswa nguye!”+

       9 Kuba unguLowo wandikhuphayo esiswini,+

      Lowo undenza ndikholose ngoxa ndisemabeleni kama.+

      10 Ndaphuma esibelekweni ndaphoselwa kuwe;+

      Kususela esiswini sikama ubunguThixo wam.+

      11 Musa ukuba kude nam, ngenxa yokuba ukubandezeleka kukufuphi,+

      Ngenxa yokuba akakho omnye umncedi.+

      12 Maninzi amathole eenkomo aziinkunzi andingqongileyo;+

      Abanamandla bakwaBhashan bandijikelezile.+

      13 Zindivulele imilomo yazo,+

      Njengengonyama eqwengayo negqumayo.+

      14 Ndiphalazwe njengamanzi,+

      Yaye onke amathambo am ahlukanisiwe.+

      Intliziyo yam ifana nomthwebeba;+

      Inyibilikile ngaphakathi kum.+

      15 Amandla am omile njengeceba lengqayi,+

      Nolwimi lwam lunamatheliswe ezintsinini zam;+

      Yaye wena undibeka eluthulini lokufa.+

      16 Kuba ndingqongwe zizinja;+

      Indibano yabenzi bobubi indivingcele.+

      Injengengonyama ezandleni nasezinyaweni zam.+

      17 Ndingawabala onke amathambo am.+

      Bona bayakhangela, bayandondela.+

      18 Izambatho zam bahlulelana ngazo,+

      Isinxibo sam benza amaqashiso ngaso.+

      19 Kodwa wena, Yehova, musa ukuba kude kum.+

      Wena ungamandla am,+ khawuleza uze kundinceda.+

      20 Wuhlangule kwikrele umphefumlo wam,+

      Okuphela kwawo kwithupha lenja;+

      21 Ndisindise emlonyeni wengonyama,+

      Nakwiimpondo zenqu umele undiphendule undisindise.+

      22 Ndiya kulivakalisa kubazalwana bam+ igama lakho;+

      Phakathi ebandleni ndiya kukudumisa.+

      23 Nina boyika uYehova, mdumiseni!+

      Nina nonke mbewu kaYakobi, mzukiseni!+

      Nothuke ngenxa yakhe, nonke nina mbewu kaSirayeli.+

      24 Kuba akadelanga+

      Engazothekanga ngenkxwaleko yoxhwalekileyo;+

      Ibe ubuso bakhe akabufihlanga kuye,+

      Yaye xa ekhalela uncedo kuye umvile.+

      25 Wena uya kundizukisa ebandleni elikhulu;+

      Izibhambathiso zam ndiya kuzifezekisa phambi kwabo bamoyikayo.+

      26 Abalulamileyo baya kudla banele;+

      Abo bamfunayo baya kumdumisa uYehova.+

      Ngamana iintliziyo zenu zingaphila ngonaphakade.+

      27 Zonke iziphelo zomhlaba ziya kukhumbula zibuyele kuYehova.+

      Nazo zonke iintsapho zeentlanga ziya kuqubuda phambi kwakho.+

      28 Kuba ubukumkani bobukaYehova,+

      Yaye ulawula iintlanga.+

      29 Bonke abatyebileyo bomhlaba baya kutya baze baqubude;+

      Phambi kwakhe bonke abo bahlela eluthulini baya kugoba,+

      Yaye akukho namnye uya kuze awugcine uphila umphefumlo wakhe.+

      30 Imbewu iya kumkhonza;+

      Iya kuvakalisa ngoYehova kwisizukulwana.+

      31 Baya kuza baxele ubulungisa bakhe+

      Kubantu abaza kuzalwa, ukuba nguye owenze oku.+

  • Isaya 53:1-12
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 53 Ngubani na okholiweyo kwinto esiyivileyo?+ Yaye yona ke ingalo kaYehova,+ ityhileke kubani na?+ 2 Kuba uya kunyuka njengesetyana+ phambi kwalowo, nanjengengcambu kwilizwe elingenamanzi. Akanabume, nabo nabuphi na ubungangamsha;+ yaye xa siya kumbona, akukho mbonakalo ingasenza ukuba simnqwenele.+

      3 Wayedeliwe yaye ephetshwa ngabantu,+ umntu weentlungu noqheleneyo nesifo.+ Kwaye kwakungathi ngulowo kusitheliswa ubuso bakhe kuthi.+ Wayedeliwe, yaye thina samphatha njengongabalulekanga.+ 4 Eneneni yena wathwala izifo zethu;+ wathwala kwaneentlungu zethu.+ Kodwa thina samgqala engokhathazwayo,+ engobethwa nguThixo+ noxhwalekileyo.+ 5 Kodwa wahlatywa+ ngenxa yokunxaxha kwethu;+ watyunyuzwa ngenxa yeziphoso zethu.+ Wabethwa ukuze sibe noxolo,+ yaye ngamanxeba+ akhe siye saphiliswa.+ 6 Sonke siye sabhadula njengezimvu;+ siye sajika saya ngamnye endleleni yakhe; kwaye uYehova wasibalela kuye isiphoso sethu sonke.+ 7 Wabandezeleka kakhulu,+ wazivumela waxhwaleka;+ ukanti wayengawuvuli umlomo wakhe. Waziswa kanye njengemvu esiwa ekuxhelweni;+ nanjengemazi yegusha eye yasisimumu phambi kwabachebi bayo, naye wayengawuvuli umlomo wakhe.+

      8 Uthatyathiwe ngenxa yothintelo nomgwebo;+ yaye ngubani na oya kuzixhalabisa ngeenkcukacha zesizukulwana sakhe?+ Kuba wahlukaniswa+ nelizwe labaphilileyo.+ Wafumana umvumbo ngenxa yokunxaxha+ kwabantu bakowethu.+ 9 Liya kuba phakathi kwabangendawo ingcwaba lakhe,+ abe phakathi kodidi lwezityebi ekufeni kwakhe,+ nakubeni engenzanga lugonyamelo+ yaye kungekho nkohliso emlonyeni wakhe.+

      10 Kodwa uYehova wayoliswa kukumtyumza;+ wamgulisa.+ Ukuba uya kuwumisa umphefumlo wakhe ube ngumnikelo wetyala,+ uya kuyibona inzala yakhe,+ uya kuyolula imihla yakhe,+ kwaye esandleni sakhe kuya kuphumelela+ oko kuluyolo+ kuYehova. 11 Ngenxa yenkathazo yomphefumlo wakhe uya kubona,+ uya kwaneliswa.+ Ngolwazi lwakhe lowo ulilungisa, umkhonzi wam,+ uya kubazisela ukuma kobulungisa abantu abaninzi;+ neziphoso zabo uya kuzithwala.+ 12 Ngenxa yeso sizathu ndiya kumahlulela isahlulo phakathi kwabaninzi,+ yaye uya kwahlulelana ngexhoba nabo banamandla,+ ngenxa yokuba wawuphalaza umphefumlo wakhe ukusa kanye ekufeni,+ wabalelwa kwabanxaxhayo;+ kwaye yena wathwala isono sabantu abaninzi,+ yaye wabathethelela abo banxaxhayo.+

  • IZililo 4:20
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 20 Yona kanye impefumlo yamathatha ethu,+ lowo uthanjisiweyo kaYehova,+ ithinjiwe kumhadi wabo omkhulu,+

      Lowo sithe ngaye: “Siya kuphila emthunzini wakhe+ phakathi kweentlanga.”+

  • Daniyeli 9:26
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 26 “Emva kweeveki ezingamashumi amathandathu anesibini uMesiya uya kunqunyulwa,+ engenanto anayo.+

      “Yaye isixeko nendawo engcwele+ ziya konakaliswa ngabantu benkokeli ezayo.+ Ukuphela kwayo kuya kuba ngomkhukula. Kuya kugquba imfazwe kuyo kude kube sekupheleni; ide iphanziswe, njengoko kumiselwe ukuba kube njalo.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share