-
INdumiso 22:umbhalo osemantla-31INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
-
-
Kumalathisi ngeyeXhamakazi leSifingo. Uncuthu lwengoma kaDavide.
22 Thixo wam, Thixo wam, undishiyeleni na?+
Kutheni na ukude ukuba ungandisindisa,+
Kumazwi okugcuma kwam?+
7 Abo bandibonayo, bayandigculela;+
Baqhubeka beyivula ibe banzi imilomo yabo, baqhubeka behlunguzela intloko yabo besithi:+
11 Musa ukuba kude nam, ngenxa yokuba ukubandezeleka kukufuphi,+
Ngenxa yokuba akakho omnye umncedi.+
Yaye onke amathambo am ahlukanisiwe.+
Intliziyo yam ifana nomthwebeba;+
Inyibilikile ngaphakathi kum.+
15 Amandla am omile njengeceba lengqayi,+
Nolwimi lwam lunamatheliswe ezintsinini zam;+
Yaye wena undibeka eluthulini lokufa.+
20 Wuhlangule kwikrele umphefumlo wam,+
Okuphela kwawo kwithupha lenja;+
21 Ndisindise emlonyeni wengonyama,+
Nakwiimpondo zenqu umele undiphendule undisindise.+
23 Nina boyika uYehova, mdumiseni!+
Nina nonke mbewu kaYakobi, mzukiseni!+
Nothuke ngenxa yakhe, nonke nina mbewu kaSirayeli.+
Engazothekanga ngenkxwaleko yoxhwalekileyo;+
Ibe ubuso bakhe akabufihlanga kuye,+
Yaye xa ekhalela uncedo kuye umvile.+
25 Wena uya kundizukisa ebandleni elikhulu;+
Izibhambathiso zam ndiya kuzifezekisa phambi kwabo bamoyikayo.+
26 Abalulamileyo baya kudla banele;+
Abo bamfunayo baya kumdumisa uYehova.+
Ngamana iintliziyo zenu zingaphila ngonaphakade.+
27 Zonke iziphelo zomhlaba ziya kukhumbula zibuyele kuYehova.+
Nazo zonke iintsapho zeentlanga ziya kuqubuda phambi kwakho.+
-
-
Isaya 53:1-12INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
-
-
53 Ngubani na okholiweyo kwinto esiyivileyo?+ Yaye yona ke ingalo kaYehova,+ ityhileke kubani na?+ 2 Kuba uya kunyuka njengesetyana+ phambi kwalowo, nanjengengcambu kwilizwe elingenamanzi. Akanabume, nabo nabuphi na ubungangamsha;+ yaye xa siya kumbona, akukho mbonakalo ingasenza ukuba simnqwenele.+
3 Wayedeliwe yaye ephetshwa ngabantu,+ umntu weentlungu noqheleneyo nesifo.+ Kwaye kwakungathi ngulowo kusitheliswa ubuso bakhe kuthi.+ Wayedeliwe, yaye thina samphatha njengongabalulekanga.+ 4 Eneneni yena wathwala izifo zethu;+ wathwala kwaneentlungu zethu.+ Kodwa thina samgqala engokhathazwayo,+ engobethwa nguThixo+ noxhwalekileyo.+ 5 Kodwa wahlatywa+ ngenxa yokunxaxha kwethu;+ watyunyuzwa ngenxa yeziphoso zethu.+ Wabethwa ukuze sibe noxolo,+ yaye ngamanxeba+ akhe siye saphiliswa.+ 6 Sonke siye sabhadula njengezimvu;+ siye sajika saya ngamnye endleleni yakhe; kwaye uYehova wasibalela kuye isiphoso sethu sonke.+ 7 Wabandezeleka kakhulu,+ wazivumela waxhwaleka;+ ukanti wayengawuvuli umlomo wakhe. Waziswa kanye njengemvu esiwa ekuxhelweni;+ nanjengemazi yegusha eye yasisimumu phambi kwabachebi bayo, naye wayengawuvuli umlomo wakhe.+
8 Uthatyathiwe ngenxa yothintelo nomgwebo;+ yaye ngubani na oya kuzixhalabisa ngeenkcukacha zesizukulwana sakhe?+ Kuba wahlukaniswa+ nelizwe labaphilileyo.+ Wafumana umvumbo ngenxa yokunxaxha+ kwabantu bakowethu.+ 9 Liya kuba phakathi kwabangendawo ingcwaba lakhe,+ abe phakathi kodidi lwezityebi ekufeni kwakhe,+ nakubeni engenzanga lugonyamelo+ yaye kungekho nkohliso emlonyeni wakhe.+
10 Kodwa uYehova wayoliswa kukumtyumza;+ wamgulisa.+ Ukuba uya kuwumisa umphefumlo wakhe ube ngumnikelo wetyala,+ uya kuyibona inzala yakhe,+ uya kuyolula imihla yakhe,+ kwaye esandleni sakhe kuya kuphumelela+ oko kuluyolo+ kuYehova. 11 Ngenxa yenkathazo yomphefumlo wakhe uya kubona,+ uya kwaneliswa.+ Ngolwazi lwakhe lowo ulilungisa, umkhonzi wam,+ uya kubazisela ukuma kobulungisa abantu abaninzi;+ neziphoso zabo uya kuzithwala.+ 12 Ngenxa yeso sizathu ndiya kumahlulela isahlulo phakathi kwabaninzi,+ yaye uya kwahlulelana ngexhoba nabo banamandla,+ ngenxa yokuba wawuphalaza umphefumlo wakhe ukusa kanye ekufeni,+ wabalelwa kwabanxaxhayo;+ kwaye yena wathwala isono sabantu abaninzi,+ yaye wabathethelela abo banxaxhayo.+
-
-
Daniyeli 9:26INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
-
-
26 “Emva kweeveki ezingamashumi amathandathu anesibini uMesiya uya kunqunyulwa,+ engenanto anayo.+
“Yaye isixeko nendawo engcwele+ ziya konakaliswa ngabantu benkokeli ezayo.+ Ukuphela kwayo kuya kuba ngomkhukula. Kuya kugquba imfazwe kuyo kude kube sekupheleni; ide iphanziswe, njengoko kumiselwe ukuba kube njalo.+
-