IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Isaya 53:1-12
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 53 Ngubani na okholiweyo kwinto esiyivileyo?+ Yaye yona ke ingalo kaYehova,+ ityhileke kubani na?+ 2 Kuba uya kunyuka njengesetyana+ phambi kwalowo, nanjengengcambu kwilizwe elingenamanzi. Akanabume, nabo nabuphi na ubungangamsha;+ yaye xa siya kumbona, akukho mbonakalo ingasenza ukuba simnqwenele.+

      3 Wayedeliwe yaye ephetshwa ngabantu,+ umntu weentlungu noqheleneyo nesifo.+ Kwaye kwakungathi ngulowo kusitheliswa ubuso bakhe kuthi.+ Wayedeliwe, yaye thina samphatha njengongabalulekanga.+ 4 Eneneni yena wathwala izifo zethu;+ wathwala kwaneentlungu zethu.+ Kodwa thina samgqala engokhathazwayo,+ engobethwa nguThixo+ noxhwalekileyo.+ 5 Kodwa wahlatywa+ ngenxa yokunxaxha kwethu;+ watyunyuzwa ngenxa yeziphoso zethu.+ Wabethwa ukuze sibe noxolo,+ yaye ngamanxeba+ akhe siye saphiliswa.+ 6 Sonke siye sabhadula njengezimvu;+ siye sajika saya ngamnye endleleni yakhe; kwaye uYehova wasibalela kuye isiphoso sethu sonke.+ 7 Wabandezeleka kakhulu,+ wazivumela waxhwaleka;+ ukanti wayengawuvuli umlomo wakhe. Waziswa kanye njengemvu esiwa ekuxhelweni;+ nanjengemazi yegusha eye yasisimumu phambi kwabachebi bayo, naye wayengawuvuli umlomo wakhe.+

      8 Uthatyathiwe ngenxa yothintelo nomgwebo;+ yaye ngubani na oya kuzixhalabisa ngeenkcukacha zesizukulwana sakhe?+ Kuba wahlukaniswa+ nelizwe labaphilileyo.+ Wafumana umvumbo ngenxa yokunxaxha+ kwabantu bakowethu.+ 9 Liya kuba phakathi kwabangendawo ingcwaba lakhe,+ abe phakathi kodidi lwezityebi ekufeni kwakhe,+ nakubeni engenzanga lugonyamelo+ yaye kungekho nkohliso emlonyeni wakhe.+

      10 Kodwa uYehova wayoliswa kukumtyumza;+ wamgulisa.+ Ukuba uya kuwumisa umphefumlo wakhe ube ngumnikelo wetyala,+ uya kuyibona inzala yakhe,+ uya kuyolula imihla yakhe,+ kwaye esandleni sakhe kuya kuphumelela+ oko kuluyolo+ kuYehova. 11 Ngenxa yenkathazo yomphefumlo wakhe uya kubona,+ uya kwaneliswa.+ Ngolwazi lwakhe lowo ulilungisa, umkhonzi wam,+ uya kubazisela ukuma kobulungisa abantu abaninzi;+ neziphoso zabo uya kuzithwala.+ 12 Ngenxa yeso sizathu ndiya kumahlulela isahlulo phakathi kwabaninzi,+ yaye uya kwahlulelana ngexhoba nabo banamandla,+ ngenxa yokuba wawuphalaza umphefumlo wakhe ukusa kanye ekufeni,+ wabalelwa kwabanxaxhayo;+ kwaye yena wathwala isono sabantu abaninzi,+ yaye wabathethelela abo banxaxhayo.+

  • Daniyeli 9:26
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 26 “Emva kweeveki ezingamashumi amathandathu anesibini uMesiya uya kunqunyulwa,+ engenanto anayo.+

      “Yaye isixeko nendawo engcwele+ ziya konakaliswa ngabantu benkokeli ezayo.+ Ukuphela kwayo kuya kuba ngomkhukula. Kuya kugquba imfazwe kuyo kude kube sekupheleni; ide iphanziswe, njengoko kumiselwe ukuba kube njalo.+

  • IZenzo 4:28
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 28 ukuze benze ezo zinto isandla necebo lakho sazimisela kwangaphambili ukuba zibekho.+

  • 1 Petros 1:11
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 11 Baqhubeka behlola ukuba liliphi elona xesha+ okanye luhlobo luni lwexesha owawulibonisa umoya+ owawukubo ngokuphathelele uKristu+ xa wawunikela ubungqina kwangaphambili ngeembandezelo zikaKristu+ nangozuko+ olwaluya kuzilandela.

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share