Hezekile
21 Laza ilizwi likaYehova laqhubeka lifika kum, lisithi: 2 “Nyana womntu, bhekisa ubuso bakho kwiYerusalem uze ukhuphe+ amazwi akho aye kwiindawo ezingcwele,+ uprofete ngomhlaba wakwaSirayeli.+ 3 Yaye umele uthi kumhlaba wakwaSirayeli, ‘Utsho uYehova ukuthi: “Yabona, ndinxamnye nawe,+ yaye ndiza kurhola ikrele lam esingxotyeni salo+ ndize ndinqumle kuwe olilungisa nongendawo.+ 4 Ukuze okunene ndinqumle kuwe olilungisa nongendawo, ke ngoko ikrele lam liya kuphuma esingxotyeni salo liye enyameni yonke ukususela emzantsi kuse emntla.+ 5 Yaye bonke abo bayinyama baya kwazi ukuba mna, Yehova, ndilikhuphile ikrele lam esingxotyeni salo.+ Aliyi kuba sabuyela kuso.”’+
6 “Wena ke, nyana womntu, ncwina ungcangcazelise isinqe.+ Nangobukrakra ufanele uncwine phambi kwamehlo abo.+ 7 Yaye ukuba kwenzekile bathi kuwe, ‘Kungenxa yantoni na uncwina nje?’+ uze uthi, ‘Kungenxa yengxelo.’+ Kuba ngokuqinisekileyo iya kuza,+ yaye zonke iintliziyo zimele zinyibilike+ nezandla zonke zimele ziwe nomoya wonke umele udakumbe namadolo onke athontsize amanzi.+ ‘Khangela! Ngokuqinisekileyo iya kuza+ ize yenzeke,’ itsho iNkosi enguMongami uYehova.”
8 Laza ilizwi likaYehova laqhubeka lifika kum, lisithi: 9 “Nyana womntu, profeta, uthi, ‘Utsho uYehova ukuthi: “Yithi, ‘Ikrele, ikrele!+ Liloliwe,+ yaye likhazimlisiwe. 10 Liloliwe ngenjongo yokulungiselela ukubulala ngogonyamelo; likhazimlisiwe ngenjongo yokuba limenyezele.’”’”+
“Okanye siya kuba nemihlali na?”+
“‘Ngaba ligatya intonga yobukhosi+ yonyana wam,+ njengoko lisenjenjalo emithini yonke?+
11 “‘Yaye liyanikelwa ukuba likhazimliswe, ukuze liphakanyiswe ngesandla. Lona—ikrele liloliwe, yaye lona—likhazimlisiwe, ukuze linikelwe esandleni sombulali.+
12 “Danduluka ubhomboloze,+ nyana womntu, kuba lona lifikele abantu bam;+ liza nxamnye nezikhulu zonke zakwaSirayeli.+ Bona kanye abo baphoswe ekreleni ngabantu bam.+ Ngoko ke mpakaza ethangeni.+ 13 Kuba kwenziwe uvavanyo,+ yaye kuthekeni ke ukuba nentonga yobukhosi+ liyayigatya? Yona ayiyi kuqhubeka ikho,’+ itsho iNkosi enguMongami uYehova.
14 “Yaye wena, nyana womntu—profeta, uze ubethanise iintende,+ nokuthi ‘Ikrele!’ kufanele kuphindaphindwe izihlandlo ezithathu.+ Eli likrele lababuleweyo. Likrele lobuleweyo omkhulu, eli libarhawulayo.+ 15 Ukuze intliziyo inyibilike+ nokuze kwandiswe abo babhukuqwayo emasangweni abo onke,+ ndiza kubulala ngogonyamelo ngekrele. Awu, lenzelwe ukuba limenyezele, likhazimlisiwe ukuba libulale ngogonyamelo!+ 16 Zibonakalise ubukhali;+ yiya ngasekunene! Lungisa ukuma kwakho; yiya ngasekhohlo! Naphi na apho ubuso bakho bubhekiswe khona! 17 Nam ndiya kubethanisa iintende zam,+ ndize ndiwunqumamise+ umsindo wam.+ Mna, Yehova, ndithethile.”
18 Laza ilizwi likaYehova laqhubeka lifika kum, lisithi: 19 “Wena ke, nyana womntu, zimisele iindlela ezimbini ukuze lingene ngazo ikrele lokumkani waseBhabhiloni.+ Zifanele zombini ziphume kwilizwe elinye, yaye kufanele kusikwe umalathiso;+ sifanele sisikwe emantloko endlela yesixeko. 20 Ufanele umise indlela ukuze ikrele lingene eRabha+ yoonyana baka-Amoni, nenye kwaYuda, eYerusalem enqatyisiweyo.+ 21 Kuba ukumkani waseBhabhiloni wema ngxi ekwahlukaneni kweendlela, emantloko eendlela zombini, ukuze abhenele ekuvumiseni.+ Uhlukuhle iintolo. Ubuze ngemilonde-khaya;+ ukhangele esibindini. 22 Esandleni sakhe sasekunene wavumisa ngeYerusalem, ukuze amise izixhobo zokudiliza iindonga,+ kuvulwe umlomo kubulawe, kuphakanyiswe isandi sokuhlaba umkhosi,+ kumiswe izixhobo zokudiliza emasangweni, kumiswe umsele wokungqinga, kwakhiwe udonga lokungqinga.+ 23 Yaye kubo kube ngathi kukuvumisa okungeyonyaniso emehlweni abo+—abo bafungelwe ngezifungo;+ yaye ukhumbula isiphoso,+ ukuze babanjiswe.+
24 “Ngoko ke itsho iNkosi enguMongami uYehova ukuthi, ‘Ngenxa yokwenza kwenu ukuba sikhunjulwe isiphoso senu ngokutyhilwa kokunxaxha kwenu, ukuze izono zenu zibonakale ngokwezenzo zenu zonke, ngenxa yokukhunjulwa kwenu+ niya kubanjwa ngesandla.’+
25 “Wena ke, sikhulu+ sakwaSirayeli+ esingxwelerhekileyo, esingendawo, esimini yaso ifikileyo ngexesha lesiphoso sokugqibela,+ 26 itsho iNkosi enguMongami uYehova ukuthi, ‘Shenxisa unkontsho, uze uphakamise ususe isithsaba.+ Oku akuyi kufana.+ Beka phezulu oko kanye kuthotyiweyo,+ uze uhlise lowo kanye uphakamileyo.+ 27 Ndiya kukonakalisa, ndikonakalise, ndikonakalise.+ Nako oku ke, ngokuqinisekileyo akuyi kuba kokukabani ade afike lowo unelungelo elisemthethweni,+ yaye ndimele ndikunike yena.’+
28 “Wena ke, nyana womntu, profeta, uthi, ‘Itsho iNkosi enguMongami uYehova ukuthi ngokuphathelele oonyana baka-Amoni nangokuphathelele ungcikivo lwabo.’ Yaye uze uthi, ‘Ikrele, ikrele elirholelwe ukubulala ngogonyamelo, elikhazimlisiweyo ukuze liqwenge, ukuze limenyezele,+ 29 ngenxa yokuba bekubongela into engeyonene, ngenxa yokuba bekuvumisela ubuxoki,+ ukuze likubeke ezintanyeni zabo babuleweyo, abantu abangendawo abamini yabo ifikileyo ngexesha lesiphoso sokugqibela.+ 30 Libuyisele esingxotyeni salo. Endaweni owadalelwa kuyo, kwilizwe lemvelaphi yakho,+ ndiya kukugweba. 31 Kwaye ndiza kuphalaza phezu kwakho isiqalekiso sam. Ndiya kukuvuthela ngomlilo wokuvutha komsindo wam,+ ndikunikele esandleni samadoda angaqiqiyo, iingcibi ekonakaliseni.+ 32 Uya kuba zizibaso zomlilo.+ Igazi lakho liya kuba phakathi kwelizwe. Akuyi kukhunjulwa, kuba mna, Yehova, ndithethile.’”+