IZenzo
23 Ekhangele ngenyameko kwiSanhedrin uPawulos wathi: “Madoda, bazalwana, ndiziphathe ngesazela+ esihlambuluke ngokugqibeleleyo phambi koThixo kwada kwasa kule mini.” 2 Ngako oko umbingeleli omkhulu uAnaniyas wayalela abo babemi ngakuye ukuba bambethe+ emlonyeni. 3 Ngoko uPawulos wathi kuye: “UThixo uza kukubetha, ludongandini luqatywe mhlophe.+ Ngaba wena kwangaxeshanye uhlalele ukundigweba ngokuvumelana noMthetho+ uze, unxaxha kuwo uMthetho,+ uyalele ukuba ndibethwe?” 4 Abo babemi khona apho bathi: “Uyamtshabhisa na umbingeleli omkhulu kaThixo?” 5 Waza uPawulos wathi: “Bazalwana, bendingazi ukuba ngumbingeleli omkhulu. Kuba kubhaliwe kwathiwa, ‘Uze ungathethi kakubi ngomlawuli wabantu bakowenu.’”+
6 Ke kaloku xa uPawulos waphawula ukuba enye inxalenye yayiyeyabaSadusi+ kodwa enye iyeyabaFarisi, wadanduluka kwiSanhedrin esithi: “Madoda, bazalwana, ndingumFarisi,+ unyana womFarisi. Ngenxa yethemba lovuko+ lwabafileyo ndiyagwetywa.”+ 7 Ngenxa yokuba watsho oku, kwavela ingxwabangxwaba+ phakathi kwabaFarisi nabaSadusi, yaye inkitha yahlukana. 8 Kuba abaSadusi+ bathi akukho luvuko+ nangelosi namoya, kodwa abaFarisi bazivakalisa esidlangalaleni zonke. 9 Ngoko bamemeza kakhulu,+ yaye bambi kubabhali beqela labaFarisi basukuzana ngobundlobongela, besithi: “Asifumani nto imbi kulo mntu;+ kodwa ukuba umoya okanye ingelosi ithethile kuye,+—.” 10 Ke kaloku yakukhula ingxwabangxwaba, umphathi-mkhosi woyikela ukuba uPawulos angaqwengwa ngabo, yaye wayalela ukuba umkhosi wamajoni+ uhle, umxhwile phakathi kwabo uze umzise kwindawo yokuhlala amajoni.+
11 Kodwa ngobusuku obulandelayo iNkosi yema ngakuye+ yaza yathi: “Yomelela kakhulu!+ Kuba njengoko ubunikela ubungqina obucokisekileyo+ ngezinto ezingam eYerusalem, ngoko ukwamele unikele ubungqina naseRoma.”+
12 Ke kaloku kwathi kwakuba semini, amaYuda ayila iyelenqe+ aza azibopha ngesiqalekiso,+ esithi akayi kudla, akayi kusela ade ambulale uPawulos.+ 13 Kwakukho abantu abangaphezu kwamashumi amane abayila eli yelenqe lifungelweyo; 14 yaye baya kubabingeleli abaziintloko+ namadoda amakhulu baza bathi: “Sizibophe ngokunzulu ngesiqalekiso sokungathabathi nentwana yokutya side simbulale uPawulos. 15 Ke ngoko, nina neSanhedrin yenzani kucace kumphathi-mkhosi ukuba ufanele amhlisele kuni, nenze ngathi nisazimisele ukumncina ngakumbi ngemibandela embandakanyayo.+ Kodwa ngaphambi kokuba asondele siya kube sesilungele ukumbulala.”+
16 Noko ke, unyana wodade boPawulos weva ngokulalela kwabo,+ yaye weza waza wangena kwindawo yokuhlala amajoni, wakuxela oku kuPawulos. 17 Ngoko uPawulos wabizela kuye elinye lamagosa omkhosi waza wathi: “Khokela lo mfana umse kumphathi-mkhosi, kuba kukho okuthile afuna ukumxelela kona.” 18 Ngoko yena wamthabatha waza wamsa kumphathi-mkhosi waza wathi: “Ibanjwa uPawulos lindibizele kulo laza landicela ukuba ndizise lo mfana kuwe, njengoko kukho okuthile afuna ukukuxelela kona.” 19 Umphathi-mkhosi wamthabatha+ ngesandla yaye wemka waza wambuza ngasese esithi: “Yintoni na le ufuna ukundixelela yona?” 20 Wathi: “AmaYuda avumelene ukuba akucele ngomso uhlisele uPawulos kwiSanhedrin ngokungathi azimisele ukumncina ngakumbi.+ 21 Uze ungawavumeli akweyisele, kuba kuwo apho amadoda angaphezu kwamashumi amane amlalele,+ kwaye azibophe ngesiqalekiso sokungadli nokungaseli ade abe ambulele;+ yaye ngoku selelungile, alindele isithembiso sakho.” 22 Ngoko ke umphathi-mkhosi wamndulula umfana emva kokuba emyalele ukuthi: “Musa ukudiza nakubani na ukuba uzenze zacaca ezi zinto kum.”
23 Yaye wabiza abathile ababini kumagosa omkhosi waza wathi: “Lungisani amajoni angamakhulu amabini ukuba amatshe kwangoku aye eKesareya, kwanabakhweli-mahashe abangamashumi asixhenxe nababinzi abangamakhulu amabini, ngelixa lesithathu lobusuku. 24 Kanjalo, lungiselelani amaqegu ukuze bamkhwelise uPawulos baze bamdlulisele ngokukhuselekileyo kuFeliks irhuluneli.” 25 Yaye wabhala incwadi ngolu hlobo:
26 “UKlawudiyo Lisiya kobalaseleyo, iRhuluneli uFeliks:+ Ndiyabulisa! 27 Le ndoda yabanjwa ngamaYuda yaye yayisele iza kubulawa ngawo, kodwa ngequbuliso ndeza ndinomkhosi wamajoni ndaza ndayihlangula,+ ndakuqonda ukuba ingumRoma.+ 28 Yaye ndinqwenela ukuqinisekisa isizathu sokuyimangalela kwawo, ndayihlisela kwiSanhedrin yawo.+ 29 Ndafumanisa ukuba imangalelwa ngemibandela yoMthetho wawo,+ kodwa ingamangalelwa nangenye into efanela ukufa okanye imixokelelwane.+ 30 Kodwa ngenxa yokuba iyelenqe+ eliza kwenziwa nxamnye nale ndoda liye latyhilwa kum, ndiyithumela kwaoko kuwe, yaye ndiyalela abamangaleli ukuba bathethe nxamnye nayo phambi kwakho.”+
31 Ngoko ke la majoni+ amthabatha uPawulos ngokwemiyalelo yawo aza amzisa ngobusuku kwa-Antipatris. 32 Ngemini elandelayo avumela abakhweli-mahashe ukuba bahambe naye, aza wona abuyela kwindawo yokuhlala amajoni. 33 Abo bakhweli-mahashe bangena eKesareya,+ bayinika irhuluneli incwadi baza noPawulos bamnikela kuyo. 34 Ngoko yayifunda yaza yabuza ukuba ngowaliphi na iphondo, yaye yafumanisa+ ukuba wayengowaseKilikiya.+ 35 “Ndiya kukuva ngokucokisekileyo,” yatsho, “xa abamangaleli bakho nabo befikile.”+ Yaza yayalela ukuba agcinwe ngumlindi kwibhotwe lakomkhulu likaHerode.